INGCACISO EMFUTSHANE YECANDELO LEKHARITYHULAM YE-GET: DCG 0010/2010 |
IYA: | KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI (KWANDLUNKULU NAKWII-OFISI ZEZITHILI ZEMFUNDO), KUBAPHATHI BEEKOMITI ZEESEKETHE, KUBACEBISI NGEZE-IMG, KUBAQUQUZELELI BOVAVANYO, KUBACEBISI NGEZEKHARITYHULAM BESIFUNDO SOLWAZI NGEZOBOM (GET), NAKWIINTLOKO ZAMAZIKO EMFUNDO ESEBE I-WCED AFUNDISA IBAKALA 7 |
| ISIFUNDO SOLWAZI NGEZOBOM (GET) - USUKU LOKUNXIBA KWABAFUNDI NGOKWAMAKHONDO OMSEBENZI (CAREER DRESS-UP DAY) NGE-8 OKTOBHA 2010 |
1. |
Usuku lokunxiba kwabafundi ngokwamakhondo omsebenzi (annual career dress-up day) luya kuba ngoLwesihlanu we-8 Oktobha 2010 njengenxalenye yoSuku lwaMakhondo oMsebenzi lwaMazwe ngaMazwe (International Career Day). |
2. |
Izikolo ziyakhuthazwa ukuba zithathe inxaxheba kwesi siganeko. |
3. |
Esi siganeko sijolise ekukhuthazeni abafundi bakuqonde ukubaluleka kokujongisisa amakhondo omsebenzi abanokuwakhetha kwixesha elizayo. Bayacelwa ootitshala beSifundo soLwazi ngezoBomi ukuba bacwangcise imisebenzi, enjengemidlalo-kulinganisa (role-play), ukubonisa nokulinganisa (presentations and simulations), apho abafundi beBakala 7 baya kuthi banxibe ngokwaloo makhondo omsebenzi banokuwalandela. |
4. |
Ezinye iimbono ngemisebenzi enokwenziwa kwesi siganeko ziya kufumaneka kwiSihlomelo A esiqhotyoshelweyo. |
5. |
Ngesesi siganeko abafundi bayakhuthazwa ukuba bacinge nzulu ngokukhetha kwabo amakhondo omsebenzi. |
6. |
Intsingiselo yolu suku intlantlu-mbini: Kukwenza abafundi beBakala 7 bakuqonde ukukhetha kwabo izifundo zexesha elizayo yaye, okwesibini, kukubakhuthaza ukuba bawajongisise amakhondo emisebenzi abanokuwalandela. |
7. |
Eli linge libe yimpumelelo kakhulu kwizikolo ezininzi ebezithatha inxaxheba ngo-2009. |
8. |
Kucelwa ukuba wazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane ootitshala beBakala 7. |
ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:09:29
Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000 Nceda ubhale iimombolo zesalathisa kuyo yonke imbalelwano Safe Schools: 0800 45 46 47 CLIENT CALL CENTRE: 0861 92 33 22
|