1. Nge - 9 ukuya kwi-20 Novemba 2009 iSebe leMfundo leNtshona Koloni liya kuqhuba kwakhona uphando ngemigangatho yolwazi lokufunda nokubhala neyolwazi lokubala kubo bonke abafundi beBakala 6 beli phondo. Eli iya kuba lityeli lesine ukwenza uvavanyo lweBakala 6 ukususela ngo-2003.
2. Mazincede iinqununu ziqaphela ukuba ezi mvavanyo zezeSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED Assessment Tests) AYIZIZO iimvavanyo zePhulo leZiseko zokuFunda likaZwelonke (NOT the National Foundations for Learning tests) ezenziwa liSebe leMfundo likazwelonke.
3. Injongo yolu vavanyo lweBakala 6 kukulinganisa (measure) inkqubo yabafundi ngokujonga impumelelo yabo nenkqubela eyenziwe ngabafundi kulwazi lokufunda nokubhala nakulwazi lokubala. Kwakhona olu vavanyo luya kunceda ekulungiseni undonakele (remedial function) luze luncedise i-WCED ekucwangciseni umsebenzi wokunika inkxaso nophuhliso ezikolweni.
4. Olu vavanyo lwabafundi beBakala 6 luya kusekelwa kwimigangatho echazwe kuxwebhu lweNkcazo yeKharityhulam kaZwelonke (National Curriculum Statement (NCS)).
5. Sele eqalisiwe amalungiselelo kwaye, kungekudala, kuya kwaziswa zonke izikolo ezinabafundi beBakala 6 ngenkqubo eya kulandelwa zize zinikwe nezinye iinkcukacha zezolawulo.
6. Njengoko kwakunjalo kuvavanyo lwangaphambili ngo-2007, kuza kuvavanywa iqela lonke labafundi beBakala 6 ngo-2009.
7. Ziyacelwa izikolo ukuba zimana ukuhlaziya qho iinkcukacha zabafundi bazo beBakala 6 kwi-CEMIS. IRejista yoVavanyo lwaBafundi beBakala 6 (Grade 6 Assessment Learner Register) iya kufakwa kwi-CEMIS phantsi kwesi sihloko "ASSESSMENT" ukwenzela ukuba izikolo ziyizalise zize ziyiprinte kwiintsuku ezimbini ngaphambi kosuku lovavanyo. IRejista yoVavanyo lwaBafundi iya kuba seyifumaneka ukususela ngo Septemba 2009. Ukunenzela lula, abafundi abakwiRejista yoVavanyo lwaBafundi baya kubhalwa ngolandelelwano lwe-alfabhethi eziklasini. (Umlawuli we-CEMIS makaprintele ootitshala beBakala 6 iRejista yoVavanyo lwaBafundi ukuze bayitshekishe ngocoselelo kwaye bayizalise yaye bafake kwiikholam naziphi na izilungiso zeempazamo. Qaphela: Utitshala weBakala 6 ochaphazelekayo makazalise iikholam ezifanelekileyo. Zakuba nje zigqityiwe, umlawuli we-CEMIS makafake yonke ingcaciso ayifumene kootitshala beBakala 6 kwikhompyutha aze ayiseyivele (save it) kwi-CEMIS kwiRejista yoVavanyo lwaBafundi beBakala 6.)
8. Kuya kufakwa kwakhona kwi-CEMIS iKhweshine yeeNqununu neKhweshine yooTitshala yabo bonke ootitshala beSigaba esiPhakathi (Principal Questionnaire and Teacher Questionnaire for all Intermediate Phase teachers) ukwenzela ukuba izaliswe ize iprintwe kwiintsuku ezimbini phambi kosuku lovavanyo ibe seyinikwa umlawuli wovavanyo (test administrator). Ezi khweshine ziya kuba sezifumaneka ekuqaleni kweKota yesiNe.
9. Ziyakhunjuzwa kwakhona iinqununu ukuba ingcaciso ngabafundi bazo beBakala 6 ekwi-CEMIS KUFUNEKA ifakwe ize ilungiswe iimpazamo njengoko oku kuchaphazela iziphumo zesikolo, kwakunye nezo zesekethe, zesithili nezephondo. Ukunenzela lula, iiripoti zifakwe kwi-CEMIS phantsi kwesi sihloko "ASSESSMENTS".
10. Nayiphi na imibuzo ngokubhalwe kule ngcaciso imfutshane mayibhekiswe kuGqr RS Cornelissen kule nombolo yefoni 021 467 2286 okanye ithunyelwe kuye ngale dilesi ye-imeyili rcornelissen@pgwc.gov.za
11. Kucelwa wazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo, ngakumbi ootitshala beBakala 6, ukuze bakuthathele ingqalelo.
Siya kuyithakazelela kakhulu intsebenziswano yakho malunga noku.


ISAYINWE: NGU-A SIYENGO
INTLOKO EBAMBELEYO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:09:02