1. ICandelo loQinisekiso lweMigagangatho livakalisa umbulelo walo kwezo zikolo zithe zalandela ngqo imihla eyayimisiwe yokungeniswa kweziCwangciso Zophuculo lweZikolo (School Improvement Plans (SIPs)).
2. Iinqununu ziyakhunjuzwa ukuba ii-SIPs ikakhulu zimalunga nokuphuculwa kwentsebenzo yabafundi, kwaye ke ngoko zifanele zijolise ekuhlangabezeni iimfuno kanye zesikolo kubandakanywa iimfuno zophuhliso lootitshala.
3. Inkqubo yokumodareyitha esandul'ukugqitywa. Izikolo ziya kufumana inkcazo ngokuqhubekayo malunga nomgangatho wee-SIPs kwii-ofisi zezithili zemfundo, neziya kusebenzisa ii-SIPs ukuqulunqa ezazo iziCwangciso zoPhuhliso lweeSekethe (Circuit Improvement Plans (CIPs)) neziCwangciso zoPhuhliso lweZithili (District Improvement Plans (DIPs)) zazo.
4. Ziyakhunjuzwa iinqununu zezikolo ukuba ingxelo malunga nenkqubela engokuphunyezwa kwazo zonke iiprogram zophuhliso zee-SIPs kufuneka zingeniswe ungadlulanga umhla we-19 Juni 2009. Ngokubhekiselele koku, ziyacelwa iinqununu ukuba ziqaphele oku kulandelayo:
4.1 Iinqununu maziziqhube zonke iinkqubo zokuhlangabezana neemfuno zezikolo zazo, kwakunye neenkqubo zeMilinganiselo yeNtsebenzo ezenziwe zangqinelana nee-SIPs.
4.2 Kunyanzelekile ukuba kubekho ubungqina obungamaxwebhu ukulandelela intsebenzo yabo bonke ootitshala.
4.3 Ukuqeqeshwa kwabo bonke ootitshala abatsha nabaqala ngqa ukuphumeza ezi nkqubo (first time implementers), makwenziwe yiKomiti yoPhuhliso lweSikolo (School Development Team) nababoneleli-nkonzo besebe.
4.4 Kufuneka iinqununu ziqinisekise ukuba uMlinganiselo weNtsebenzo ufakwe ngokupheleleyo (embedded) kwindlela eqhelekileyo yokusebenza kwesikolo yemihla ngemihla - umalunga nokucwangcisa nokuphumeza iinkqubo zokuphucula impumelelo yabafundi ngohlobo oluqhubeka okokoko.
5. Kucelwa niqaphele ikhalenda ye-IQMS ethunyelwe kuzo zonke izikolo. Utitshala ngamnye kumele ukuba uyifumene eyakhe.


ISAYINWE: NGU-KN BYDELL
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:03:20

ikhalenda ye-IQMS  (ubukhulu: 28 KB)