1. Kuqhotyoshelwe apha iilisti zemibongo namabalana amafutshane azo zonke iilwimi zaseburhulumenteni eziya kufundwa kwiBakala 12 ukulungiselela uViwo lweSatifikethi seMatriki sikaZwelonke ngo2011- 2012 njengeZihlomelo 1 no-2.
2. Iingqokelela zesihobe nezamabalana amafutshane zeBakala 12 zazidweliswe ngo-2008-2009 kwiKhathalogu yoNcwadi kaZwelonke (National Literature Catalogue) yeelwimi zaseMzantsi Afrika zaseburhulumenteni zolishumi elinanye.
3. Isihobe (poetry) siyinxalenye yeemfuno zoncwadi olumiselweyo kulo ngalunye ulwimi lwaseMzantsi Afrika lwaseburhulumenteni olufundiswa kwiBakala 12. Ezi listi zemibongo (iSihlomelo 1) ziqhotyoshelwe apha ziya kwenza olunye lweendidi ezintathu zoncwadi olufundwayo kwinqanaba loLwimi lweNkobe (Home Language level), okanye zenza olunye lweendidi ezine zoncwadi olufundwayo kwinqanaba loLwimi lokuQala oLongezelelweyo (First Additional Language level).
4. Amabalana amafutshane kwakhona ayinxalenye yeemfuno zoncwadi olumiselweyo kuLwimi lokuQala oLongezelelweyo. Ezi listi ziqhotyoshelweyo zamabalana amafutshane (kwiSihlomelo 2) esiNgesi nesi-Afrikansi kwiBakala 12 zenza olunye lweendidi ezine zoncwadi olufundwayo kwinqanaba loLwimi lokuQala oLongezelelweyo.
5. Kulo mjikelo, isebe lemfundo likazwelonke alimiselanga listi intsha yamabalana amafutshane eelwimi zesiNtu zaseburhulumenteni eziza kuviwa ngethuba loViwo luka-2011 lweSatifikethi seMatriki sikaZwelonke. Inkqubo ayitshintshanga kwaye izikolo ziyacelwa ukuba zifunde amabalana amafutshane amiselweyo kwiSetyhula eS2 ka-2009 yeSebe leMfundo esiSiseko kazwelonke.
6. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane ootitshala abafundisa iilwimi kwiBakala 12.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:10:19

"DoBE Circular S2 of 2009 - Complete document"  (ubukhulu: 2,175 KB)
"DoBE Circular S2 of 2009 - Circular only (without Appendices)"  (ubukhulu: 353 KB)
"Appendix 1 & 2 - Western Cape languages only"  (ubukhulu: 717 KB)