1. Okulapha ngezantsi yinkqubo ekufuneka ilandelwe ngethuba lokuqhutywa koviwo lweprakthikhali lokugqibela lweSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (National Senior Certificate) (NSC) kwezi zifundo zilandelayo:

  1. Visual Arts

  2. Design

  3. Music
2. I-VISUAL ARTS KUNYE NEDESIGN
2.1 Amaphepha emibuzo oviwo lwepraktikhali lokugqibela luka-2010 e-Visual Arts kunye neDesign i.e. Design paper 2 (Practical) and Visual Arts Paper 2 (Practical) aya kuba nala macandelo alandelayo mabini:/p>

Section A: Sourcebook (okanye) i-Workbook)

Section B: The Artwork

2.2 Amaphepha emibuzo yoviwo lwepraktikhali ye-Design ne- Visual Arts sele esiwe kuzo zonke izikolo ezifundisa ezi zifundo. Injongo yoku kusiwa kwangoko kwala maphepha emibuzo yayikukwazisa abaviwa ngophando (research) ekwakufuneka belwenzile ukwenzela ukuba bakwazi ukuphendula iCandelo A lephepha ngalinye lemibuzo yoviwo. Abaviwa kwakufuneke besayine irejista engqina ukuba balifumene iphepha lemibuzo yoviwo.
2.3 KwiKota 3, abaviwa kwakulindeleke okokuba bagqibe uphando (research) olwaneleyo baqokelele, baze badibanise zonke izinto ezifanelekileyo (appropriate material) zokulungiselela iCandelo A lala maphepha emibuzo yoviwo mabini. ICandelo A loviwo ngalunye maligqitywe ngaphambi kokuqala iCandelo B loviwo lwepraktikhali.
2.4 ICandelo B lolu viwo lwamaphepha emibuzo amabini mawagqitywe ngethuba elisusela kwi-13 Septembha 2010 ukuya kusuku lokumodareyithwa kwindawo yokubhalela uviwo kwaye ngethuba lokufundisa eliqhelekileyo. Kucetyiswa okokuba kulungiselelwe iiseshoni ezithatha ithuba elide eliziyure ezi-4 - 6 kusenziwa oku iintsuku eziliqela bade bonke abaviwa babe bawigqibile umsebenzi wabo wobugcisa (artwork) okanye umsebenzi wecandelo lezobugcisa (arts discipline) ofunekayo.
2.5 Makugadwe ngokungqongqo ngutitshala we-Arts kunye / okanye we-design ngexesha lokuqhutywa koviwo.
2.6 Umcwangcisi wekharityhulam omkhulu kunye nabacebisi ngezekharityhulam baya kuqinisekisa ukuba wonke umsebenzi wepraktikhali uyamakishwa uze umodareyithwe ngokukhawuleza emva koko. Iimihla yokumodereyitha sele iqingqiwe kwaye sele yazisiwe kuzo zonke izikolo ezifundisa i-Visual Arts and Design.

3. UMCULO (MUSIC)

Makulandelwe le nkqubo ilandelayo kwi-Music Paper 2 (Music Comprehension):

3.1 ISebe iWCED liya kubonelela isikolo okanye iziko ngalinye lokubhalela nge-compact disk(CD) kwangaphambili (in advance).
3.2 Le CD iya kufakwa yodwa ingadityaniswa namaphepha emibuzo yoviwo e-Music Paper 2.
3.3 Inqununu mayivume ukuba iyifumene i-CD ize iyigcine i-CD leyo kwindawo ekhuselekileyo.
3.4 Mazingaze izikolo zenze ikopi zale CD kwaye yi-CD eyintsusa (original) kuphela emayisetyenziswe.
3.5 Kwiveki engaphambi kweyokubhala uviwo, utitshala womculo makayivavanye i-CD kunye nezixhobo ezivelisa isandi eziya kusetyenziswa ngethuba loviwo, kukho umgadi wabaviwa oyintloko. Zonke iitrekhi ezikwi-CD mazivavanywe.
3.6 Utitshala womculo nomgadi wabaviwa oyintloko mabasayine bangqine ukuba bayivula bayitshekisha i-CD.
3.7 Ukuba i-CD inemposiso, makwaziswe ngokukhawuleza uMnu Clive Berry weCandelo loLawulo lweeMviwo kule nombolo yefoni 021 467 2265.
3.8 Ngosuku loviwo utitshala womculo makatshekishe i-CD kwiyure engaphambi kokuqalisa koviwo.
3.9 Ngethuba loviwo itrekhi yomculo nganye (each music track) mayidlalwe amatyeli aliqela acaciswe kwiphepha lemibuzo yeemviwo. Makunikwe ixesha elaneleyo phakathi kweetrekhi ukwenzela ukuba abaviwa babhale iimpendulo zabo phambi kokuba kudlalwe itrekhi elandelayo
3.10 Makungaze naphantsi kwazo naziphi na iimeko kuphindwe ukudlalwa kwetrekhi ngenxa yesicelo sabaviwa.
3.11 I-CD player mayibe neebhetri ukuqinisekisa ukuba iitrekhi zomculo zingadlalwa xa kunokumka umbane.
3.12 Makusetyenziswe igumbi elifanelekileyo nezixhobo zomculo ezinesandi esifanelekileyo ukuqinisekisa ukuba ukuvakala kwesandi (acoustics) kusemgangathweni onguwo.
3.13 Olu viwo maluqutywe ngeeyure eziyi-1½.
3.14 Bonke abaviwa mabaphume kwigumbi lokubhalela uviwo emva kokuphela kwexesha elibekiweyo. Akukho mviwa makavunyelwe emke phambi kokuphela kwexesha elibekiweyo.
3.15 Olu viwo maluqhutywe ekho umgadi wabaviwa oyintloko.

4. Iya kuthakazalelwa kakhulu intsebenziswano yakho malunga noku.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:09:21