1. |
Uhlenga-hlengiso olwaqalwa ukusebenza ukususela nge-1 Apreli 2008 lube neziphumo zokudalwa kwamacandelo amatsha kwanokwabiwa ngokutsha kwemisebenzi. Ezi nguqu zenze ukuba kube yimfuneko ukuhlaziya iimfuneko zokufayilisha zecandelo ngalinye.
|
2. |
Ukuze kwenziwe amalungiselelo eemfuno zecandelo ngalinye nokuba kuqinisekiswe ukufana, kuye kwayimfuneko ukuba kudizayinwe inkqubo yokufayilisha entsha ngokukhawuleza. Kucelwa igalelo lakho ke ngoko ngokungxamisekileyo.
|
3. |
Iya kuthakazelelwa into yokuba unganakho ukunikezela ngoluhlu lwezihloko zeefayili ekufuneka zivuliwe kuMphathi weeRekhodi (Record Manager) phambi kwe-6 Februwari 2009. Oku kuya konga ukuchitha ixesha elininzi xa ngaba iinkcazelo ezinikiweyo zingaba zezichaza okufanelekileyo kangangoko, umzekelo: Training (CS educators) okanye Training (non-CS educators). Igalelo lakho lingabhekiswa ngqo kuMnu IA Opperman ngokuthumela i-imeyili kule dilesi ye-imeyili: iopperman@pgwc.gov.za okanye libhekiswe kwigumbi: 6-21, eGrand Central Building, kwaNdlunkulu.
|
4. |
Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yenu malunga noku kungentla.
|
ISAYINWE: NGU-S HANSRAJ
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:01:08
|