1. UMthetho oFakela iziLungiso kwiMithetho yeMfundo, 2007 (Education Laws Amendment Act, 2007) ufuna ukuba inqununu yesikolo ingenise ingxelo yonyaka engokufikelelwa kweethagethi ezimiselweyo kwisicwangciso sokuphucula inkqubo yabafundi ezifundweni esifakwe kwisicwangciso sokuphucula isikolo (QA8b). Kufuneka kwakhona inqununu inike ingxelo ngokusetyenziswa kwezibonelelo (use of resources).
2. Kucelwa ufumane kuqhotyoshelwe apha, iithempleyithi zokwenza ingxelo yonyaka.Kukho eyenzelwe izikolo zamabanga aphakamileyo neyenzelwe izikolo eziziiprayimari.
3. Umhla obekiweyo wokungeniswa kwengxelo yonyaka ngowe-29 Januwari 2010. Kucelwa ungenise olu xwebhu kumququzeleli we-IQMS okwi-ofisi yesithili semfundo sakho.
4. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liyaluthakazelela uncedo lwakho kulo mba


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:01:12

Annual High School Report for 2009 Template  (ubukhulu: 60 KB)
Annual Primary School Report for 2009 Template  (ubukhulu: 62 KB)