UVavanyo lweSikolo siPhela (Whole-school Evaluation (WSE))

1. ICandelo lokuQinisekiswa kweMigangatho linqwenela ukuvakalisa umbulelo walo kuzo zonke izikolo nakumagosa ngentsebenziswano yawo ngelixa bekusenziwa i-WSE.
2. Ekuyeni ekupheleni kukaJuni 2009, zonke izikolo eziphantsi kwesiCwangciso sikaZwelonke sokuPasa kwaBafundi ngokoMnyinge oMiselweyo (National Strategy for Learner Attainment (NSLA)) zavavanywa. Ngo-2009 kuvavanywe izikolo eziyi-53, lo gama ezinye izikolo eziyi-21 ze-NSLA zavavanywa ukuqalela ku-2006 kuye ku-2008.
3. Ukuza kuthi ga ngoku, zonke iingxelo ze-NSLA sele zikhutshiwe saza eso neso isikolo sanikwa eyaso kwaye namagosa ee-ofisi zezithili zemfundo achaphazelekayo azinikiwe ezi ngxelo. Kwaye kwanikwa zonke ii-ofisi zezithili zemfundo i-CD enazo zonke iingxelo zezikolo ezavavanywayo ukuya kutsho ekupheleni kuka-2008.
4. Kuya kuthunyelwa i-CD enazo zonke iingxelo zezikolo ezazivavanywe ngo-2009 kwaNdlunkulu nakwii-ofisi zezithili zemfundo ekuyeni ekupheleni kukaNovemba 2009, ukwenzela ukuba ikwazi ukuphembelela iinkqubo zazo zongenelelo ngoncedo, kwakunye nenkxaso kuzo zonke izikolo zeSebe iWCED.

Inyathelo lokulungisa undonakele (Corrective action)

5. Kuya kuthathwa amanyathelo okulandelelela ukwenzela ukujonga ukuba ngaba ziphunyezwe kanganani na iingcebiso kwakunye nokuba zenziwe kangakanani na iinkalo zophuculo ekuxoxwe ngazo kwiingxelo ze-WSE. Imihla yokuthathwa kwenyathelo lokulungisa undonakele iya kukhutshwa kungekudala.
5. Izikolo ebezivavanywe ukuqala kuMatshi- Juni 2009 ziyacelwa ukuba zinikezele ngengxelo kwiCandelo lokuQinisekiswa kweMigangatho ngenkqubela yokuphunyuzwa kweengcebiso ebezinikezelwe yiWSE. Oku kufuneka kube yinxalenye yophononongo lweSIP ka2009 ze kufakwe kwiSIP ka2010. Itempleyti iya kuthunyelwa ezikolweni.

Ukuzivavanya kwesikolo ngokwaso (School self-evaluation) (SSE) nezicwangciso zokuphuculwa kwesikolo (school improvement plans) (SIPs))

7. Ziyakhunjuzwa zonke izikolo ukuba ezi nkqubo zilandelayo kufuneka ziphunyezwe ngoku:

a. Okufunyenweyo (findings) okukwiingxelo zokuvavanya kwesikolo siphela (WSE) makuthunyelwe kubo bonke abathathi-nxaxheba kuze kusetyenziswe xa kusenziwa ukuzivavanya kwesikolo ngokwaso (SSE);
b. Makwenziwe uvavanyo lwee-SIP zika-2009;
c. Makube sekuqalisiwe ngokuzivavanya kwesikolo ngokwaso (SSE), kunye nokwenziwa kwesicwangciso sokulawula inkalo nganye ekugxilwe kuyo esikolweni njengeprojekthi. Ukuba kuyimfuneko, kungacelwa inkxaso kwiikomiti zeesekethe (circuit teams). Okufunyenwe kwi-SSE makusetyenziselwe ukuphembelela i-SIP ehlaziyiweyo;
d. Ii-SIP zika-2010 mazibandakanye zonke ezi nkqubo zilapha ngasentla. IiNkalo ekuGxilwe kuzo u-4, 5 no-6 zinyanzelekile ukuba zenziwe kwaye kufuneka izikolo zibeke phambili (prioritise) ezinye iinkalo ekugxilwe kuzo nokuba zi-2 okanye zi-3, kukhethwe nje kuphela iikhrayitheriya ezibekwe phambili ngenxa yokubaluleka kwazo.

8. NgokoMthetho oFakela iZilungiso kwiMithetho yezeMfundo, (uMthetho 31 ka-2007) (Education Laws Amendment Act) (Act 31 of 2007)), ingxelo ngenkqubela eyenziweyo yokuphunyezwa kwe-SIP ka-2009 neethagethi ezazimiselwe loo nyaka mazingeniswe kwi-ofisi yesithili semfundo, zihamba kunye ne-SIP ka-2010. Kuya kuthunyelwa iithempleyithi kuzo zonke izikolo liCandelo loMlawuli oyiNtloko woPhuhliso noQuquzelelo lwaMaziko.
9. Umhla obekelwe ukungeniswa kwee-SIP zika-2010 yi-27 Novemba 2009 kwizikolo eziziiprayimari ne-29 Januwari 2010 kwizikolo eziphakamileyo. Ukusayinwa kwe-SIP yinqununu nganye sisiqinisekiso sokuba ukuzivavanya kwesikolo ngokwaso (SSE), kwenziwe ngendlela eyiyo, kwakunye nokuthetha-thethana nabo bonke abathathi-nxaxheba.
10. Ziyakhunjuzwa iinqununu ukuba ukuphunyezwa ngempumelelo kwee-SIP zazo kuya kuba yinto eqhubeka rhoqo. Ootitshala mabasebenzisane naloo titshala uthweswe uxanduva lokuququzelela inkalo nganye ekugxilwe kuyo kwi-SIP.

Ukulinganiswa kwentsebenzo (Performance Measurement)

11. Ukumodareyithwa kwawo onke amanqaku ootitshala makwenziwe zizo zonke iikomiti ezijongene nophuhliso lootitshala (staff development teams). Kwinqanaba lesithili, iiNtloko: zoQuquzelelo neNgcebiso ngeze-IMG ziya kumodareyitha onke amanqaku. Abaphathi beekomiti zeesekethe (Circuit Team Managers) mabamodareyithe amanqaku eenqununu. Ingxelo engenkqubo yokumodareyitha mayingeniswe kumququzeleli we-IQMS.
12. Uyakhunjuzwa ukuba umhla obekelwe ukungeniswa kwawo onke amanqaku ngowe-13 Novemba 2009 (okanye kuhanjwe ngokwemihla yesekethe eshiya-shiyanayo enikwe ngumququzeleli we-IQMS). Ziyakhunjuzwa iiNtloko zoQuquzelelo neNgcebiso ngeze-IMG nabaphathi beekomiti zeesekethe, ukuba xa besayinela ukuwavuma amanqaku (signing approval of scores), mabasekele ii-apreyizali zabo (base their appraisals) kubungqina obuhambelana nemigangatho yentsebenzo yeenqununu.


ISAYINWE: NGU-KN BYDELL
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:11:10