1. Okufakwe apha zizintlu zethutyana zeencwadi ezimiselwe ukufundwa nekucetyiswa ukuba zifundwe zoncwadi olufundwa kumabakala 7 - 11 ngo-2011.
2. Ezi zintlu zenziwe ngohlobo lokuba zilungiselele injongo yokuncitshiswa kwemfuneko yokuthengwa kweencwadi ezintsha kodwa zikwalungiselela ukuba kuqaliswe iincwadi ezintsha.
3. Kucelwa ukuba ungenise iingcebiso okanye iikhomenti ngalo mbandela ingadlulanga intsimbi ye-15:00 ngowe-27 Meyi 2010. IiKomiti zeeNcwadi eZimiselwe ukuFundwa (Prescribed Book Committees) ziya kuqwalasela zonke iingcebiso neekhomenti kuze, ukuba kukho imfuneko yoko, kwenziwe izilungiso phambi kokuba kukhutshwe izintlu zokugqibela.
4. Kucelwa ungenise iingcebiso kunye/okanye iikhomenti zakho kwenye yezi dilesi:

Ngeposi: Head: Education
Attention: Ms N N Ngondo
Western Cape Education Department
Private Bag X9114
Cape Town
8000
nge-imeyili: lngondo@pgwc.gov.za


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010-05-21

Grade 7 - 9
"
Draft 2011 Lists: English literature study: Grades 7, 8, 9"  (size: 28 KB)
"Draft 2011 Lists: Voorgeskrewe boeke: Graad 7,8,9"  (size: 54 KB)
"Draft 2011 Lists: African languages literature study: Grades 7, 8, 9"  (size: 21 KB)

Grade 10 & 11
"Draft 2011 Lists: English and African languages literature study: Grades 10 & 11"  (size: 20 KB)
"Draft 2011 Lists: Dramatic Arts: Grades 10 and 11"  (size: 16 KB)
"Draft 2011 Lists: Dramatiese Kunste Graad 10 & 11"  (size: 14 KB)