1. Njengokuba bonke ootitshala besifundo soLwazi ngezoBomi kufuneka bazithembe babe nolwazi nobuchule kwisifundo samakhondo emisebenzi (career guidance) abasifundisa abafundi, iSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) lilungiselela ukuqeqesha ootitshala besifundo soLwazi ngezoBomi be-FET.
2. Ikhosi yoqeqesho kwiprogram yePACE: School-to-Work Programme iya kwenzelwa ootitshala besifundo soLwazi ngezoBomi bamaBakala 10 - 12 abangalufumananga uqeqesho kule program ngaphambili. Le khosi yosuku olunye iya kuqhutywa nge-19 Februwari 2011 eRavensmead Secondary School, eUilswaterweg (uphuma eDe la Rey Road, Ravensmead, PAROW, ukuqala ngo-8:30-16:00.
3. Kucelwa utitshala abe MNYE we-FET kwisikolo ngasinye ukuba eze kule khosi.
4. Ootitshala abasuka kwizithili ezisemaphandleni baya kubuyiselwa ngeendleko zokuhamba. Ootitshala abanenjongo yokwenza izicelo zebango lentlawulo ngezi ndleko mabeze ekhosini nale ngcaciso ilandelayo:

  • Inombolo yePESALI
  • Umthamo wenjini yesithuthi nonyaka esenziwe ngawo
  • Umgama ngeekhilomitha ukusuka esikolweni ukuya kwindawo yoqeqesho
5. Ootitshala abasuka kwizithili ezisemaphandleni abafuna indawo yokuhlala mabazenzele amalungiselelo abo. Aba titshala mabangenise amabango abo entlawulo ngeendleko zendawo yokuhlala phambi kokuba bagoduke ngosuku lokugqibela lwekhosi.
6. Makuzaliswe ifom yobhaliso eqhotyoshelweyo (isiHlomelo A) ngotitshala ngamnye oza kube eze ekhosini. Ziyacelwa iinqununu ukuba zithumele ngefeksi ifom yobhaliso, isiHlomelo A, kuNksk D. Christiaans, apha 021 467 2258, ungadlulanga owe-31 Januwari 2011.
7. Ziyakhunjuzwa iinqununu ukuba ukuya kule khosi kungathathelwa ingqalelo xa kuzaliswa iifom ze-IQMS zootitshala.
8. Ukuba ufuna ingcaciso engaphezulu, kucelwa uqhagamshelane noNksk D Christiaans kule nombolo yefoni 021 467 2589 okanye umthumelele i-imeyili apha dchristi@pgwc.gov.za.
9. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala besifundo soLwazi ngezoBomi ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:12:03

isiHlomelo A  (ubukhulu: 8 KB)