1. Imisebenzi yeCandelo loQuquzelelo lweMigaqo-nkqubo imi ngolu hlobo lulandelayo:
  • Kukuqalisa lize liphonononge izicelo zokuphuhliswa komgaqo-nkqubo;
  • Kukuququzelela ukulungelelaniswa (alignment) kwemigaqo-nkqubo;
  • Kukulawula iRejista yeMigaqo-nkqubo (Policy Register);
  • Kukulungiselela inkqubo yokwazisa imigaqo-nkqubo;
  • Kukunika ingcebiso yobungcali nenkxaso ekwenziweni komgaqo-nkqubo;
  • Kulungiselela inkqubo yezomthetho elandelwayo.
2. Njengomququzeleli wenkqubo yokwaziswa kwemigaqo-nkqubo kwiSebe iWCED, iCandelo loQuquzelelo loMgaqo-nkqubo linovuya ukwazisa ukuba ngoku lineziko lewebhu loququzelelo lwemigaqo-nkqubo apha http://wcedpolicy.pgwc.gov.za.
3. Injongo yeli ziko lewebhu kukuncedisa ekwaziseni umgaqo-nkqubo wezemfundo kwiPhondo laseNtshona Koloni.
4. Ukwenzela ukuncedisa ekwakheni umgaqo-nkqubo wokudala unxibelelwano nobudlelwane kuwo onke amanqanaba, eli ziko lewebhu liya kunika ithuba lokufikelela kwiRejista yeMigaqo-nkqubo yeSebe iWCED, apho abo balisebenzisayo banokukhangela khona imigaqo-nkqubo neenkqubo zecandelo ngalinye okanye zonyaka ngamnye. Kukwakho ne-resource page, evumela ukufikelela kwizigwebo phantsi komthetho wezemfundo eziwiswa yiNkundla ePhakamileyo, iMithetho kazwelonke neyephondo enxulumene nezemfundo, Ingxelo kaRhulumente ngeMigaqo-nkqubo yezemfundo (education White Papers), nemigaqo-nkqubo yezemfundo yephondo ngemiba eyahlukeneyo. Iziganeko ezicwangciswe leli candelo ziya kubhalwa kwidayari yeziko lewebhu ukunenzela lula.
5. Sijonge phambili ekusebenzisaneni nani kwaye siya kuzamkela iikhomenti zenu enizithumela ngekhompyutha (online comments) ezimalunga nokuphuculwa kweli ziko lewebhu.


ISAYINWE: NGU-L COLERIDGE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:11:18