1. Sele zifumaneka ngoku kwiCEMIS iziphumo zoVavanyo lweBakala 3 lwango-2008. Ukuze uzifumane ezesikolo sakho, yenza oku kulandelayo:
  • Yiya ngekhesa kule ayithem yemenyu "Assessment". Yibeke ku-"Grade 3 2008 LitNum Results" uze uklikhe. Kuya kuvela iziphumo.

  • Ukuba iziphumo aziveli, umlawuli weCEMIS makagqithele kwi-menu bar phezulu aze akhethe u-"Tools". Emva koko ase ikhesa kwi-"Pop-up Blocker" akhethe u-"Turn-off Pop-up Blocker" aze aklikhe.

  • Ngokwenza oku uyayicima i"Pop-up blocker" yaye ke kuza kwenza ukuba i-CEMIS iqale ekuqaleni kwakhona.
2. Kwakuba kugqityiwe konke oku, phinda okuxelwe kwibhulethi yokuqala (bullet one) ukuze uye kufika kwiziphumo zeBakala 3.
3. Ziyakhunjuzwa kwakhona izikolo ukuba ziyafumaneka nazo iziphumo zoVavanyo zeBakala 6 zango-2007 kwi-CEMIS phantsi ko-"Assessment".
4. Nayiphi na imibuzo emalunga nokuqulethwe yile ngcaciso imfutshane mayibhekiswe kuGqr RS Cornelissen (ifoni 021 467 2286; idilesi ye-imeyili: rcornelissen@pgwc.gov.za).

Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yenu malunga noku.



ISAYINWE: NGU-A SIYENGO
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:03:05