1. Intshayelelo

Le Ngcaciso iMfutshane yeCandelo loLawulo loVavanyo yazisa ngezilungiso kolu xwebhu National Policy on the Conduct, Administration and Management of the National Senior Certificate, a Qualification at Level 4 on the National Qualifications Framework (NQF), njengoko zazipapashwe kwiGazethi kaRhulumente No. 30048, nakolu Regulations Pertaining to the Conduct, Administration and Management of Assessment for the National Senior Certificate, olwapapashwa kwiGazethi kaRhulumente No. 31337. Ezi zilungiso zifakelweyo zapapashwa kwiGazethi kaRhulumente No. 32678 yowe-3 November 2009.


2. IiMviwo zokuXabangela
2.1 Abaviwa abasisigxina (full-time), abaphindayo nabo bangesosigxina (part-time) abangazanelisanga ezona mfuno zisezantsi zokukhutshelwa isatifikethi (minimum certification requirements), kuloko abafuna izifundo ezibini ezona zininzi ukuze bafumane iSatifikethi seMatriki sikaZwelonke, baya kuvunyelwa ukuba bangenele iimviwo zokuxabangela.
2.2 Abaviwa abafanele ukubhala iimviwo zokuxabangela bangabhalisela izifundo ezibini ezona zininzi kwiimviwo zokuxabangela zonyaka olandelayo. Ezi zifundo zibini mazibe zizifundo ebezibhalwa ngumviwa kuviwo lokuphela konyaka lwangaphambili. Olu khetho lunokwenziwa kube kanye qwaba ngumviwa ongesosigxina, o.k.t., emva kokugqiba iimviwo zakhe zokuphela konyaka wokugqibela zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke.
2.3 Amanqaku afunyenwe ngabaviwa kwiimvavanyo eziqhutyelwa esikolweni (school-based assessments), kwimisebenzi yeemvavanyo ii-practical assessment tasks, nakwiimvavanyo zomlomo ii-oral assessments kwiimviwo zabo abasandula kuzibhalwa zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke, aya kusebenza ngokusemthethweni ithuba leminyaka emibini emva kokubhalwa kweemviwo ze-NSC.
2.4 Abaviwa banokubhalisela isifundo soLwazi ngezoBomi (Life Orientation), esivavanywa ngaphakathi, njengesinye sezifundo ezibini eziza kubhalwa kwakhona kwiimviwo zokuxabangela. Ukuvavanywa kwakhona kwesifundo soLwazi ngezoBomi makugqitywe kwangelo thuba lokubhalwa kweemviwo zokuxabangela.
2.5 Abaviwa abaphinda isifundo esinye okanye ezingaphezu koko baya kuvunyelwa ukuba bazidibanise izifundo zabo, ngokususela kwiimfuno ezikhoyo njengangoku zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke, ukwenzela ukuba bafumane iSatifikethi seMatriki sikaZwelonke. Xa kudityaniswa ezi zifundo, kuya kuthathelwa ingqalelo indlela aqhube ngayo umviwa kuzo zonke izifundo zosixhenxe (overall performance), ngokuxhomekeka ekubeni oku kuyazanelisa iimfuno zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke.
2.6 Umviwa ongazange abhale okanye agqibe iimviwo zakhe zokuphela konyaka ngenxa yesizathu esivakalayo, unethuba lokuvunyelwa abhale uviwo lokuxabangela kwelo phepha lemibuzo yoviwo lithile angalibhalanga kwiimviwo zokuphela konyaka. Kodwa ukuba umviwa ukhetha ukubhala isifundo sonke, uyakuvunyelwa ukuba abhale ngokwale ndlela ayikhethayo, kungakhathaliseki nokuba umviwa ubengekho eluviweni lwemibuzo yephepha elinye okanye angaphezu koko.
2.7 Abaviwa abangazanelisanga iimfuno zecandelo le misebenzi yeemvavanyo eziqhutyelwa esikolweni (school-based assessment tasks) nemisebenzi yeemvavanyo ii-practical assessment task component), bangavunyelwa ukuba baphucule amanqaku abawafumana kwicandelo lemisebenzi yeemvavanyo eziqhutyelwa esikolweni nemisebenzi yeemvavanyo ii-practical assessment task component, ngokuxhomekeka ekubeni kwenziwe amalungiselelo anelisayo nesikolo esichaphazelekayo. Le misebenzi mayingeniswe zingaphelanga iinyanga ezintathu emva kokupapashwa kweziphumo zoviwo oluchaphazelekayo. Ukungalandelwa kwalo mgaqo kuyakukhukelela ekubeni umfundi asiqale ekuqaleni isifundo ukuze afumane amanqaku ovavanyo oluqhubekayo ngokutsha.
2.8 Izicelo zokuphinda bavavanywe kwimisebenzi yeemvavanyo eziqhutyelwa esikolweni mazenziwe ngokuthi zingeniswe esikolweni, ekufuneka sona singenise iifom zezicelo ezizalisiweyo kwi-ofisi yesithili semfundo echaphazelekayo. Ziya kuthi ke ezi fom zingeniswe yi-ofisi yesithili semfundo kwiCandelo loLawulo lweeMviwo. Abazali nabafundi mabathwale uxanduva olupheleleyo lokungenisa imisebenzi yeemvavanyo esaleleyo esikolweni.
2.9 Kwimeko apho kukho isitenxo esiphandwayo, umviwa ochaphazelekayo angavunyelwa ukuba abhalisele okwethutyana (provional enrolment) uviwo lokuxabangela, ngokuxhomekeka kwisiphumo sophando.

3. IiMfuno zokuPasa nezokuKhutshelwa iSatifikethi (Promotion and Certification Requirements)
3.1 Ukunyuselwa kwisifundo esinye kuphela kuya kwenziwa ukuba ngaba umviwa akafuni ngaphezu kwe-2% ukupasa isifundo nokuba kungo-30% okanye 40%. Oko kunyuselwa kunjalo kuya kwenziwa kuphela kwisifundo esinye qwaba yaye kuphela xa ukunyuselwa oko kuya kwenza umviwa afumane iSatifikethi seMatriki sikaZwelonke. Oku kunyuselwa kuya kwenziwa kuphela kwiimviwo zokugqibela zeBakala 12.

4. Ayacelwa amagosa ezithili zemfundo neenqununu ukuba zazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala, abazali nabafundi ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:08:27

"Government Gazette No. 32678"  (ubukhulu: 630 KB)
ISICELO SOKUBHALA KWAKHONA UVAVANYO OLUGHUTYWA ESIKOLWENI  (ubukhulu: 32 KB)