1. INTSHAYELELO
1.1 Le ngcaciso imfutshane mayifundwe kunye neNgcaciso eMfutshane yoLawulo loVavanyo 0018/2009, eyayisazisa izikolo ngolawulo lotshintsho lwezifundo kumaBakala 10, 11 no-12.
1.2 Kwixesha elizayo, lonke utshintsho lwezifundo ezikolweni malwenziwe kwiCentral Education Management Information System (CEMIS).
1.3 Ziyacelwa izikolo ukuba ziluphephe naluphi na utshintsho lwezifundo kumaBakala 11 no-12 ngaphandle kokuba oko kuyimfuneko enkulu kwaye kulungiselela ngeyona ndlela ibhetele abafundi abachaphazelekayo.
1.4 Kwakubanje kuvunywe izicelo zotshintsho lwezifundo, isikolo masiqinisekise ukuba abaviwa bayazanelisa iimfuno ezingummiselo zovavanyo oluqhutyelwa esikolweni kweso sifundo sitsha.

2. IINGXAKI EZIFUMANEKILEYO KUTSHINTSHO LWEZIFUNDO NGO-2010
2.1 Uninzi lwezikolo alukhange luwuthobele umhla wokuvalwa kwezicelo zotshintsho lwezifundo ngo-2010. Ukuqala ngo-2011 ukuya phambili, akuyi kwamkelwa zicelo zingeniswa emva kwexesha.
2.2 Babe baninzi kakhulu abafundi abenza isicelo sokutshintsha izifundo ngaphezu kotshintsho oluvunyelwa ngumgaqo-nkqubo. Ziyacelwa izikolo ukuba zilandele ngqo umgaqo-nkqubo kwaye zenze izicelo ezingekho ngaphezu kwelona nani liphezulu lotshintsho lwezifundo livumelekileyo kumfundi ngamnye njengoko kucacisiwe kwiCandelo 3 lale ngcaciso imfutshane.
2.3 Ingcaciso enikwe zizikolo kwifom yokwenza isicelo ngekhompyutha (online application form) yayineenkcukacha ezingaphelelanga kwiimeko ezininzi. Izikolo mazikhumbule ukuyizalisa ikholam yokunika izizathu ezixhasa isicelo (motivation column).
2.4 Inani lilonke lezicelo zotshintsho lwezifundo kwiphondo beliphezulu kakhulu. Uninzi lwazo ibe izizicelo zokwenziwa kwezilungiso kwizicelo zobhaliso olukwiCEMIS. Xa abaphathi beze-IMG bendwendwela izikolo apha enyakeni, mabaqinisekise ukuba iishedyuli zamanqaku (mark schedules) kumabakala ahlukeneyo kwisikolo ngasinye zibonisa ubhaliso olukwiCEMIS wesikolo. Iinqununu mazinike abaphathi beze-IMG iilisti zobhaliso kwiCEMIS (CEMIS registrations).

3. INKQUBO YOKUVUNYWA KOTSHINTSHO LWEZIFUNDO KUMABAKALA 10, 11 NO-12 UKUQALA NGO-2011
3.1 UTSHINTSHO LWEZIFUNDO KWIBAKALA 10
3.1.1 Zizifundo ezibini kumfundi ngamnye ezona zininzi ngonyaka ezinokutshintshwa.
3.1.2 Olu tshintsho kwizifundo maluvunywe yinqununu luze emva koko lufakwe kwiCEMIS.
3.1.3 Umhla wokuvala kokwenza utshintsho lwezifundo ezikolweni yi-31 Julayi ngonyaka ngamnye
3.2 UTSHINTSHO LWEZIFUNDO KWIBAKALA 11
3.2.1 Zizifundo ezibini kumfundi ngamnye ezona zininzi ngonyaka ezinokutshintshwa.
3.2.2 Umhla wokuvala kokungeniswa kwezicelo zizikolo zokutshintsha izifundo yi-31 Julayi ngonyaka ngamnye.
3.2.3 Zonke izicelo zotshintsho lwezifundo mazivunywe yi-ofisi yesithili semfundo ungadlulanga owe-15 Agasti ngonyaka ngamnye.
3.3 UTSHINTSHO LWEZIFUNDO KWIBAKALA 12
3.3.1 Sisifundo esinye kumfundi ngamnye ezona zininzi ngonyaka esinokutshintshwa.
3.3.2 Umhla wokuvala kokungeniswa kwezicelo zizikolo zotshintsho lwezifundo yi-31 Januwari ngonyaka ngamnye.
3.3.3 Kuzo zonke izicelo zotshintsho lwezifundo makunikwe ingcebiso (be recommended) ngazo yi-ofisi yesithili semfundo nge-15 Februwari ngonyaka ngamnye.
3.3.4 Lonke utshintsho lwezifundo luya kuvunywa ngekhompyutha nguNdlunkulu ungadlulanga owe-28 Februwari ngonyaka ngamnye.

4. UKUVUNYWA KOTSHINTSHO LWEZIFUNDO UKUQALA NGO-2011 KUYE PHAMBILI
4.1 Kwakubanje kuvunywe isicelo sotshintsho lwezifundo, iCEMIS iya kuhlaziywa ngokuzenzekelayo ize ithumele ii-imeyili ezingqina utshintsho olo ezikolweni.
4.2 Kwiimeko ezingaqhelekanga kakhulu, o.k.t. xa kungena isicelo sotshintsho lwezifundo ezingaphezu kwezibini ngomfundi weBakala 11 okanye utshintsho lwesifundo ngaphezu kwesinye ngomfundi weBakala 12, isikolo masingenise isicelo sotshintsho lwezifundo kumququzeleli wovavanyo kwi-ofisi yesithili semfundo. Umququzeleli wovavanyo uya kufaka ekhompyutheni isicelo egameni lesikolo yaye kuya kuba nguNdlunkulu onoxanduva lokuvuma utshintsho lwezifundo.

5. UBHALISO KWI-CEMIS
5.1 Kulindeleke ukuba inqununu isayine iishedyuli zobhaliso zamaBakala 10 no-11 kwiCEMIS ingadlulanga i-15 Septemba ngonyaka ngamnye. Le nkqubo iya kucacisiwa kwiCEMIS.
5.2 Kucelwa iinqununu ziqinisekise ukuba bonke abafundi babhaliswe ngokuchanekileyo kwiCEMIS kumaBakala 10 no-11 ukwenzela ukuba luthintelwe utshintsho lwezifundo kwiBakala 12.

6. Kucelwa iinqununu namagosa ee-ofisi zezithili zemfundo ukuba bazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane ootitshala, abazali nabafundi ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:11:03