1. Ngo-2009 uMphathiswa weMfundo esiSiseko kuzwelonke (national Department of Basic Education (DBE)) wayalela ukuba kujongisiswe kwakhona (commissioned a review) ikharityhulam ukwenzela ukuphanda iingxaki ezifunyanwayo xa kuphunyezwa iNgcaciso yeKharityhulam kaZwelonke (National Curriculum Statement). Enye yeengcebiso (recommendations) ezinikiweyo xa bekujongisiswa kwakhona ikharityhulam kukuba kubonelelwe iishedyuli zomsebenzi/izicwangciso zezifundo ezikumgangatho ofanayo (standardised work schedules/lesson plans) kuzo zonke izikolo ukwenzela ukuba kuphuculwe ukufundisa nokufunda (in order to improve teaching and learning).
2. Ngokumalunga noku, iDBE njengangoku isa ezi zincedisi zokunika inkxaso ikharityhulam zilandelayo (curriculum support material) kwisikolo sikarhulumente esiqhelekileyo ngasinye esinamaBakala 1 - 6
  • Foundations for Learning Foundation Phase Literacy Lesson Plans - Grades 1, 2 & 3
  • Foundations for Learning Foundation Phase Numeracy Lesson Plans - Grades 1, 2 & 3
  • Foundations for Learning Intermediate Phase Languages Lesson Plans- Grades 4, 5 & 6
  • Foundations for Learning Intermediate Phase Mathematics Lesson Plans - Grades 4, 5 & 6

Isikolo ngasinye siya kufumana iseti yezi zincedisi zokufunda zilapha ngentla, ezikhutshwa zikwi-lever-arch file enye kwibakala ngalinye. Iseti nganye inezicwangciso zezifundo (lesson plans) zeeKota 1 no-2 kuphela.

3. Ukongeza koku, izikolo ezineeklasi zeBakala R ziya kufumana kwakhona iFoundations for Learning Grade R Resource Kit ngolwimi lokufunda nokufundisa lwesikolo (school's language of learning and teaching (LOLT)). Ezi zincedisi zokufunda ziya kuziswa zifakwe ebhokisini (presented in a box).
4. Ziyacelwa izikolo ukuba ziqinisekise oku
  • umthwalo (consignment) ufikile ngethuba kuphela uJanuwari 2010;
  • onke amaxwebhu achaphazelekayo afakiwe (are included); nokuba
  • amaxwebhu abhalwe ngolwimi lokufunda nokufundisa (LOLT) lwesikolo.
5. Ziyacelwa izikolo ukuba zixele nakuphi na ukungeziswa kwezincedisi zokufunda (non-delivery), ukushota/ukungapheleli kwazo (shortages) okanye amaxwebhu abhalwe ngolwimi olungachanekanga (incorrect language versions) kumphathi wekharityhulam kwi-ofisi yesithili semfundo yazo (curriculum manager at their education district office) zisebenzise le fom iqhotyoshelweyo (Annexure A).

Nazi iinkcukacha zoqhagamshelwano zabaphathi bekharityhulam bezithili:

ISithili seMfundoIgamaIno. yefoniIdilesi ye-imeyili
Metro CentralMr M Kleinschmidt021 514 6700mkleinsc@pgwc.gov.za
Metro NorthMr G Figaji021 938 3000gfigaji@pgwc.gov.za
Metro SouthMr G van Harte021 370 2000gvanharte@pgwc.gov.za
Metro EastMr B Schereka021 900 7000bscherek@pgwc.gov.za
West CoastDr P Boonzaaier021 860 1200pboonzaaier@pgwc.gov.za
Cape WinelandsDr B Wilson023 348 6000bwilson@pgwc.gov.za
OverbergMs J Bridgeman028 214 7300julster@pgwc.gov.za
Eden & Central KarooMs A Raath044 803 8300araath@pgwc.gov.za

6. Abacebisi ngezekharityhulam baya kuba nako ukunika uncedo ukuba naziphi na izikolo zifuna uncedo malunga nokusetyenziswa kwezi zincedisi zokufunda.
7. ISebe iWCED liyakuvuyela kakhulu ukufumana ezi zincedisi zokufunda zongezelelweyo kwaye linethemba lokuba izikolo ziya kuzifumana ziluncedo kakhulu kwimizamo yethu ehlangeneyo yokuphucula ukwazi ukufunda, ukubhala nokubala kubafundi bethu.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:02:01

Annexure A  (ubukhulu: 15 KB)