1. |
ISebe leMfundo esiSiseko kuzwelonke lazise onke amaphondo ukuba iiMvavanyo zikaZwelonke zaqho ngoNyaka (Annual National Assessments (ANAs)) kumaBakala 1 - 6 neBakala 9, ebezilungiselelwe ukubhalwa ngoNovemba 2010, zihlehlisiwe. Ezi mvavanyo ze-ANA ziya kubhalwa kwiKota yokuqala ka-2011. Izikolo ziya kwaziswa yakuba imiselwe imihla. |
2. |
Njengoko iziphumo ze-ANA kumaBakala 1 - 6 kuLwazi lokuBala/kwiMathematika nakuLwazi lokuFunda nokuBhala/kwiiLwimi beziza kubandakanywa njengemisebenzi emiselweyo yovavavanyo ebhaliweyo (formal recorded assessment tasks) kwiKota yesi-4 ngo-2010, ziyacetyiswa izikolo ukuba ziqhubeke nemisebenzi yovavanyo lwazo lwangaphakathi kuLwazi lokuBala/kwiMathematika nakuLwazi lokuFunda nokuBhala/kwiiLwimi kwiKota yesi-4, njengoko zazenze ngolo hlobo ngo-2008.
|
3. |
Inkqubo yabafundi beBakala 9 ayiyi kuchaphazeleka njengoko zonke izikolo zizisetela iimviwo zazo zangaphakathi. |
4. |
Ezi Mvavanyo zikaZwelonke zaqho ngoNyaka mazingabhidaniswa neeMvavanyo zeNkqubo yeMfundo zeSebe iWCED (Systemic Tests). ISebe iWCED liya kuqhuba ezi mvavanyo zenkqubo yemfundo zephondo zamaBakala 3, 6 no-9 ngeli thuba 6 - 19 Oktobha 2010. |
5. |
ISebe leMfundo leNtshona Koloni licela uxolo ngenkxamleko yenu. |
ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:09:15
|