1. Le thayimthebile iqhotyoshelweyo yeemviwo zeMfundo yaBadala kwiNqanaba 4 zangoMeyi 2010 ifike ivela kwiSebe leMfundo likazwelonke. Iimviwo ziya kuqala ngomhla wesi-3 Meyi 2010 zize ziphele nge-25 Meyi 2010. Zonke iiseshoni zoviwo ziya kuqala ngo-14:00. Njengoko ezi mviwo ziyinkqubo eyenzeka kwizwelonke, imihla namaxesha ayafana kwilizwe lonke yaye akusayi kuvunyelwa konke konke ukutenxa kule thayimthebile yamaxesha okubhala.
2. Njengangaphambili, amagosa akwii-Ofisi zeZithili zeMfundo, akwaNdlunkulu nabameli baka-Umalusi aya kubeka esweni (monitor) inkqubo yokubhalwa koviwo. Igosa elibeka esweni inkqubo malivunyelwe libeke esweni uviwo kuphela xa lithe lavelisa ubungqina bokuzazisa (proof of identity) neleta eligunyazisayo ukuba lenze oko egameni le-ofisi echaphazelekayo.
3. Ukuba iimviwo zeziko ziqhutyelwa kumasango esikolo esiqhelekileyo, umphathi weziko lemfundo yabadala makenze amalungiselelo kwangoko okusetyenziswa kwegumbi elinqatyisiweyo, kwecandelo lesakhiwo sezolawulo, kwamagumbi okufundisela namancedo ezindlu zangasese njl. njl.
4. Makancede amaziko aqinisekise ukuba abagadi babaviwa abaziintloko nabagadi babaviwa bawo baqeqeshwe ncam yaye bayakwazi ukusingatha ngempumelelo ukuqhutywa koviwo.
5. Ngumsebenzi womphathi weziko lemfundo ukusingatha yonke imibandela yezolawulo emalunga neemviwo ezichaphazelekayo. Bonke abaphathi bamaziko ke ngoko mababe kumaziko oviwo phambi kokuqala kweseshoni nasekupheleni kweseshoni yoviwo nganye.
6. Akukho mviwa makavunyelwe ukuba angene kwindawo ekubhalelwa kuyo uviwo ngaphandle kokuba aqale avelise ileta yokuvunyelwa ukubhala uviwo nesazisi.
7. Bayacelwa kwakhona abaphathi bamaziko emfundo yabadala ukuba:
7.1 banike bonke ootitshala nabaviwa ithayimthebile ngokukhawuleza ukwenzela ukuba babe nako ukwenza izicwangciso zokugqibela zeemviwo;
7.2 bakhumbuze bonke abaviwa babo ukuba kufuneka bavelise izazisi zabo kunye neeleta zokuvunyelwa ukubhala uviwo, phambi kokuba kuqale iseshoni yoviwo nganye ukuze kuthintelwe nabuphi na ubuqhophololo ekuzaziseni ngokuthi abaviwa bazenze abantu abangengabo. Ukuba umviwa uvunyelwe ukuba abhale uviwo ngaphandle kwesazisi esisemthethweni (valid identity document) neleta yokuvunyelwa ukubhala uviwo, eso senzo siya kuthathwa njengesitenxo (irregularity), ngokuxhomekeka ekuqhutyweni kophando lwesebe ngaso malunga nokuvumeleka ngokusemthethweni komviwa owabhala olo viwo.
8. Kucelwa nibanqwenelele bonke abaviwa impumelelo kwiimviwo zabo egameni leSebe leMfundo leNtshona Koloni.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:03:01

"Timetable for May 2010 ABET LEVEL 4 Examination"  (ubukhulu: 113 KB)