1. ICandelo loQinisekiso lweMigangatho, njengenxalenye yoPhuculo loMgangatho ngeNdlela eNtsha (Quality Improvement through Innovation Strategy) (QITIS)), lijolise ekuxhaseni ngamandla ukusetyenziswa ngendlela entsha kwazo zonke iinkqubo ezinxulumene nophuculo lomgangatho kunye nokuphendula malunga noko ukwenzayo.
2. Njengenxalenye yesicwangciso sokuqaliswa okokuqala kwale nkqubo ezikolweni, izinto elizimisele ukuzenza zakutshanje ze-QITIS zibandakanya oku kulandelayo:
  1. Ukufikelela kumgangatho obekiweyo - i-DVD yoqeqesho nenkxaso ngamandla
  2. Injongo yale DVD kukucacisa uMgaqo-nkqubo kaZwelonke wovavanyo lwesikolo siphela (whole-school evaluation (WSE)) ngokunxulumene neGazethi kaRhulumente, No. 22512 kunye nokubonisa inkqubo ye-WSE. Kufuneka izikolo ziyisebenzise i-DVD kunye ne-WSE Criteria and Guidelines, enika imigangatho yentsebenzo yezikolo;

    Indlela ecetyiswayo yokusetyenziswa kwe-DVD:

    • Uphuhliso lootitshala besikolo ekwenzeni umsebenzi wokufundisa;
    • Kuqeqesho lwamaqela abathathi-nxaxheba besikolo, anjengebhunga lolawulo lesikolo, abazali nabahlali, ukulungiselela ukuba isikolo sikwazi ukuzivavanya ngokwaso;
    • Ukuqhelaniswa nomsebenzi kwamagosa esebe angena okokuqala ezikhundleni.

  3. Iziko lewebhu - http://wced.wcape.gov.za/dqa

  4. Ukongeza, iCandelo loQinisekiso lweMigangatho liqalise iziko lewebhu lokuxhasa izikolo namagosa esebe ngokuthi:

    • lenze inkonzo yokuba ngumthombo wengcaciso ngemigangatho yemfundo neenkqubo zokubeka esweni nokuvavanya ukusebenza kweenkqubo (monitoring and evaluation processes); yaye
    • livuselele iingxoxo ezithunyelwa ngekhompyutha nokunika ingxelo ngokuqhubekayo (feedback) ejolise ekuphuculeni imfundo.

  5. Iqela leephowusta (poster bundle)

  6. Njengenxalenye yenkxaso ngamandla eqhubeka rhoqo yokuqinisekisa imigangatho, kuthunyelwe ezi phowusta ezikolweni:

    • I-Quality Assurance Model for Whole-School Development: Icacisa iinkqubo ezi-3 ezingundoqo zendlela egxininisa ukufunda (learning-centred approach) kwinkqubo yophuhliso lwesikolo siphela;
    • I-Whole-School Evaluation: Icacisa inkqubo ngokulandelelanayo ye-WSE;
    • I-School Self-Evaluation: Apha kunikwa imizekelo eyahlukeneyo, enokusetyenziswa ngokungqinelana nemeko yesikolo eso;
    • I-Performance Measurement: A Learning Organisation: Le yimithombo yolwazi yophuhliso lootitshala ukuqinisekisa ukuba iSebe iWCED liziko lokufunda elihamba namaxesha;
    • I-Nine Areas for Evaluation: Ezi zinkalo ekugxilwe kuzo ukuqinisekisa uvavanyo olupheleleyo (holistic evaluation) lwezikolo;
    • I-Thetha Nathi: Le yifasilithi yezincomo/yezigxeko ezithunyelwa kwiSebe iWCED ezijolise ekuphuculeni ukunikezelwa kwenkonzo.


ISAYINWE: NGU-KN BYDELL
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:11:18


"The DVD referred to in the minute was posted to schools."