1. Igqityiwe kwizithili zemfundo imiboniso yasesidlangalaleni (roadshows) ebisazisa ngeziko ledatha lootitshala iQualifications Database (QDP). ISithili seMfundo iMetro South sivakalise ukuba siya kuthwala uxanduva olupheleleyo lokuqeqesha zonke izikolo zaso ekusetyenzisweni kwe-QDP neya kufakwa kwi-Human Capital Leave Management System (HCLMS). Sivakalisa umbulelo kwizikolo ngokuthumela abameli kule miboniso yasesidlangalaleni, nakubasebenzi abakwizithili zemfundo ngokuququzelela le miboniso. Sikwabulela neenqununu, ootitshala nee-SGBs zezi zikolo zilandelayo ngokusinika indawo yokuqhubela uqeqesho:

Aurial College (Oudtshoorn), Nico Brummer Primary School (Beaufort West), Knysna High School (Knysna), Gerrit Du Plessis High School (Riversdale), Ridge View Primary School (Mossel Bay), Faure Youth Care Centre (Eerste River), Livingstone High School (Cape Town), Proteus High School (Atlantis), Dirkie Uys Primary School (Moorreesburg), Paarl Gymnasium High School (Paarl), Nuwe Hoop Centre (Worcester), PW Botha College (George)

Sikwavakalisa izwi lombulelo kuzo zonke izikolo ezithathe inxaxheba kwiprojekthi elingwayo (pilot project) ngo-2008. Liyabulelwa kakhulu igalelo lezi zikolo.

2. Siya KUBA NAKO UKUSEBENZISA IZIKO LEDATHA kuwo onke amaziko emfundo nge-1 Juni 2009. Oku kuthetha ukuba izikolo ziya kukwazi ukusebenzisa i-QDP ekwi-HCLMS ukwenzela ukufaka amabanga emfundo aphunyelelweyo, amava nezakhono zabo bonke ootitshala abafundisa ezikolweni ezo. Oku kubandakanya ootitshala abaqeshwe yiSGB kwakunye nabo baqeshwe ngurhulumente, nokuba baqeshwe isigxina okanye baqeshwe ngemvumelwano (on contract).
3. Ukufakwa kwengcaciso makwenziwe ngutitshala, nokuba ngaba ngulowo uhlawulwa ngurhulumente okanye yiSGB, otyunjwe yinqununu yesikolo njengoko kunjalo kwi-HCLMS. Umahluko kuphela kukuba apho umfaki-datha ingutitshala oqeshwe yiSGB, inqununu mayisebenzise loo nombolo yesazisi katitshala (teacher's ID number).
4. Ayingomfaki-datha ingeyiyo nenqununu oya kuthwala uxanduva lokuchaneka kwengcaciso ekwi-QDP. Utitshala ngamnye makathwale uxanduva ngokupheleleyo lokuchaneka kweenkcukacha zakhe buqu (personal details) kwi-QDP.
5. Inqununu ingathatha ngaphezu komntu omnye omakafake ingcaciso kwi-QDP.
6. Ingcaciso engootitshala bezikolo ezithathe inxaxheba kwiprojekthi elingwayo isekwakule sistim. Sizenze zangasebenzi (disabled) ngoku ii-passwords zezo titshala kwaye sibacebisa ukuba bakutshekishe ukuchaneka kwengcaciso njengoko iziko ledatha liye latshintshwa apha naphaya (modified) emva kokugqitywa kweprojekthi elingwayo.
7. Kwakuba kugqityiwe ukufakwa kwedatha, inqununu yesikolo mayizalise isiHlomelo A (DHP QDP- 0002) nemasibuyiselwe kwiCandelo loCwangciso loPhuhliso lwaBasebenzi, ngokuthunyelwa kwi-ofisi yesithili semfundo efanelekileyo. Ii-ofisi zezithili zemfundo ziyacelwa ukuba ziqokelele zonke iifom zize zizingenise engadlulanga uLwesihlanu we-24 Julayi 2009 kule dilesi ilandelayo:

  Director: Human Capital Planning
Western Cape Education Department
2nd Floor Room 2011
Atterbury House
Cnr Riebeeck and Lower Burg Streets
Cape Town
8000

