KWINQUNUNU



1. Njengoko usazi, isikolo sakho sakhethwa njengesinye sezikolo ezingama-250 eziza kuthatha inxaxheba kwiphulo lokuqala lokuqaliswa kongenelelo ngoncedo i-LitNum Intervention eliza kwenziwa kwiphondo liphela.
2. Ngo-2009, isikolo sakho sacelwa ukuba sikhethe ootitshala abade baye kutsho kwisi-8 ukuba baye kuqeqesho loLwazi lokuBala ngethuba leeholide zikaJulayi 2009. Oku kwaye kwalandelwa kukunikwa inkxaso noqeqesho okokoko okwaqhubekela esikolweni kwabanye ootitshala besikolo sakho.
3. Kulo nyaka siza kutshintshela kumjikelo we-Literacy/Languages cycle. Uqeqesho lootitshala abaziintshatsheli luya kwenziwa ngeentsuku ezi-5: 21 - 25 Juni, ukwenzela ukuqinisekisa elona futhe lincinane kakhulu kwiprogram yoMdlalo weBhola weNdebe yeHlabathi (Khangela isiHlomelo A3 malunga nendawo yokuqhubela uqeqesho.) Amaxesha: 8h30 ukuya ku 16h00 yonke imihla, ixesha lokurejista ngu 8h00
4. Kucelwa isikolo sakho sikhethe abanye ootitshala abasi-8 ukuba beze kuqeqesho lwe-Literacy/Languages bakhethwe ngolu hlobo lulandelayo:

ISigaba seSiseko: 1 x HOD, 1 x utitshala weBakala 1, 1 x utitshala weBakala 2, 1 x utitshala weBakala 3;
ISigaba esiPhakathi: 1 x HOD, 1 x utitshala weBakala 4, 1 x utitshala weBakala 5, 1 x utitshala weBakala 6. Aba titshala mababe ngabafundisa iiLwimi.
4.1 Izikolo ezincinane nezikolo ezineeklasi zamabakala amaninzi kwiklasi enye (multigrade classes) mazikhethe ngokwezi ndidi zingasentla kuloo meko iqhubekayo apho kuzo.
4.2 Ngenxa yemfuno yokuba kufuneka luhlale luqhubeka ithuba elide ungenelelo ngoncedo, kuphela ngootitshala abakwizithuba zengqesho ezisisigxina zeSebe iWCED abaya kuthathelwa ingqalelo. (Khangela kwakhona ku-10 apha ngasezantsi.)
5. Ziyacelwa iinqununu ukuba zizalise le fom yobhaliso iqhotyoshelweyo (isiHlomelo B3) zize zizibuyisele INGADLULANGA i-14:00 ngoLwesiHlanu, we-26 Matshi 2010 kumququzeleli we-GET wesithili semfundo ochaphazelekayo olapha ngasezantsi:

ISithili seMfundo UMququzeleli we-GET Ifoni Ifeksi
Cape Winelands Malefo Makena 023 348 0605 086 657 7632
Eden & Central Karoo Alta Raath 044 803 8300 086 511 0504
Overberg Edgar Johannes 028 214 7359 028 214 7400
West Coast Ebrahim Peck 021 860 1569 021 8725394 /
021 8711107
6. Kuya kuhlawulwa isibonelelo semali yohambo (travel allowance) phantsi kwale miqathango ilandelayo:

  • Ukuza ngokupheleleyo ekhosini okuya kungqinwa ngumququzeleli we-GET wesithili semfundo nayirejista yokubakho esayiniweyo (signed attendance register);
  • Ukuba uhambo lulonke oluhanjiweyo ngeli thuba lungaphezu kwe-100 km.

Makuncedwe kukhweliswane ezithuthini, kangangoko oku kunokwenzeka. Apho kusetyenziswa iiteksi, mabancede ootitshala benze amalungiselelo okuba bathathwe bekwindawo enye abadibanela kuyo.

