1. |
I-Cape Teaching & Leadership Institute (CTLI) iya kuba iqhuba iikhosi, iinkomfa neesemina ezidweliswe kwiziHlomelo A, B, C, D no-E zeenqununu, zamasekela-nqununu, zootitshala abaziintloko zamacandelo ezifundo nezootitshala ngethuba leekota zesikolo nangeeholide zesikolo ngo-2011. |
2. |
Amagosa ezithili makatyumbe ootitshala amabeze kwezi khosi zoqeqesho ze-CTLI yaye umlawuli wesithili semfundo makasayine amagama abatyunjiweyo phambi kokuba angeniswe kwi-CTLI. Ootitshala abanomdla wokuza kwezi khosi bayacetyiswa ngamandla ukuba babhalise, ngokudlula kuqala kumagosa ee-ofisi zezithili zemfundo zabo. (Funda isiHlomelo F ukufumana iinkcukacha zoqhagamshelwano zamagosa ezithili zemfundo). Isikolo masingaze naphantsi kwazo naziphi na iimeko, siwathumele amagama abatyunjelwe iikhosi zoqeqesho ngqo e-CTLI. |
3. |
Ubhaliso kwiinkomfa neesemina malwenziwe ne-CTLI ngqo. |
4. |
Kuya kuqeshwa ootitshala ababambeleyo liSebe iWCED endaweni yezo titshala ziye ezikhosini ze-CTLI ngethuba leekota zesikolo, ngokuxhomekeka ekubeni
- akukho titshala ungaphezu kwemfuno (no teacher is in excess) esikolweni;
- utitshala obambeleyo akangotitshala ohlawulwa libhunga lolawulo; yaye
- utitshala obambeleyo akasele ebambele omnye utitshala.
|
5. |
Kungumsebenzi oluxanduva lwesikolo ukufumana nokutyumba utitshala oza kubambela utitshala oye ekhosini. |
6. |
Iikhosi ziphindwa amaxesha amaninzi enyakeni ukwenzela ukuba ootitshala bakhethe iikhosi ezifundiswa ngamaxesha abanako ngawo ukuya ezikhosini ngokupheleleyo. |
7. |
Kuphela ngootitshala abayi-50 abanokubhaliselwa ikhosi nganye. Aba titshala baya kutyunjwa kuzo zosi-8 izithili zemfundo. Oku kuthetha ukuba kuphela lelo nani liqingqiweyo lootitshala amabeze ekhosini nangaliphi na ixesha. |
8. |
Amagama abatyunjwe zii-ofisi zezithili zemfundo abo baza kuza ezikhosini eziza kuqhutywa kwikota yokuqala ka-2011 makafike e-CTLI ungadlulanga owe-3 Disemba 2010. |
9. |
Ukuba ufuna iinkcukacha ezingaphezulu, kucelwa uqhagamshelane ngaphandle kwamathandabuzo nomnye wala magosa ase-CTLI alandelayo:
|
10. |
Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo. |
ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:11:17
|