1. ISebe iWCED libonelela ngeprogram yokurivayiza ngo-Februwari-Matshi 2011 ukuncedisa abaviwa ababhala iimviwo zokuxabangela zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (National Senior Certificate (NCS)). Iprogram yokurivayiza, eqala nge-1 Februwari ize iphele nge-13 Matshi 2011, iya kuqhutywa ukususela ngo-15:00 ukuya ku-17:00 ngeentsuku zeveki nokususela ngo-14:00 ukuya ku-18:00 ngeeCawa. Izifundo ziya kuqhutywa ngotitshala abanamava beBakala 12 zize zisasazwe ngqo lo gama ziqhutywayo ngezixhobo zesathelayithi ukuya kumaziko akhethiweyo kwizithili zemfundo ezisibhozo zaseNtshona Koloni.

2. Izifundo zeNCS eziza kufundiswa zezi zilandelayo:

  • Mathematics
  • Physical Sciences
  • Accounting
  • Geography
  • Life Sciences
  • English FAL
  • Afrikaans HL
3. Esi siHlomelo A siqhotyoshelweyo sinethayimthebhili yezifundo.

4. Abaviwa abanqwenela ukulisebenzisa eli thuba lihle kucelwa babhalise ungadlulanga umhla we-25 Januwari 2011 kwiziko elinika inkxaso abafundi elilelona likufutshane kwindawo abahlala kuyo. (Funda isiHlomelo B ukufumana ingcaciso ngala maziko.)
4.1 Abaviwa banokubhalisa izifundo zibe zininzi kangangoko befuna kwezi zingentla.
4.2 Iifom zobhaliso (isiHlomelo C) ezizaliswe ngokupheleleyo mazingeniswe ngesandla okanye ziposelwe kwelona ziko linika inkxaso likufutshane ungadlulanga owe-25 Januwari 2011.
4.3 Bayacelwa abaviwa ukuba beze kwizifundo namaphepha emibuzo afanelekileyo abawabhalileyo ngo-Oktobha-Novemba 2010 nezinto zabo zokubhala.

5. Abaviwa abangenako ukufikelela kumaziko anika inkxaso kubafundi adweliswe kwisiHlomelo B, bangazithenga ezi zifundo zokunika inkxaso (support lessons) zikwi-DVDs ngexabiso elifikelelekayo kwiSebe iWCED ngokuzalisa ifom yoku-odola (isiHlomelo D) baze bayithumele ngefeksi kwa-EDUMEDIA apha 021 685 7421.

6. Kucelwa iinqununu zinike ikopi yethayimthebhili yokurivayiza neefom ezifanelekileyo umviwa ngamnye ofanelekileyo ukubhala iimviwo zokuxabangela ngo-Februwari-Matshi, ngosuku abaze kuthatha ngalo iziphumo zabo esikolweni.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:12:03

isiHlomelo A: "Revision programme for supplementary exam 2011"  (ubukhulu: 15 KB)
isiHlomelo B: "Location of these centres"  (ubukhulu: 20 KB)
isiHlomelo C: "Preparation for Supplementary Examinations 2011 registration form:"  (ubukhulu: 11 KB)
isiHlomelo D: "EDUMEDIA (WCED) order form"  (ubukhulu: 32 KB)