1. Kwiinzame zokuncedisa abaviwa beBakala 12 abalungiselela iimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (National Senior Certificate examinations), iSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liya kusebenzisa izikhululo zeradiyo zasekuhlaleni (community radio stations) ukusasaza iiprogram ezijolise ekulungiseleleni iimviwo zokuphela konyaka.
2. Ootitshala nabacebisi bekharityhulam bezi zifundo baya kunika uthotho lweentetho kwiradiyo, bagxile kwikhontenti yesifundo, kumacebo okubhala iimviwo neengcebiso zokufunda (study methods).
3. Ezi program ziya kusasazwa zezi zikhululo zeradiyo zilandelayo:

Isikhululo seradiyo Amaza omoya Iintsuku Ixesha lokusasaza
Bush Radio 89.5 FM NgoMvulo, ngoLwesithathu 19:00 to 20:00
Radio Zibonele 98.2 FM NgoLwesibini, NgoLwesine 18:00 to 19:00
West Coast Radio 92.3 FM NgoLwesibini, NgoLwesine 18:00 to 19:00
Radio Eden FM 93.8 FM (George)
87.8 FM (Hessequa)
103.6 FM (Karoo)
NgoLwesibini

NgoLwesine
19:00 to 20:00

18:00 to 19:00
Radio KC 107.7 FM NgoMvulo, ngoLwesithathu 19:00 to 20:00
4. Inkqubo yesikhululo sosasazo ngasinye incanyathiselwe kule ngcaciso imfutshane.
5. ISebe leMfundo leNtshona Koloni libanqwenelela okuhle kodwa bonke abaviwa beBakala 12 kumalungiselelo abo eemviwo zokuphela konyaka.
6. Kucelwa wazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala nabaviwa beBakala 12 ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:09:02

"Radio Programmes"  (ubukhulu: 13 KB)