Ngokubhekiselele kwezi Ngcaciso ziMfutshane zeKharityhulam yeFET 0001/2010 no-0005/2010, ngokwenjenje kunikwa ingcaciso eyongezelelayo ngeemfuno zamangenelo, ishedyuli namalungiselelo okugweba kolu khuphiswano lukhankanywe apha ngasentla:

1. Ingcaciso ebalulekileyo ngeemfuno zamangenelo
1.1 Zonke izincoko mazingeniswe ngesiNgesi yaye mazitayishwe.
1.2 Isihloko sesincoko masibonakale kwiphepha lokuqala lesincoko.
1.3 Inani lamagama akwisincoko makavele kwakhona kwiphepha lokuqala.
1.4 Onke amaphepha makafakwe iinombolo.
1.5 Igama lomfundi nelesikolo malingabikho kumaphepha esincoko. Ezi nkcukacha mazivele kuphela kwifom yamangenelo.
1.6 Isincoko, kungabalwa ibhibliyografi, masibe namagama aphakathi kwe-2200 ne-2500.

2. Inkcazo-ntetho yomlomo iyinxalenye yamanqaku ewonke nekufuneka ukuba yenziwe ngesiNgesi esikolweni nangexesha lomjikelo wokugweba wokugqibela.

3. La maxwebhu alandelayo makahambe kunye nefom yamangenelo nganye:
3.1 Ifom yamangenelo ezalisiweyo
3.2 Isincoko esimakishiweyo nerubrikhi ezalisiweyo
3.3 Ikopi eqinisekisiweyo yesazisi okanye yesatifikethi sokuzalwa saseSA songenela ukhuphiswano
3.4 Ikopi eqinisekisiweyo yeziphumo zeBakala 10 zalowo ongenela ukhuphiswano neziphumo ezifundweni zikaJuni zeBakala 11
3.5 Ukubhengeza kokunyaniseka kwengcaciso (declaration of authentcity)
3.6 Ubungqina bomvuzo odityanisiweyo wabazali

4. Ishedyuli
4.1 Umhla wokuvala ukwamkelwa kwezincoko emazingeniswe kumququzeleli wesikolo: 18 Oktobha 2010
4.2 Inkqubo yokugweba ezikolweni: 18 - 27 Oktobha 2010
4.3 Ukungeniswa kwezincoko kwi-ofisi yesithili semfundo: Ingagqithanga i-29 Oktobha 2010
Lebhelisha imvulophu ngolu hlobo: For attention: Economics Curriculum Adviser (Nedbank-Treasury-WCED Bursary Competition)
4.4 Inkqubo yokugweba kwi-ofisi yesithili semfundo iya kwenziwa igqitywe yiphaneli enyuliweyo ngo-Oktobha-Novemba 2010
4.5 Amangenelo alishumi angawona abhetele kwi-ofisi yesithili semfundo nganye aya kungeniswa kwiDCES: Economics kwaNdlunkulu weSebe iWCED ungagqithanga owe-22 Novemba 2010
4.6 Abokugqibela abayi-15 baya kukhethwa yiphaneli ngoJanuwari 2011
4.7 Udliwano-ndlebe nokwaziswa kwabo baphumeleleyo ngale mihla: Kusasa ngoMvulo nangoLwesibini phambi kokwenziwa kweNtetho yeBhajethi yePhondo ngoMatshi 2011

5. Amabhaso ootitshala babafundi abaphumeleleyo
5.1 Utitshala ngamnye wabo bangenele ukhuphiswano baphumelela kwindawo 1, 2 neye-3 uya kufumana ilaptop
5.2 Ibhaso eliyimali le-R5,000 liya kunikwa utitshala ngamnye wabanye abafundi abafumene iibhasari
5.3 Iinqununu zezikolo ziya kucelwa ukuba zinike amagama ootitshala abachaphazelekayo.

6. Ingcaciso ngenkqubo yokugweba
6.1 Iikhrayitheriya eziphambili
6.1.1 Okona kugxininiswayo kolu khuphiswano kukutshatshela kwizifundo nakwiziphiwo komfundi ngamnye.
6.1.2 Eyona nto ephambili eya kujongwa kwizincoko kukuqaqamba komsebenzi (merit)
6.1.3 Izincoko ezitshatshele ngokulinganayo ziya kuvavanywa kwakhona, kusetyenziswa ezi khrayitheriya zilandelayo:

  • Iziphumo ezifundweni (iziphumo zeBakala 10 neziphumo zikaJuni kwiBakala 11)
  • Iimfuno zemali zomfundi, zisekelwe kwingeniso yekhaya yabazali okanye yabagcini bomfundi (guardians)
  • Ukukhubazeka (ukunika amathuba alinganayo kuya kuthathelwa ingqalelo)
  • Ukuthatha inxaxheba kwabafundi kwizinto ezenziwa luluntu nokuzinikela ekusombululeni iingxaki zezentlalo noqoqosho zeli lizwe
6.2 Iikhrayitheriya ezongezelelweyo

Iphaneli yabagwebi kumjikelo wokugqibela iya kuqhuba udliwano-ndlebe nabafikelele kumjikelo wokugqibela ukukhetha abaphumeleleyo. Iphaneli iya kuvavanya umfundi ngamnye ngokwezi khrayitheriya zilandelayo:

6.2.1 Ubukhali bengqondo ngokuqaqambileyo
6.2.2 Ukwazi ukulungisa ingxoxo evokothekileyo akwazi ukuthetha into evakalayo nenengqiqo
6.2.3 Ulwazi nokuqonda imiba eqhubeka ngoku kwezentlalo nezoqoqosho

7. Ingcaciso ngokubanzi
7.1 Kuya kukhethwa abafundi abali-15 bebonke njengabokugqibela (as finalists)
7.2 Bonke abagqwesileyo bokugqibela baya kuba ziindwendwe zikaRhulumente wePhondo leNtshona Koloni noNedbank, kwaye kuya kulindeleka ukuba baye kuyo yonke imisitho elungiselwe oku. Le misitho ibandakanya ukuya kwisidlo seNtetho yeBhajethi, apho uMphathiswa wezeMali aya kuba esisithethi esiphambili.
7.3 Zonke iindleko zothutho nezokuhlala baya kuzihlawulelwa abagqwesileyo bokugqibela neempelesi zabo (chaperones) abahlala kumgama ongaphezulu kwe-100 km ukusuka eKapa. Ziindleko zothutho kuphela eziya kuhlawulelwa abagqwesileyo bokugqibela neempelesi zabo ukuba bahlala kumgama ongagqithanga kwi-100 km ukusuka eKapa.
7.4 Kuya kulindeleka ukuba iimpelesi zikhaphe abafundi bazo zize zibe ngabaniki-ngcebiso (mentors) babo.

8. Imibuzo malunga nokubhalwa kwesincoko mayithunyelwe kubacebisi ngezekharityhulam besifundo se-Economics abakwii-ofisi zezithili zemfundo.

9. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okuqulethwe yile ngcaciso imfutshane bonke ootitshala beBakala11 be-Economics, Mathematics, Accounting ne-Life Orientation ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:10:05