1. Ngokolu xwebhu Regulations pertaining to the Conducting, Administration and Management of Assessment for the National Senior Certificate olwapapashwa kwiGazethi kaRhulumente No. 31337 yowe-21 Oktobha 2008, amasebe emfundo amaphondo kufuneka atyumbe iinqununu zezikolo njengabagadi babaviwa abaziintloko kwiimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (National Senior Certificate (NSC)).
2. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) liye lathi, ukuza kuthi ga ngoku, lasebenzisa abantu abangabahlali ukugada iimviwo zeMatriki nezeNSC zabaviwa abasisigxina (full-time), abangesosigxina (part-time) nababucala (private). Kodwa ke le nkqubo ayingqinelani nalo mgaqo-nkqubo ukhankanywe apha ngasentla.
3. Kwintlanganiso ye-HEDCOM yangoMeyi 2010, iSebe iWCED lavuma ukuqalisa ukusebenzisa ootitshala njengabagadi babaviwa, ukuqalela kwiimviwo zeNSC ngo-2010.
4. Yiloo nto amalungiselelo ka-2010 emi ngolu hlobo lulandelayo:
4.1 Njengoko kwakwenziwe ngo-2009, izikolo ziya kuthi kwakhona zityumbe abantu kwabo bangabahlali kuphela umgadi wabaviwa oyintloko nabagadi babaviwa abancedisayo. Aba bantu baya kuthi ke baqeshwa liSebe iWCED yaye bahlawulwe ngemisebenzi abayenzayo.
4.2 Ukongeza, iinqununu zezikolo mazityumbe ubuncinane amalungu amabini ekomiti yolawulo lwesikolo (school management team), elinye lawo kufuneka libe lisekela-nqununu, ukuba aqeqeshwe ekugadeni abaviwa kwiimviwo. Aba titshala baneqhuzu baya kujonga umsebenzi owenziwa ngumgadi wabaviwa oyintloko (shadow the chief invigilator) ngethuba lokugada abaviwa kwiimviwo ze-NSC zika-2010, ngenjongo yokuba bathathe ulawulo lweemviwo ze-NSC esikolweni ukususela ku-2011 ukuya phambili.
5. Nakuba kunjalo, iinqununu zezikolo ziya kuhlala kuzizo ezimele ukuphendula (will still be held accountable) malunga nokulawulwa kunye nokugadwa kweemviwo ezikolweni zazo ngendlela eyiyo nethembakeleyo.
6. Imfuno engummiselo kwiimviwo zeNSC zangoNovemba 2011 kukuba i-50% yenani lilonke labagadi babaviwa kwisikolo ngasinye iya kuba ngootitshala, lo gama i-50% esaleleyo iya kuba ngabantu abangabahlali. Umvi oyintloko iya kuba ngomnye wamalungu ekomiti yolawulo lwesikolo.
7. Ngo-2012, kulindeleke ukuba bonke abagadi babaviwa esikolweni babe ngootitshala nokuba inqununu iya kuba ngumgadi wabaviwa oyintloko okanye lowo igqithisele kuye amagunya. Luxanduva lwenqununu yesikolo ukuqinisekisa ukuba bonke ootitshala abatyunjwe njengabagadi babaviwa baqeqeshwe ncam.
8. NgokweMigaqo yoLawulo lwaBasebenzi (Personnel Administration Measures), ukugada abaviwa kwiimviwo zeNSC kuthathwa njengenxalenye yoxanduva lootitshala.
9. ISebe iWCED livakalisa umbulelo walo kwiinqununu zezikolo nakootitshala kwangaphambili ngentsebenziswano yabo ngokuphathelele koku.


ISAYINWE: NGU-JH LYNERS
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010-07-12


Regulations Pertaining to the Conduct, Administration and Management of Assessment for the National Senior Certificate (Government Gazette No. 31337, August 2008)
 
Complete document  (ubukhulu: 2 212 KB)
or
  Document without the Annexures  (ubukhulu: 773 KB)
  Annexures A - N  (ubukhulu: 660 KB)
  Annexures M - O  (ubukhulu: 695 KB)