INGCACISO EMFUTSHANE YECANDELO LEZOLAWULO LWEEMVAVANYO: 0011/2010 |
IYA: | KUMASEKELA BALAWULI-JIKELELE, KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI (KWANDLUNKULU NAKWII-OFISI ZEZITHILI ZEMFUNDO), KUMASEKELA BALAWULI, KWIINGCALI ZEMFUNDO EZIZIINTLOKO, KWIINTLOKO ZOQUQUZELELO NENGCEBISO NGEZEKHARITYHULAM, KUBACEBISI NGEZEKHARITYHULAM, KUBAPHATHI BEEKOMITI ZEESEKETHE, KWIINTLOKO ZOQUQUZELELO NENGCEBISO NGEZE-IMG, KUBAPHATHI BEZE-IMG, KUMASEKELA EENGCALI ZEMFUNDO EZIZIINTLOKO, KWIINTLOKO ZOQUQUZELELO NENGCEBISO NGEZE-SLES, KUBAQUQUZELELI BOVAVANYO, IINTLOKO ZAMAZIKO ALUNGISELELA ABAVIWA IIMVIWO ZESATIFIKETHI SEMATRIKI SIKAZWELONKE NAKUBAPHATHI BAMAZIKO EMFUNDO YOLUNTU |
| UKUBEKWA ESWENI KWEEMVIWO ZEMFUNDO NOQEQESHO LWABADALA ZENQANABA 4 (ADULT EDUCATION AND TRAINING LEVEL 4), ISATIFIKETHI SEMATRIKI SIKAZWELONKE KUNYE NEMATRIKI: NGO-OKTOBHA 2010 UKUYA KUJUNI 2011 |
1. |
Ukuqinisekiswa komgangatho weenkqubo zeemviwo kuwo onke amanqanaba kubaluleke gqitha ekuqinisekiseni ukuthembeka kweziphumo zeemviwo. Oku kubandakanya utyelelo, olungayi kwaziswa abo batyelelwayo, kumaziko okubhalela iimviwo ukwenzela ukuqinisekisa ukuba zonke iinkqubo zenziwa ngendlela eyiyo nangokungqinelana nemigaqo yokuqhutywa kweemviwo, yokubhalwa kwazo nokulawulwa kwazo. |
2. |
Abameli abavela kule mibutho mithathu ilandelayo baya kubeka esweni iinkqubo zeemviwo kumagumbi okubhalela iimviwo: |
2.1 |
KwiSebe leMfundo leNtshona Koloni: Njengoko bekunjalo kwixa elidlulileyo, abaphathi beekomiti zeesekethe, abaphathi beze-IMG, amalungu eekomiti zeesekethe kunye namalungu eCandelo eliyiNtloko leeMvavanyo neeMviwo aya kutshekisha ukuba ngaba iinkqubo zeemviwo zenziwa ngendlela eyiyo na; |
2.2 |
Ku-Umalusi - IBhunga lokuQinisekisa uMgangatho kwiMfundo Ngokubanzi nakwiMfundo noQeqesho eluQhubelekayo (Council for Quality Assurance in General and Further Education and Training); na |
2.3 |
KwiSebe leMfundo esisiSeko likaZwelonke. |
3. |
Kuqeshwe amagosa okubeka esweni iimviwo avela ku-Umalusi nakwiSebe leMfundo esisiSeko likazwelonke ukulungiselela ngokukodwa le njongo yaye akayi kunyanzeleka ukuba akhatshwe ngamagosa eSebe leMfundo leNtshona Koloni xa etyelela izikolo. |
4. |
Abaphathi beekomiti zeesekethe, abaphathi beze-IMG okanye amalungu angamagosa eekomiti akayi kubeka esweni iimviwo kwiisekethe zawo kuphela. |
5. |
La magqiza aya kuba nezazisi zawo yaye aya kutshekisha zonke iinkqubo zeemviwo, umzekelo, ukukhutshwa kwamaphepha emibuzo eemviwo kumagumbi anqatyisiweyo, ukugcinwa ngokhuselekileyo nokugcinwa kwamaphepha emibuzo eemviwo kumagumbi anqatyisiweyo, ukubhalwa kanye kweemviwo kwiindawo zokubhalela iimviwo, nokugadwa kwabaviwa. |
6. |
6. Akukho mntu omakavunyelwe ukuba angene kwigumbi lokubhalela uviwo engasibonisanga isazisi esamkelekileyo esivela ku-Umalusi okanye kwiSebe leMfundo esisiSeko likazwelonke okanye ileta yokuqeshwa kwakhe njengomntu obeke esweni iimviwo (monitor) evela kwiSebe i-WCED. Ukuba kukho nayiphi na intandabuzo ngokuzazisa komntu, intloko yeziko mayifonele ngokukhawuleza uMlawuli weCandelo lezoLawulo lweeMvavanyo (uNksk Z Modimakwane) kwezi nombolo 021 467 2057 / 071 683 6286, uMlawuli weCandelo lezoLawulo lweeMviwo (Examination Administration), (uMnu AP Clausen) kwezi nombolo: 021 467 2945 / 082 773 9980, uMnu J Parbhoo kule nombolo 021 467 2572 okanye uMnu TJ Magwaca kule nombolo 021 467 2626. |
7. |
ISebe leMfundo leNtshona Koloni liyayixhasa le nkqubo yokubekwa esweni kweemviwo yaye aliyithandabuzi into yokuba iinkqubo zeemviwo kwizikolo zalo zilawulwa ngokuthembekileyo. Ziyacelwa ke ngoko iintloko zamaziko emfundo achaphazelekayo ukuba zisebenzisane namagosa okubeka esweni iimviwo ngandlela zonke. |
8. |
Aye acelwa amagosa okubeka esweni iimviwo ukuba makazixele kwi-ofisi yentloko yeziko xa efika aze enjenjalo naxa esimka. Ziyacelwa iintloko zamaziko ukuba zisayine isixhobo sokubeka esweni iimviwo (monitoring instrument) yaye ziqinisekise ukuba igosa lokubeka esweni iimviwo liyayisayina iRejista yaMagosa okuBeka eSweni iiMviwo (Register for Monitors). |
9. |
Okuhamba nale ngcaciso imfutshane ngamaxwebhu amabini (Izihlomelo A no-B) azizixhobo zokusetyenziswa ekubekeni esweni iimviwo naza kusetyenziswa ngethuba kubhalwa iimviwo. IsiHlomelo A sesokusetyenziswa ngawo onke amagosa abelwe ngokukodwa ukwenza lo msebenzi kwiisekethe zonke xa kubekwe esweni iimviwo. IsiHlomelo B siza kusetyenziswa ngamagosa enza lo msebenzi wokubeka esweni iimviwo kwiisekethe lo gama esenza imisebenzi yawo eqhelekileyo. |
ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:09:13
Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000 Nceda ubhale iimombolo zesalathisa kuyo yonke imbalelwano Safe Schools: 0800 45 46 47 CLIENT CALL CENTRE: 0861 92 33 22
|