1. Njengoko nisazi iisetyhula neengcaciso ezimfutshane zithunyelwa ngefomathi ye-imeyili, kodwa izikolo ezingekabinayo i-imeyili zisaza kuqhubeka zinikwa iikopi ezingamaphepha. Ukuba iisetyhula neengcaciso ezimfutshane zinezihlomelo ezingenako ukuthunyelwa nge-imeyili, ziya kufumaneka iikopi zazo ezingamaphepha.
2. Ukuhlangabezana neendleko ezinyukayo zokuthunyelwa kwamaxwebhu aye esanda eposi engamaphepha esuka kwaNdlunkulu, eli candelo laye lakhupha isaziso esiya kubo bonke abalawuli abaziintloko nabalawuli nge-17 Novemba 1998 malunga nala manyathelo alandelayo okonga imali, nasasebenzayo nangoku:
2.1 Iposi yesiqhelo iya kuthunyelwa nguRejistri (Registry) ngooLwezine kuphela.
2.2 Iisetyhula neengcaciso ezimfutshane ezingamaphepha ziya kuthunyelwa ezikolweni qho ngoLwesine wokuqala nowesithathu kwinyanga nganye, ngaphandle kokuba kuqinisekiswe ngumlawuli wecandelo ukuba isetyhula okanye ingcaciso emfutshane ibhalwe umhla omiselweyo (due date) kwaye kufuneka iposiwe ngokukhawuleza kakhulu. Ukuba isetyhula okanye ingcaciso emfutshane kufuneka ithunyelwe phambi komhla wesiqhelo wokuposa, elo candelo lichaphazelekayo kuya kuba lilo elihlawula iindleko zokuposa.

3. Imihla ekuya kuthunyelwa ngayo iikopi ezingamaphepha zeesetyhula neengcaciso ezimfutshane ngo-2009 imi ngolu hlobo lulandelayo:

07 Meyi 2009 10 Septemba 2009
21 Meyi 2009 23 Septemba 2009
04 Juni 2009 08 Oktobha 2009
18 Juni 2009 22 Oktobha 2009
02 Julayi 2009 05 Novemba 2009
16 Julayi 2009 19 Novemba 2009
30 Julayi 2009 01 Disemba 2009
13 Agasti 2009 07 Januwari 2010
27 Agasti 2009

4. Nayiphi na imibuzo malunga nokuqulethwe yile ngcaciso imfutshane ingabhekiswa komnye waba balandelayo:
5. 5. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.
6. Siya kuyithakazelela kakhulu intsebenziswano yenu.


ISAYINWE: NGU-S HANSRAJ
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:04:24