1. Imimiselo ephathelele kolu xwebhu Regulations Pertaining to the Conduct, Administration and Management of Assessment for the National Senior Certificate inika ithuba abaviwa ababhale iimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (National Senior Certificate (NSC)), nokuba ngaba bangabaviwa abasisigxina okanye abangesosigxina, nabangakhange bazifezekise iimfuno ezingowona mlinganiselo mncinane wokufumana i-NSC, lokuba baphinde uviwo (iimviwo) kwisifundo esinye okanye kwizifundo ezingaphezu koko.
2. Le mimiselo iphinda icacise ukuba abaviwa abalolu hlobo mabagqibe isiqinisekiso eso lingaphelanga ithuba, elona lide, eliyiminyaka emi-3, ekufuneka libandakanye umhla ekwathi kwabhalwa ngawo uviwo lwe-NSC lokuqala ngumviwa.
3. Zimbini iindidi zabaviwa abaya kuba bephinda iBakala 12:
3.1 Abaviwa abaphinda iBakala 12 ngokusisigxina (abahamba isikolo ngokusisigxina (attending school on a full-time basis));
3.2 Abaviwa abaphinda iBakala 12 ngokungesosigxina (on a part-time basis).
4. Kufuneka abaviwa abaphinda iBakala 12 abahamba isikolo ngokusisigxina bangqinelane nazo zonke iimfuno ezimiselweyo eziphathelele ekuyeni esikolweni ngokupheleleyo kwaye akufuneki banikwe naluphi na uxolelo okanye banyenyiselwe imiqathango (may not be granted any exemptions or concessions). Ezi mfuno zimiselweyo zibandakanya ukwenza zosixhenxe izifundo kunye nokwenza ii-SBA, ii-orali, iipraktikhali kunye nee-PAT.
5. Zingamkelwa izicelo zokuphinda iimviwo ze-NSC ezivela kumviwa ongesosigxina (part-time candidate) kwezi meko zilandelayo:
5.1 Abaviwa abapase iimviwo ze-NSC, kodwa abafuna ukuphucula umgangatho weziqinisekiso zabo, o.k.t. ukuze bakwazi ukwenza idiploma okanye isidanga sokuqala okanye ukwanelisa iimfuno zomsebenzi othile (Umviwa ololu hlobo uya kuvunyelwa ukuba abhalisele izifundo ezibini (2) ezona zininzi);
5.2 Abaviwa abapase iimviwo ze-NSC, kodwa abafuna ukutshintsha isifundo okanye izifundo ukuze bakwazi ukungena kumaziko emfundo aphakamileyo (tertiary institutions) (Umviwa ololu hlobo uya kuvunyelwa ukuba atshintshe izifundo ezibini (2) ezona zininzi. Kuya kufuneka aba baviwa bazifezekise zonke iimfuno ezingummiselo zeso sifundo sithile, kubandakanywa ne-SBA efunekayo kunye/okanye imisebenzi yepraktikhali yeBakala 12.)Abaviwa abangaphumelelanga isifundo esinye okanye ezingaphezu koko abafuna ukuphinda izifundo ezithile.
6. Abaviwa abanqwenela ukuphinda isifundo okanye izifundo bangacela iSebe i-WCED ukuba amanqaku ovavanyo lwabo oluqhubekela esikolweni (school-based assessment (SBA)) kunye/okanye amanqaku epraktikhali abanawo aphinde asetyenziswe nakunyaka olandelayo. Oku kuthetha ukuba akusayi kufuneka ukuba abaviwa bangenise nayiphi na imisebenzi ye-SBA okanye benze icandelo lepraktikhali lesifundo esinepraktikhali. Amanqaku alolu hlobo e-SBA nawepraktikhali aza kusebenza ngokusemthethweni (are valid) iminyaka emi-2 emva kokugqiba iimviwo ze-NSC okokuqala ezibhalwe ngumviwa.
7. Ukuba umviwa ophindayo unqwenela ukuphucula amanqaku akhe e-SBA okanye e-PAT, kuya kufuneka loo mviwa angenise, esikolweni, imisebenzi efanayo njengabo bonke abanye abaviwa abasisigxina abenza i-NSC kwisifundo esichaphazelekayo (kwizifundo ezichaphazelekayo).
8. Umhla wokuvala ukubhalisela uviwo lwe-NSC kubaviwa abaphindayo ngowe-15 Meyi kunyaka ngamnye, ngokuxhomekeka ekubeni lo mhla uphakathi evekini. Ukuba i-15 Meyi enyakeni othile ingempelaveki, umhla wokuvala kuloo nyaka uya kuba nguLwesihlanu ongaphambi nje kwe-15 Meyi. Abaviwa bangabhalisa kwiZiko laBenzelwa iiNkonzo iWCED Client Services Centre, 2nd floor Grand Central Towers, Lower Plein Street, Cape Town. Abaviwa abaphindayo abanako ukufikelela kwi-Intanethi bangabhalisela iimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (National Senior Certificate examinations) ngokusebenzisa ikhompyutha apha http://exams.wcape.gov.za
9. Ziyacelwa iinqununu zezikolo ukuba zazise okubhalwe kule Ngcaciso iMfutshane yeCandelo loLawulo loVavanyo bonke abo bachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:01:20


Regulations Pertaining to the Conduct, Administration and Management of Assessment for the National Senior Certificate (Government Gazette No. 31337, August 2008)
 
Complete document  (ubukhulu: 2 212 KB)
or
  Document without the Annexures  (ubukhulu: 773 KB)
  Annexures A - N  (ubukhulu: 660 KB)
  Annexures M - O  (ubukhulu: 695 KB)