7. Kwakubakho indawo yokulala nokutya (ngokuhlwa nakusasa) kususelwe koku kulandelayo:
7.1 Ukuza ekhosini yonke imihla nokungqinwe ngumququzeleli we-GET wesithili semfundo nayirejista yokubakho esayiniweyo (signed attendance register);
7.2 Kuphela xa umgama oya kwindawo yoqeqesho (kuhambo olunye) ungaphezulu kwe-60 km;
7.3 Ukulala kumagumbi ekulala ngaphezu komntu omnye kwihostele yekholeji;
7.4 Kuphela xa isicelo sendawo yokulala singeniswe ungekadluli owe-26 Matshi 2010, sihamba kunye nefom yokubhalisela ikhosi ezaliswe zonke iinkcukacha (isiHlomelo B3);
7.5 Ixesha lokuhlala: Elokungena ehostele nge-20 Juni emva kwe-16:00; elokuhamba nge-25 Juni phambi kuka-9:00;
7.6 Bayacelwa ootitshala abakhetha ukuhlala ehostele ukuba baze nezinto zabo zokulala, iitawuli nezinto zokuthambisa.
8. Ootitshala abakhetha ukuba bangahlali ehostele mabaqaphele oku kulandelayo:
8.1 Yimali eya kutsho kwi-R200 ngosuku emayenzelwe ibango (be claimed) ngokutya isidlo sangokuhlwa, ukulala nesidlo sakusasa;
8.2 Yimali eya kutsho kwi-R130 ngosuku emayenzelwe ibango ukuba umntu uhlala kwisizalwane. Eli bango malihambe kunye nengxelo efungelweyo (affidavit) eyenziwe sisizalwane eso sichaphazelekayo.
9. Onke amaxwebhu entsusa (original documentation) okuxhasa amabango ngeendleko ezenziweyo makangeniswe ngosuku lokugqibela loqeqesho. Aziyi kwamkelwa iifeksi neefotokopi. Iimali ezenzelwe amabango ziya kubuyiswa kuphela emva kokuba lwenziwe lwagqitywa uqeqesho, yaye ke ngoko ootitshala mabazilungiselele ukuhlawula kwasekuqaleni. Ziyacelwa izikolo ukuba, apho kukho imfuneko yoku, zincedise ootitshala bazo ngokumalunga noku.
10. Eli lithuba elilodwa nelahluke mpela kwamanye lootitshala abakhethiweyo ukuba babe ziintshatsheli neenkokeli kuLwazi lokuFunda nokuBhala/kwiiLwimi esikolweni sakho. Baya kuthi kwakhona bakwazi ukuncedisa ababoneleli-nkonzo kunye neSebe leMfundo ekwenzeni uqeqesho nasekunikeni inkxaso ngokwemeko engqonge isikolo ngethuba longenelelo ngoncedo. Obu budlelwane bentsebenziswano eyinzuzo macala buya kukhuthaza ukufunda nokufundiswa koLwazi lokuFunda nokuBhala/kweeLwimi kwisikolo siphela.
11. Ukuba unayo nayiphi na imibuzo, kucelwa ungathandabuzi ukuqhagamshelana nomququzeleli we-GET wesithili semfundo sakho.
12. ISebe iWCED lijonge ngethemba ekuthatheni inxaxheba kwesikolo sakho kungenelelo ngoncedo i-LitNum Intervention. Le yimpendulo ekhuthazayo kumngeni esijongene nawo wokunyusa amanqanaba olwazi lokufunda nokubhala kunye nolwazi lokubala kuzo zonke izikolo, nasekuqinisekiseni ukuba bonke abafundi bayakwazi ukufunda, ukubhala nokubala ngokwamanqanaba alindelekileyo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010-03-16

"Annexure A3: Venues and Schools for Literacy/Languages Training 21 – 25 June 2010"  (ubukhulu: 16 KB)
"Annexure B3: Registration for Literacy/Language Training 21 – 25 June 2010"  (ubukhulu: 18 KB)