1. ISebe iWCED lifumene ezi zilungiso zihamba kunye nolu xwebhu ezifakelwe kwiZikhokelo zeeMviwo zeMathematika neFizikhali Sayensi zika-2009 (2009 Examination Guidelines for Mathematics and Physical Sciences) ezivela kwiSebe leMfundo esiSiseko (Department of Basic Education) ngomhla we-12 Meyi 2010.Fumana okuqhotyoshelwe apha:
1.1 IsiHlomelo A: Amendments to Examination Guidelines for Physical Sciences, NSC 2010
1.2 IsiHlomelo B: Amendments to Examination Guidelines for Mathematics, NSC 2010
2. ISebe iWCED licela uxolo ngokuba ezi Zikhokelo zikhutshwe kade ngeli thuba enyakeni kodwa linethembe lokuba zonke iinqununu ziya kwabelana ngale ngcaciso ibalulekileyo nabo bonke ootitshala nabafundi abachaphazelekayo kwizikolo zazo.
3. Amagosa eWCED aya kunika inkxaso izikolo ezifundisa ezi zifundo zibini ngokuthi axoxe nootitshala abachaphazelekayo acacise okuqulethwe zezi zilungiso zifakelweyo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010-05-12

IsiHlomelo A: "Amendments to Examination Guidelines - Physical Sciences"  (ubukhulu: 130 KB)
IsiHlomelo B: "Amendments to Examination Guidelines - Mathematics"  (ubukhulu: 109 KB)