KWINQUNUNU



1. Njengoko usazi, isikolo sakho sakhethwa njengesinye sezikolo ezingama-250 eziza kuthatha inxaxheba kwiphulo lokuqala lokuqaliswa kongenelelo ngoncedo i-LitNum Intervention eliza kwenziwa kwiphondo liphela.
2. Ngo-2009, isikolo sakho sacelwa ukuba sikhethe ootitshala abade baye kutsho kwisi-8 ukuba baye kuqeqesho loLwazi lokuFunda nokuBhala ngethuba leeholide zikaJulayi 2009. Oku kwaye kwalandelwa kukunikwa inkxaso noqeqesho okokoko okwaqhubekela esikolweni kwabanye ootitshala besikolo sakho.
3. Kulo nyaka siza kutshintshela kumjikelo we- Numeracy/Mathematics cycle. Uqeqesho lootitshala abaziintshatsheli luya kwenziwa ngeentsuku ezi-5: 10, 11, 12 (uMgqibelo), 14 ne- 15 Juni, okuya kwenza ke kungabikho kuphazamiseka kutheni kwithuba leholide yesikolo (Khangela isiHlomelo A2 malunga nendawo yokuqhubela uqeqesho.) Amaxesha ngala: 08:00 kuye ku-16:30 yonke imihla, ngaphandle komhla we-11 Juni 2010 apho iiseshoni ziya kuphela ngo-13:00 ukulungiselela iTheki lokuVulwa kweNdebe yeHlabathi yeSoka. Yonke imihla kubhaliswa ukususela ngo-07:30.
4. Kucelwa isikolo sakho sikhethe abanye ootitshala abasi-8 ukuba beze kuqeqesho lwe- Numeracy/Mathematics bakhethwe ngolu hlobo lulandelayo:

ISigaba seSiseko: 1 x HOD, 1 x utitshala weBakala 1, 1 x utitshala weBakala 2, 1 x utitshala weBakala 3;
ISigaba esiPhakathi: 1 x HOD, 1 x utitshala weBakala 4, 1 x utitshala weBakala 5, 1 x utitshala weBakala 6. Aba titshala mababe ngabafundisa iMathematika.
4.1 Izikolo ezincinane nezikolo ezineeklasi zamabakala amaninzi kwiklasi enye (multigrade classes) mazikhethe ngokwezi ndidi zingasentla kuloo meko iqhubekayo apho kuzo.
4.2 Ngenxa yemfuno yokuba kufuneka luhlale luqhubeka ithuba elide ungenelelo ngoncedo, kuphela ngootitshala abakwizithuba zengqesho ezisisigxina zeSebe iWCED abaya kuthathelwa ingqalelo. (Khangela kwakhona ku-7 apha ngasezantsi.)
5. Ziyacelwa iinqununu ukuba zizalise le fom yobhaliso iqhotyoshelweyo (isiHlomelo B2) zize zizibuyisele INGADLULANGA i-14:00 ngoLwesiHlanu, we-26 Matshi 2010 kumququzeleli we-GET wesithili semfundo ochaphazelekayo olapha ngasezantsi:

ISithili seMfundo UMququzeleli we-GET Ifoni I-imeyili Ifeksi
Central Charmaine Pietersen 021 671 7088 chpieter@pgwc.gov.za 021 671 3455
North Geoffrey Figaji 021 938 3000 gfigaji@pgwc.gov.za 021 938 3184
South Mzi Manzezulu 021 370 2061 mmanzezulu@pgwc.gov.za 021 372 1856
East Ursula Esau 021 900 7051 uesau@pgwc.gov.za 086 556 9519
6. Kuya kuhlawulwa isibonelelo semali yohambo (travel allowance) phantsi kwale miqathango ilandelayo:

  • Ukuza ngokupheleleyo ekhosini okuya kungqinwa ngumququzeleli we-GET wesithili semfundo nayirejista yokubakho esayiniweyo (signed attendance register);
  • Ukuba uhambo lulonke oluhanjiweyo ngeli thuba lungaphezu kwe-100 km.

Makuncedwe kukhweliswane ezithuthini, kangangoko oku kunokwenzeka. Apho kusetyenziswa iiteksi, mabancede ootitshala benze amalungiselelo okuba badibanele endaweni enye abaza kuthathwa kuyo.

7. Eli lithuba elilodwa nelahluke mpela kwamanye lootitshala abakhethiweyo ukuba babe ziintshatsheli neenkokeli kuLwazi lokuBala/kwiMathematika esikolweni sakho. Baya kuthi kwakhona bakwazi ukuncedisa ababoneleli-nkonzo kunye neSebe leMfundo ekwenzeni uqeqesho nasekunikeni inkxaso ngokwemeko engqonge isikolo ngethuba longenelelo ngoncedo. Obu budlelwane bentsebenziswano eyinzuzo macala buya kukhuthaza ukufunda nokufundiswa koLwazi lokuFunda nokuBhala/kweeLwimi kwisikolo siphela.
8. Ukuba unayo nayiphi na imibuzo, kucelwa ungathandabuzi ukuqhagamshelana nomququzeleli we-GET wesithili semfundo sakho.
9. ISebe iWCED lijonge ngethemba ekuthatheni inxaxheba kwesikolo sakho kungenelelo ngoncedo i-LitNum Intervention. Le yimpendulo ekhuthazayo kumngeni esijongene nawo wokunyusa amanqanaba olwazi lokufunda nokubhala kunye nolwazi lokubala kuzo zonke izikolo, nasekuqinisekiseni ukuba bonke abafundi bayakwazi ukufunda, ukubhala nokubala ngokwamanqanaba alindelekileyo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010-03-16

"Annexure A2: Venues and Schools for Numeracy/Mathematics Training 10, 11, 12, 14 & 15 June 2010"  (ubukhulu: 18 KB)
"Annexure B2: Registration for Numeracy/Mathematics Training 10, 11, 12, 14 & 15 June 2010"  (ubukhulu: 18 KB)