1. ICandelo loQinisekiso lweMigangatho libulela zonke izikolo ngentsebenziswano yazo ngo-2008 kwaye, apho kufaneleke khona, ngokuthi ziyithobele imihla ekwikhalenda ye-IQMS eyenzelwe ezemfundo ngo-2008.
2. NgokweMvumelwano 8 ephakathi koMqeshi neMibutho yaBasebenzi (Collective Agreement) ka-2003, esingethe umba weNkqubo eBanzi yoLawulo lweMigangatho ((Integrated Quality Management System) (IQMS)), bayacelwa ootitshala ukuba baqhube inkqubo yoku-apreyiza intsebenzo qho ngonyaka, neya kusetyenziswa ukumisela ukufumana uchatha kwimivuzo yabo.
3. Xa ootitshala behamba besuka kwesinye isikolo beya kwesinye, kubalulekile ukuba amaxwebhu abo e-IQMS atshintshelwe kwisikolo esitsha ukuqinisekisa ukuqhubela okokoko kwenkqubo ye-IQMS ingaphazamiseki. Le flowu tshathi iqhotyoshelwe apha ngasezantsi ibonisa inkqubo emayilandelwe xa kufuneka amaxwebhu e-IQMS afike kwisikolo athunyelwa kuso kwangethuba.
4. Iikhalenda ze-IQMS sezithunyelwe ezikolweni kwaye utitshala ngamnye ufanele ukuba seyifumene eyakhe.
5. Abasanda kungena kumsebenzi wobutitshala bafanele ukufumana uqeqesho lingadlulanga ixesha elimiselweyo. Olu qeqesho luxanduva lwekomiti yophuhliso lwesikolo (school development team). Nakuba kunjalo, i-WCED inika kwakhona iiseshoni ezimbini zoqeqesho kwi-ofisi yesithili semfundo nganye qho ngonyaka ukulungiselela ootitshala abatsha. Abaququzeleli be-IQMS baya kunika izikolo iinkcukacha ezingaphezulu.


ISAYINWE: NGU-SH MAFANGA-KIBI
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:02:09

Le flowu tshathi iqhotyoshelwe  (ubukhulu: 49 KB)