Inombolo yefeksi: 021 467 9384 okanye 086 694 4133

Idilesi ye-imeyili: avmalgas@pgwc.gov.za okanye mdelo@pgwc.gov.za

8. Izikolo zinikwe ithuba elisusela kwi-1 Juni 2009 ukuya kwi-30 Juni 2009, ukufaka ingcaciso engootitshala bazo.
9. Ukungqinisiswa kwale ngcaciso kuya kuqala kwikota yesi-3 yesikolo, kwaye kuya kwenziwa ngezigaba ezibini:
9.1 Kwisigaba sokuqala, kuya kongezwa ithebhu (tab) kwi-QDP ukulungiselela ukuba utitshala ngamnye kwabo bafundisa kweso sikolo, ahlele (edit), ahlaziye (update) aze angqinisise (verify) iinkcukacha zakhe buqu ekhompyutheni. Utitshala ngamnye uya kungqinisisa ukuchaneka kweenkcukacha zakhe buqu ngokuthi azisayine. Ootitshala baya kunikwa ithuba de kube nge-9 Oktobha 2009 ukutshekisha, ukuhlela, ukuhlaziya nokusayina iinkcukacha zabo. Emva kwe-9 Oktobha, kuya kufuneka ootitshala bacele iCandelo loCwangciso loPhuhliso lwaBasebenzi ukuba liyitshintshe ngokwalo ingcaciso.
9.2 Kwisigaba sesibini, ingcaciso ngotitshala ngamnye iya kungqinisiswa yi-arhente (agency) ethe yanikwa imvume (licensed) yokwenza oku.
10. Kukwakho nesithuba (space) kwi-QDP sokuba utitshala ngamnye afake inombolo yoviwo okanye yokuba ngumfundi (student or examination number) awayinikwa liziko lemfundo ephezulu apho wayefunda khona. Ukuba utitshala akanayo loo nombolo okanye lavalwa elo ziko lemfundo ephezulu, utitshala makafake inombolo yesazisi sakhe endaweni yayo. Oku kusebenza kuphela kwiimeko apho iziko lemfundo lavalwayo kwaye lingazange ladityaniswa namanye amaziko.
11. Kukwakho nesithuba esikhoyo kwi-QDP emakufakwe kuso inombolo yesatifikethi samabanga emfundo aphunyelelwe ngutitshala (teacher's qualification certificate number). Ukuba isatifikethi asinayo inombolo, makufakwe inombolo yesazisi katitshala endaweni yayo.
12. Iziko i-QDP lisebenziseka lula kodwa ukuba unayo nayiphi na imibuzo, kucelwa uqhagamshelane ngokukhululekileyo noMphathi weze-IMG wakho okanye nomphathi wekomiti yesekethe wakho. Kwiimeko ezizodwa, ungafonela iCandelo loCwangciso loPhuhliso lwaBasebenzi.
13. Ukuba utitshala ufake isicelo sesatifikethi sombutho wabaqeqeshelwe umsebenzi (professional body) ofana ne-SACE, abe engakasifumani isatifikethi eso, okanye ukuba akakasenzi isicelo sesatifikethi sokuqeqeshelwa umsebenzi (professional certificate), makufakwe ke ngoko le nombolo 6683663 endaweni yoko. Nakuba kunjalo, inombolo yesatifikethi sokwenene (authentic certificate number) kufuneka ibe seyifakiwe ngethuba utitshala engqinisisa ukuchaneka kweenkcukacha zakhe ngokuzisayina.
14. Kucelwa niqaphele ukuba amabanga emfundo yobugcisa adla ngokuba zii-N-level qualifications. Amabanga emfundo yoqeqeshelo msebenzi (professional qualifications), adla ngokubandakanya amagama afana nala: education, training, educator, educationis okanye teacher kwisatifikethi. Onke amanye amabanga emfundo makajongwe njengawezifundo (academic) kubandakanywa nesatifikethi sematriki sakho. Oku kuthetha ukuba, xa utitshala enamabanga emfundo ephezulu (tertiary qualification) awafumene kwikholeji yoqeqesho lootitshala okanye kwikholeji yobugcisa, ngoko ke amabanga emfundo akhe ngokwezifundo (academic qualifications) angawona aphezulu kwisatifikethi sakhe sisatifikethi sematriki.
15. Bayacelwa ootitshala ukuba bafake onke amabanga abo emfundo, ingabi ngalawo angawona aphezulu kuphela.
16. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala abafundisayo, uze ubacele ukuba bayisayine ukubonisa ukuba bayavuma ukuba bayifumene le ngcaciso. Ubungqina bokuba bonke ootitshala bayisayinile mabugcinwe efayilini ngokukhuselekileyo.
17. Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yenu malunga noku.


ISAYINWE: NGU-WILLIAM JS JANTJIES
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:05:29

Isihlomelo A  (ubukhulu: 63 KB)