1. Intshayelelo
1.1 ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) liya kuphinda kwakhona linike abantu abadala amathuba okubhala uviwo lukazwelonke lweMfundo noQeqesho lwaBadala iNqanaba 4 (Adult Basic Education and Training (ABET Level 4)) ngoMeyi nango-Oktobha-Novemba 2010. Imihla yoviwo imi ngolu hlobo lulandelayo:

Nge-3 Meyi 2010 - 25 Meyi 2010, nange-26 Oktobha 2010 - 16 Novemba 2010.

1.2 Iimviwo zokuqala ezisekelwe kwibanga lemfundo i-ABET Level 4 qualification ziya kubhalwa ngo-Oktobha - Novemba 2010.
1.3 Kucetyiswa ukuba abafundi babe sele befikelele koku kulandelayo ukwenzela ukuba babe nokufumana eli banga lemfundo: Communication at ABET Level 3 okanye isifundo esilingana naso, ne-Mathematical Literacy ABET Level 3 okanye isifundo esilingana naso.

2. Uvavanyo oluqhubekela emazikweni
2.1 Uvavanyo oluqhubekela emazikweni (SBA) luka-2009 luya kusebenza ngokusemthethweni (be valid) kude kube ngoJuni 2010. Oku kuthetha ukuba lunokusetyenziselwa abaviwa abalungiselela ukubhala uviwo lukazwelonke ngoMeyi 2010.
2.2 Kufike iseti entsha yemisebenzi ye-SBA yabafundi abalungiselela ukubhala iimviwo zikazwelonke zangoNovemba 2010 nangoJuni 2011 evela kwiSebe leMfundo ePhakamileyo kuzwelonke. Ii-ofisi zezithili zemfundo ziyifumene imisebenzi ye-SBA yaye ziya kuyinika amaziko emfundo yabadala kungekudala.
2.3 Umlinganiselo woviwo kuvavanyo oluqhubekela emazikweni (site-based assessment) (SBA) uya kuhlala uyi-50:50 kwi-ABET Level 4.
2.4 Kwikota yokuqala ka-2010, izithili zemfundo ziya kubamba iintlanganiso zokumisela imigangatho efanayo apho onke amaziko aqhuba uvavanyo ngoNovemba 2010 aya kufumana i-CD yemisebenzi emitsha ye-SBA. Kubaluleke kakhulu ukuba bonke ootitshala be-ABET Level 4 beze kwiintlanganiso zokumodareyitha zesithili semfundo.
2.5 Makurekhodwe ubungqina bezinto ezifundiweyo kunikwe ingxelo qho kubafundi. Ubungqina bomfundi bokuba ufundile mabuqulathe iintlobo ezihlanu zezinto emazenziwe zobungqina oburekhodiweyo (five recorded pieces of evidence).
2.6 Iiphothifoliyo zootitshala mazibe nabo bonke ubungqina bokufundisa, ukufunda nokuvavanya iprogram ethile. Iiphothifoliyo zootitshala kufuneka ke ngoko zibe neprogram yokufunda, isikhokelo sovavanyo seenkalo zezifundo, isicwangciso sovavanyo senkalo yesifundo nganye, izicwangciso zezifundo, imisebenzi yovavanyo yaseklasini nezinto zokufunda, imisebenzi nezixhobo SBA, iimakhishithi namaxwebhu omgaqo-nkqubo ofanelekileyo okufundisa ikharityhulam nokuqhuba uvavanyo lwe-ABET Level 4.

3. Iimviwo ngo-2010
3.1 Zombini iimviwo, ngoMeyi nango-Oktobha-Novemba, ziya kuqhutywa ngokwalo Mgaqo-nkqubo Policy on the Conduct, Administration and Management of ABET Level 4 Examination.
3.2 Kubalulekile ke ngoko ukuba bonke abaviwa ababhala uviwo baqeqeshwe kubuchule bokubhala uviwo (examination techniques).
3.3 Bayacetyiswa ootitshala ukuba bafunde iingxelo zabamakishi abaziintloko be-ABET Level 4, kwakunye namaphepha emibuzo exesha elidlulileyo, xa belungiselela abaviwa uviwo. Ii-CD zamaphepha emibuzo exesha elidlulileyo neempendulo ezicetyiswayo ziyafumaneka kwa-Edumedia kule nombolo yefoni 021 689 9536.
3.4 Ithayimthebhile yaseburhulumenteni kaJuni 2010 yayikhutshiwe ihamba kunye neNgcaciso eMfutshane yeCandelo loLawulo loVavanyo 0003/2010, lo gama ithayimthebhile ka-Oktobha-Novemba 2010 iya kukhutshwa ekuhambeni konyaka.
3.5 Zombini iimviwo, olukaJuni noluka-Oktobha-Novemba, ziya kubekwa esweni liSebe iWCED, ngu-Umalusi naliSebe leMfundo ePhakamileyo.

4. Inkxaso enikwa yi-ofisi yesithili semfundo

Kunokuqhagamshelwana naba bacebisi ngezekharityhulam balandelayo ukufumana inkxaso engaphezulu:

I-Ofisi yeSithili seMfundo Igosa lakwa-ABET Ifoni (yasemsebenzini)
Cape Winelands Mr Thomas Michaels (obambeleyo) 023 348 4628
Metro Central Mr Derrick Sayster (obambeleyo) 021 514 6937
Metro East Ms Rejean Muller 021 900 7014
Eden and Central Karoo Mr Dirk Henry 023 415 2070
Metro North Ms Winifred Taylor 021 938 3032
Overberg Mr Joseph Pedro 028 214 7348
083 647 4470
Metro South Ms Zukiswa Ntontela (obambeleyo)
Ms Vuyelwa Ndunduzela (obambeleyo)
021 370 2100
021 370 2053
West Coast Ms Lilian van Louw 022 913 3319
083 226 9045

5. Ibanga lemfundo elitsha nesikhokelo seenkalo zezifundo
5.1 IGazethi kaRhulumente No 32793 yowe-11 Disemba 2009 yabhengeza iSatifikethi seMfundo noQeqesho ngokuBanzi seThutyana (Interim General Education and Training Certificate (GETC) - ABET Level 4 Qualification) - ekulibanga lemfundo leNqanaba 1 (Level 1) kuMgaqo-sikhokelo wamaBanga eMfundo kaZwelonke (National Qualifications Framework).
5.2 Ibanga lemfundo lethutyana i-GETC - ABET liya kufundiswa ukuqalela ku-2010 luze uviwo lokuqala oluya kuvela lubhalwe ngo-Oktobha-Novemba 2010.

6. Bayacelwa abaphathi bamaziko namagosa ukuba babelane ngokubhalwe kule ngcaciso imfutshane nabo bonke ootitshala nabafundi abakumaziko emfundo yabadala.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:03:16

"Government Gazette No 32793"  (grootte: 110 KB)