1. |
Intshayelelo
Kuye kwasetwa imisebenzi yovavanyo lweeprakthikhali (practical assessment tasks) (PATs) kwizifundo ezikhethiweyo liSebe leMfundo likazwelonke (DoE). Ezi PAT zivavanywa ngaphakathi ezikolweni zize zimodareyithwe kwalapha kwiphondo.
|
2. |
Izifundo ezibandakanya i-PAT zezi:
|
2.1 |
Agricultural Management Practices, Agricultural Technology;
|
2.2 |
Dance Studies, Design, Dramatic Arts, Music, Visual Arts;
|
2.3 |
Computer Applications Technology, Information Technology;
|
2.4 |
Consumer Studies, Hospitality Studies, Tourism;
|
2.5 |
Civil Technology, Electrical Technology, Engineering Graphics and Design, Mechanical Technology.
|
3.1 |
Isikhokelo se-DoE sokuvavanywa kwee-PAT sihamba nale Ngcaciso iMfutshane yeeMvavanyo (Assessment Minute).
|
3.3 |
Ii-PAT zinika ithuba ootitshala ukuba baqaphele ubuchule obusetyenziswayo bomfundi kwisifundo esichaphazelekayo kwaye kufuneka zenziwe njengomsebenzi omnye owongeziweyo, ohlula-hlulwe wangamacandelo amancinane, okanye waluthotho lwemisetyenzana emifutshane.
|
3.4 |
Ezi zikhokelo zihamba nee-PAT mazinikwe ootitshala bezifundo abachaphazelekayo ukuze bakwazi ukusebenzisa la maxwebhu ekwenzeni ezi mvavanyo.
|
3.5 |
Kuya kunikwa inkxaso ngabacebisi abachaphazelekayo kwezi zifundo (relevant subject advisers) abakwii-ofisi zezithili zemfundo ekuhambeni bonyaka. Ngako oko ke kufuneka izikolo ziqinisekise ukuba ootitshala abachaphazelekayo bayaya kwiintlanganiso zesithili ezisingethe ukuvavanywa nokumodareyithwa kwee-PAT.
|
4. |
Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala nabafundi abachaphazelekayo ezikolweni zabo ukuze bakuthathele ingqalelo.
|
ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:01:08
|