1. |
Ukufakwa kweedatha yokupasa kwabafundi kwi-CEMIS kuya kuba nokwenziwa ukususela ngoMvulo we-16 Novemba 2009.
|
2. |
Le nkqubo iya kufana naleyo yonyaka ka-2008.
|
3. |
Kucelwa uqinisekise ukuba kuphela ngabafundi ababhaliswe njengangoku esikolweni sakho nabaya kufumana iziphumo zokupasa zokugqibela (final promotion result) esikolweni abavelayo kwiCEMIS.
|
3.1 |
Nawuphi na umfundi omkileyo esikolweni waya kwesinye isikolo makakhutshwe kwiCEMIS.
|
3.2 |
Nawuphi na umfundi oye kwelinye iphondo okanye ilizwe makakhutshwe kwiCEMIS.
|
3.3 |
Nawuphi na umfundi okhoyo esikolweni sakho kodwa engekho kwiCEMIS, makafakwe kwiCEMIS ukuze avele njengomfundi okhoyo njengangoku esikolweni sakho.
|
3.4 |
Konke ukutshekishwa nokukorekishwa/nokulungiswa (checking and correcting) kweenkcukacha zabafundi esikolweni kufuneka kugqitywe ukwenziwa ngoLwesihlanu we-13 Novemba 2009 kuba ukutshintshwa okanye ukubhaliswa kwiCEMIS akunako ukwenziwa xa iCEMIS itshintshela kwi-promotions mode ukususela ngoMvulo we-16 Novemba 2009.
|
4. |
Ukufakwa kweenkcukacha zokupasa (promotion results) ekhompyutheni
|
4.1 |
Ikhesa (cursor) mayijonge ku-"Promotions 2009" uze uklikhe ku-"Promotion summary".
|
4.2 |
Klikha kwi-blue hyperlinked grade ofuna ukufaka kuyo idatha yee-promotion results. Kuya kuvela uluhlu lwamagama abafundi bebakala elo.
|
4.3 |
Ungakhetha iqela leeklasi (class group) kwibakala, ukuba ufuna ukufaka ii-promotion results zabafundi ngeklasi nganye. Kukho i-class selector kumntla wesikrini esivulekayo (upper section of the screen that opened.)
|
4.4 |
Kukho amanyathelo amathathu okunika (allocating) ii-promotion results kumfundi okanye kwiqela labafundi:
|
4.4.1 |
Tshekisha umfundi (Klikha kwi-tick box ecaleni kwegama lomfundi). Iqhosha -"Check all", ngentla kwamanani, likuvumela ukuba utshekishe bonke abafundi ngaxeshanye. Iqhosha u-"Uncheck all" lisusa iithikhi kumagama abafundi;
|
4.4.2 |
Khetha i-promotion result esebenzayo kubafundi abatshekishwayo (abakhethiweyo) (checked (selected) learners). Ezi ndidi zinokukhethwa zezi:Ready to Progress (RP), Not ready to progress (NRP) kumaBakala 1 - 8 lo gama kuya kuvela u-Promoted (P), okanye u-Not Promoted (NP), kubafundi bamaBakala 9 - 11;
|
4.4.3 |
Klikha ku-submit button;
|
4.4.4 |
Itheyibhile ipromotion summary table iya kubonisa ukuba ngaba ipromotion status inikwe bonke abafundi na. Inani labafundi ekusafuneka lifumene ipromotion status liya kuboniswa ngenombolo eblowu kwikholam engasekhohlo. Xa ikholam engasekhohlo ino-0 (zero) kuwo onke amabakala, oku kuthetha ukuba bonke abafundi banikwe i-promotion result.
|
4.5 |
Abafundi abazii-borderline cases makwazise ngabo umphathi weze-IMG, banokufakwa ngokunjalo phambi kokuba inqununu idibane nomphathi weze-IMG. Kungongezwa nenqakwana (note) ukufaka nayiphi na ingcaciso ebalulekileyo ngomfundi inqununu engathanda ukuba iqwalaselwe ngumphathi weze-IMG xa esenza isigqibo ngepromotion result yomfundi. Umphathi weze-IMG uya kunika ipromotion status kubafundi abazii-borderline cases.
|
4.6 |
Abafundi bebakala le-Pre-grade R neBakala R kwiCEMIS baya kupasa bonke (be promoted automatically) baye kwibakala elilandelayo. Isikolo masibonise ukuba ngabaphi na abafundi amabaphinde ibakala ngokukhetha abafundi nokutshintsha i-promotion status ibe ngu-NRP.
|
4.7 |
Inqununu mayiyilawule le nkqubo ngohlobo oluya kuqinisekisa ukuba i-promotion result efakiweyo kwiCEMIS kumfundi ngamnye ingqinelana twatse ne-promotion result evela kwishedyuli yesikolo i-school promotion schedule. Ukufakwa kwepromotion result makwenziwe ngocoselelo nangokuchanekileyo. Inqununu mayibenako ukubonisa umphathi weze-IMG ukuba iishedyuli iischool promotion schedules kwibakala ngalinye ziyangqinelana neeshedyuli iiCEMIS promotion schedules.
|
5. |
I CEMIS promotion schedule -
|
5.1 |
Emva kokugqitywa kwee-promotion results zabo bonke abafundi kwibakala kwaza kwatshekishwa ukuchaneka kwazo, kungaprintwa ishedyuli yokugqibela iCEMIS promotion schedule.
|
5.2 |
Le shedyuli mayinikwe umphathi weze-IMG kunye neshedyuli yesikolo yokupasa kwabafundi ischool promotion schedule. Inqununu mayibenako ukubonisa umphathi weze-IMG ukuba iishedyuli zesikolo neeshedyuli iiCEMIS promotion schedules ziyangqinelana.
|
5.3 |
Makungqinwe ukuba abafundi abakwi-NRP okanye kwi-NP kwishedyuli yesikolo bayangqinelana namagama akwishedyuli kwiCEMIS yaye bane-promotion status efanayo.
|
5.4 |
Ukuba kukho naluphi na utshintsho olwenziwa kwishedyuli ischool promotion schedule (le yeyona shedyuli engundoqo (master schedule), ngosuku lokudibana komphathi weze-IMG nenqununu ukuba bagqibe wonke umsebenzi baze basayine (finalise and sign off) iischool promotion and progressions, malwenziwe olo utshintsho kwangokunjalo nakwiprogram yekhompyutha i-online CEMIS promotions program.
|
5.5 |
Inqununu nomphathi weze-IMG mabasayine bobabini iishedyuli ezingqina ukuchaneka kwamaxwebhu baze ke ngaloo ndlela bawenze la maxwebhu iirekhodi ezisemthethweni zamabakala ne-promotion status yomfundi ngamnye. Emva koko umphathi weze-IMG makatshixe (locks) i-promotion function kwiCEMIS yesikolo.
|
6. |
Ukuba ufuna noluphi na uncedo, okanye unemibuzo, qhagamshelana nomphathi weze-IMG okanye umlawuli weCEMIS kwi-ofisi yesithili semfundo sakho okanye kwaNdlunkulu. Iinombolo zabo zifumaneka kwi-CEMIS phantsi kwe-administration function.
|
7. |
Niyabulelwa ngomsebenzi onzima eniwenzileyo nangentsebenziswano yenu kulo nyaka wonke. Abakulawulo lweCEMIS bakunqwenelela wena, kunye nesikolo sakho okuhle kodwa nempumelelo kwiimviwo zokuphela konyaka nakulawulo lwazo.
|
8. |
Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.
|
ISAYINWE: NGU-S HANSRAJ
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:11:10
|