1. Isifundo soLwazi ngezoBomi sineenkalo ezine esigxile kuzo: UkuPhila Qete koMntu (Personal Well-being), IMfundo ngezoBumi (Citizenship Education), EzokuChitha isiThukuthezi nokuPhila Qete eMzimbeni (Recreation & Physical Well-being), EzaMakhondo noKhetho lwaMakhondo omSebenzi (Careers & Career Choices).
2. Izifundo zoqeqesho kwinkalo ekugxilwe kuyo: UkuPhila Qete koMntu zenziwa ngo-Apreli 2010 ukuxhobisa abaqeqeshi abakhulu (master trainers) abakhethwe zizithili zemfundo. Ezi zifundo zifikelela kwikhontenti yonke emalunga nale nkalo ekugxilwe kuyo.
3. Ukuqala ngo-Apreli 2009, iSebe iWCED lanika umfundi ngamnye okumaBakala 10 no-11 incwadi, esihloko sithi Today's Choices for FET Learners, nesethi eyahlukileyo yeToday's Choices engekhontenti yeBakala 12. Isikolo ngasinye safumana kwakhona iseti yesikhokelo sikatitshala ngotitshala ngamnye wesifundo soLwazi ngezoBomi, ehamba kunye nee-CD. Zonke ezi zinto zokufunda mazithathwe njengezinto zokuncedisa ukufunda zokongeza koko kukwincwadi yesifundo (textbook) soLwazi ngezoBomi kwanezinye izinto zokufunda.
4. Bayacelwa bonke ootitshala besifundo soLwazi ngezoBomi beFET ukuba nge-10, 11 nange-12 Juni 2010 baye koomasifundisane (workshops) kwizithili ngezithili zemfundo, apho kuya kucaciswa indlela yokusebenzisa ezi zinto zokufunda. Oomasifundisane baya kuqala ngo-8:30 baphele ngo-16:00. Iindawo abaya kuba kuzo zidweliswe kwisiHlomelo A.
5. Bayacelwa ootitshala ukuba bazalise ifom yobhaliso ezalisiweyo (isiHlomelo B) baze bayithumele ngefeksi kuNksk Hazel Visser, uMlawuli we-Life Skills and HIV/AIDS, kule nombolo yefeksi 086 567 9334, ungadlulanga owe-24 Meyi 2010. Kungaqhagamshelwana noNksk Visser ngale nombolo yefoni 021 467 2631.
6. Ootitshala abasuka kwizithili zasemaphandleni baya kubuyiselwa ngeendleko zohambo. Ootitshala abanenjongo yokwenza amabango ngezi ndleko mababe nale ngcaciso ilandelayo beze nayo kwindawo eqhubekela kuyo ikhosi:

  • inombolo yePESALI
  • Ubukhulu benjini yesithuthi esisetyenzisiweyo nonyaka wokwenziwa kwaso
  • Umgama ngeekhilomitha wokusuka esikolweni ukuya kwindawo ekuyo ikhosi
7. Ootitshala abasuka kwizithili zasemaphandleni abafuna indawo yokulala mabaqhagamshelane nomcebisi ngezekharityhulam we-Life Orientation wesithili. Aba titshala mabangenise amabango abo phambi kokuba bahambe ngosuku lomasifundisane.
8. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane ootitshala besifundo soLwazi ngezoBomi bamaBakala 10 - 12 ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010-05-14

IsiHlomelo A  (ubukhulu: 9 KB)
IsiHlomelo B  (ubukhulu: 8 KB)