1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni lenze iphakheji yomviwa ngamnye wabaviwa be-NSC baseNtshona Koloni ngo-2010 ukubanceda kumalungiselelo abo eemviwo. Le phakheji iza ikwi-folda yePVC, ibandakanya izinto zokubhala (stationery), incwadana enika iingcebiso ngokufunda, iingcebiso ngeemviwo, ithayimthebhili yoviwo, ingcaciso ngeebhasari, iingcebiso zokubanceda bafumane impumelelo kunye nenye ingcaciso eluncedo.
2. Injongo yoku kukuba le phakheji mayinikwe umfundi ngamnye weBakala 12 kwiveki yokuqala yekota yesibini ukuqaphela iintsuku eziyi-200 phambi kokuqala kweemviwo ze-NSC zika-2010.
3. Ikhuriya iya kuzisa ezi phakheji kuzo zonke izikolo eziphakamileyo ungadlulanga owe-15 Apreli 2010.
4. Inqununu okanye utitshala otyunjelwe lo msebenzi, uya kucelwa ukuba akungqine (acknowledge) ukufika kweephakheji emva kokuqinisekisa ukuba inani lezinto (items) ezisiweyo liyangqinelana ne-invoyisi ehamba kunye nebhokisi nganye. Umntu owamkela ezi phakheji makanike le ngcaciso ilandelayo kwi-invoyisi:

  • Igama lakhe, inombolo yesazisi (ID) nesiginitsha yakhe;
  • Igama nedilesi yesikolo ;
  • Istampu sesikolo ;
  • Umhla wokusiwa kweephakheji.

Ikopi ye-invoyisi mayigcinwe sisikolo.

5. Ukuba kuthe kanti inani leephakheji ezisiwe esikolweni alichanekanga, kucelwa uqhagamshelane ne-ofisi yesithili sakho semfundo. Iiphakheji ezingaphezu kwemfuneko mazibuyiselwe kwi-ofisi yesithili.
6. Bayacelwa ootitshala ukuba babakhuthaze abafundi ukuba bazifunde kwaye bazisebenzise ngokukhawuleza izinto ezikwezi phakheji ukulungiselela iimviwo zabo zokugqibela.
7. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:03:23