1. Le thayimthebile iqhotyoshelweyo yeemviwo zango-Oktobha 2010 zeMfundo yaBadala kwiNqanaba 4 (ABET Level 4) isandula kufika ivela kwiSebe leMfundo ePhakamileyo noQeqesho. Iimviwo ziya kuqala nge-26 Oktobha 2010 zize ziphele nge-16 Novemba 2010. Zonke iiseshoni zoviwo ziya kuqala ngo-14:00. Njengoko ezi iziimviwo eziqhutywa kuzwelonke, imihla namaxesha ayafana kwilizwe lonke yaye akusayi kuvunyelwa konke konke ukutenxa kule thayimthebile yamaxesha okubhala.
2. Njengangaphambili, ngamagosa akwizithili zemfundo, amagosa akwaNdlunkulu kunye nabameli baka-Umalusi abaya kubeka esweni (monitor) inkqubo yokubhalwa kweemviwo. Umntu obeka esweni uviwo (monitor) uya kuvunyelwa ukuba abeke esweni uviwo kuphela xa evelisa ubungqina bokuzazisa (produces proof of identity) kunye neleta emgunyazisa ukuba abeke esweni uviwo egameni le-ofisi echaphazelekayo.
3. Ukuba iimviwo zibhalelwa kumasango esikolo esiqhelekileyo, umphathi weziko lemfundo yabadala makenze amalungiselelo kwangaphambili okuba kusetyenziswe igumbi elinqatyisiweyo, isakhiwo sezolawulo, amagumbi okufundisela namancedo ezindlu zangasese njl. njl.
4. Abaphathi bamaziko makancede baqinisekise ukuba abagadi babaviwa abaziintloko nabagadi babaviwa bawo baqeqeshwe ncam yaye bayakwazi ukugada ngendlela efanelekileyo ukubhalwa kweemviwo.
5. Umphathi weziko lemfundo makalawule yonke imibandela yezolawulo ephathelele kwiimviwo yaye makathi, ke ngoko, abe kwiziko lokubhalela uviwo phambi kokuqala kweseshoni nasekupheleni kweseshoni yoviwo nganye
6. Akukho mviwa makavunyelwe ukuba angene kwigumbi lokubhalela uviwo ngaphandle kokuba uveza ileta yokwamkelwa eluviweni okanye isazisi sakhe esinebhakhowudi. Abaviwa abavela kwamanye amazwe bangaveza iphasphothi endaweni yesazisi.
7. Bayacelwa abaphathi bamaziko ukuba:
7.1 banike bonke ootitshala nabaviwa ithayimthebile ngokukhawuleza ukwenzela ukuba babe nako ukwenza amalungiselelo abo okugqibela eemviwo; nokuba
7.2 bakhumbuze bonke abaviwa babo ukuba kufuneka bavelise izazisi zabo kunye neeleta zokuvunyelwa ukubhala uviwo phambi kokuba bangene kwigumbi lokubhalela uviwo ukwenzela ukuthintela nabuphi na ubutshilikithi nenkohliso yokuzenza umviwa obhalayo ungenguye. Ukuba umviwa uvunyelwe ukuba abhale uviwo engenaso isazisi esisemthethweni kunye neleta yokuvunyelwa ukubhala uviwo, oko kuya kuthathwa njengesitenxo yaye kusingathwe ngolo hlobo (will be treated as an irregularity), kuze kuxhomekeke kuphando lweSebe ukufaneleka ngokusemthethweni komviwa obhale olo viwo.
8. Kucelwa nincede ninqwenelele bonke abaviwa egameni leSebe leMfundo leNtshona Koloni impumelelo nokuhle kodwa kwiimviwo zabo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010-06-26

"Examination timetable: October 2010 ABET LEVEL 4 Examination"  (ubukhulu: 107 KB)