1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) lenze amalungiselelo eekhosi zoqeqesho lootitshala beSifundo soLwazi ngezoBomi kumakhomdo omsebenzi kumaBakala 7 - 9. Oku kuyinxalenye yokuzibophelela kwethu okuqhubekayo ukuqinisekisa ukuba kuphela ngootitshala abaqeqeshiweyo nabanamabanga emfundo abafundisa isikhokelo kumakhomdo omsebenzi ezikolweni. Bayakhuthazwa ootitshala beSifundo soLwazi ngezoBomi ukuba babhalisele ikhosi ibenye kwezi zicaciswe apha ngezantsi.
2. Uqeqesho lwahlulwe lwaba ziikhosi ezimbini:
2.1 Eyi-Level 1:
Le yikhosi yoqeqesho yosuku olunye i-entry-level training course ejolise kootitshala bamaBakala 7 - 9 abangazange bayenza ikhosi yesikhokelo kumakhomdo omsebenzi. Le khosi iyi-entry level course iya kwenza ukuba ootitshala bafake izicelo zokwenza ikhosi yoqeqesho ekhredithiweyo kwinqanaba elilandelayo.
2.2 Eyi-Level 2:
Le yikhosi yeentsuku ezintathu ekhredithwe yiSAQA nelungiselelwe kuphela ootitshala abasele begqibe ikhosi ye-Level 1 engokunika iingcebiso ngamakhondo omsebenzi. Le ikhosi ikumgangatho ophakamileyo, ibabonelela ootitshala beSifundo soLwazi ngezoBomi ngoqeqesho (qualification) lokufundisa isikhokelo kumakhomdo omsebenzi ezikolweni.
3. Zombini ezi khosi ziya kufundiswa kulo nyaka kwaye zijolise ekwenzeni ootitshala bakwazi ukukhokela abafundi kwisigaba sabadala (senior phase) ukuze babenako ukwenza izigqibo benolwazi ngezifundo abazikhethayo kwicandelo le-FET (Further Education and Training band). Olu qeqesho luthathwa njengolubaluleke gqitha njengoko abafundi abaninzi bathi bakhethe izifundo ezingabafanelanga, okuthi kubangela ukuba baqhube kakubi ezifundweni okanye bayeke isikolo bengagqibanga ukufunda.
4. Kucelwa kufundwe ngenyameko izicwangciso zeekhosi ezilapha ngezantsi phambi kokuba kungeniswe ifom yokwenza isicelo eqhotyoshelweyo. (IsiHlomelo A).

5. Ishedyuli yoqeqesho yekhosi yosuku olunye ye-Level 1

Le khosi ivuleleke kubo bonke ootitshala bamaBakala 7 - 9 abangazange bayenze le khosi ngaphambili.

Umhla nosuku Isithili semfundo Indawo Inani lootitshala
UMgqibelo,
9 Oktobha 2010

08:30 - 16:00

I-Metro North Elsies River Secondary, Halt Road,
Elsies River
25
I-Metro Central Centre for e-Innovation, Nooiensfontein Road, Kuils River 25
UMgqibelo,
23 Oktobha 2010

08:30 - 16:00

I-Metro South Centre for e-Innovation, Nooiensfontein Road, Kuils River 25
I-West Coast Weston HS, Kootjieskloof Street, Vredenburg 25
I-Cape Winelands Klein Nederburg HS, Newman Street, Paarl 25
UMgqibelo,
30 Oktobha 2010

08:30 - 16:00

I-Eden & Central Karoo Môrester HS, Oudtshoorn 25
I-Metro East Centre for e-Innovation Nooiensfontein Road, Kuils River 25
I-Overberg Groenberg HS, Adam Street, Grabouw 25
    Bebonke 200

6. Ishedyuli yoqeqesho yekhosi yeentsuku ezintathu ye-Level 2

Le khosi ivuleleke kuphela kootitshala abasele beyigqibile ikhosi ye-Level 1.

Imihla namaxesha Isithili semfundo Indawo Inani lootitshala
28 Septemba 2010 -
30 Septemba 2010

08:30 - 16:00
ngosuku ngalunye

I-Metro Central
I-Metro East
I-Metro North
I-Metro South
Sarepta HS, Weber Street, Kuils River 50
I-Eden & Central Karoo
I-Cape Winelands
I-West Coast
I-Overberg
Esselenpark Secondary School, Buitekant Street, Worcester 50
    Bebonke 100

7. Ootitshala abavela kwizithili zasemaphandleni baya kubuyiselwa ngeendleko zohambo. Abo bafuna ukwenza ibango ngezi ndleko mabeze ekhosini nale ngcaciso ilandelayo:

  • Inombolo yePESALI
  • Igama lesithuthi (make) uhlobo lwesithuthi (model), unyaka esenziwe ngawo nomthamo wenjini yesithuthi eso sisetyenzisiweyo.
  • Umgama ngeekhilomitha ukusuka esikolweni ukuya kwindawo yekhosi namanani arekhodwe yi-odomitha (odometer reading)
8. Ootitshala abasuka kwimimandla yasemaphandleni abafuna indawo yokulala mabazenzele amalungiselelo abo. Aba titshala mabangenise amabango abo eendleko zendawo yokulala ngosuku lwekhosi okanye ngosuku lokugqibela lwekhosi, phambi kokuba bahambe.
9. Ziyacelwa iinqununu ukuba ziposele okanye zifeksele okanye zithumele nge-imeyili ifom yesicelo ezaliswe ngokupheleleyo (IsiHlomelo A), ukuba iqwalaselwe nguMnu J. Sitzer, ungadlulanga umhla we-27 Julayi 2010. Idilesi yeposi neenkcukacha zoqhagamshelwano zezi zilandelayo:

  Head: Education
Attention Mr J Sitzer
Western Cape Education Department
Room 8-73, 8th Floor
Grand Central Towers
Lower Parliament Street
Cape Town
8000

Inombolo yefeksi: 021 467 2258 okanye 021 467 2620

I-imeyili: jsitzer@pgwc.gov.za

10. Ziyakhunjuzwa iinqununu ukuba ukubakho kule khosi kungathathelwa ingqalelo xa kuzaliswa ii-IQMS zootitshala.
11. Ukuba ufuna ingcaciso engaphezulu, kucelwa uqhagamshelane noMnu Sitzer, iSekela- Mcwangcisi weKharityhulam oyiNtloko weSifundo soLwazi ngezoBomi (GET) (DCES: Life Orientation (GET)), kule nombolo yefoni: 021 467 2199 okanye kule dilesi ye-imeyili: jsitzer@pgwc.gov.za
12. Ziyacelwa iinqununu ukuba zincede zazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala beSifundo soLwazi ngezoBomi bamaBakala 7 - 9 ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010-06-10

IsiHlomelo A: IFom yoKwenza iSicelo  (ubukhulu: 12 KB)