1. |
ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) lenza amalungiselelo ekhosi yoqeqesho lootitshala beSifundo soLwazi ngezoBomi kwiFET ukuqinisekisa ukuba bonke ootitshala bazithembile yaye banolwazi xa befundisa abafundi ngamakhondo omsebenzi. |
2. |
Kuya kuqhutywa iikhosi zoqeqesho kwi-PACE: School-to-Work Programme, kootitshala bamaBakala 10 ukuya ku-12 beSifundo soLwazi ngezoBomi abangazange bakhe baqeqeshwe kule program. Le khosi yosuku olunye iya kubanjwa ukususela ngo-8:30 ukuya ku-16:00 nge-16 Oktobha 2010 eRavensmead Secondary School, Uilswater Road, (off De la Rey Road), Ravensmead, Parow, kwakunye nase-Esselenpark Secondary School, eBuitenkant Street, eWorcester. |
3. |
Kucelwa kuze utitshala OMNYE we-FET kwisikolo ngasinye kule khosi ukuba ngaba wayengazange aye kwikhosi efana nale ngo-2009. |
4. |
Ootitshala abasuka kwizithili ezisemaphandleni baya kubuyiselwa ngeendleko zokuhamba. Ootitshala abanenjongo yokwenza izicelo zamabango entlawulo ngezi ndleko mabeze ekhosini nale ngcaciso ilandelayo:
- Inombolo yePESALI
- Umthamo wenjini yesithuthi nonyaka esenziwe ngawo
- Umgama ngeekhilomitha ukusuka esikolweni ukuya kwindawo yoqeqesho
|
5. |
Ootitshala abasuka kwizithili ezisemaphandleni abafuna indawo yokuhlala mabazenzele amalungiselelo abo. Aba titshala mabangenise amabango abo entlawulo ngeendleko zendawo yokuhlala phambi kokuba bagoduke ngosuku lokugqibela lwekhosi. |
6. |
Makuzaliswe le fom yobhaliso iqhotyoshelweyo (IsiHlomelo A) ukulungiselela utitshala oya kubakho kule khosi. Ziyacelwa inqununu ukuba zithumele ngefeksi ifom yobhaliso ezaliswe ngokupheleleyo kuNksk DJ Christiaans kule nombolo yefeksi 021 467 2258 ungadlulanga owe-10 Septemba 2010. |
7. |
Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane ootitshala beSifundo soLwazi ngezoBomi ukuze bakuthathele ingqalelo. |
ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:08:10
|