1. Kwiinzame zokuqokelela nokucazulula idatha engezakhono neziqinisekiso zootitshala beMathematika, iSayensi ne-Akhawuntingi abakhoyo ngoku kwimfundo, iSebe leMfundo leNtshona Koloni liqalise iprojekthi engeziqinisekiso zootitshala beMathematika, iSayensi ne-Akhawuntingi (Maths, Science and Accounting educators' qualifications project) (MSAP).
2. Le projekthi iya kuqinisekisa ukuba iSebe i-WCED linengcaciso ethembakeleyo yokusetyenziswa ekwenzeni izigqibo ezizizo malunga nezicwangciso zokuzisetyenziswa nasekubeni zeziphi na iindlela zongenelelo ngoncedo ezinokufanela ukwenziwa ukuncedisa ootitshala bethu ukuba bayilungiselele ngcono imingeni abajongene nayo ezikolweni.
3. Ulwazi lwenani kanye lootitshala beMathematika, iSayensi ne-Akhawuntingi abakwinkqubo yemfundo luya kwenza kwakhona sikwazi ukucwangcisa nokuqikelela bhetele abasebenzi abaya kufuneka kwixesha elizayo kwinkqubo yemfundo kweli phondo, ukucwangcisa iindlela zongenelelo ngoncedo nokuvala izikhewu ezingakho ekuqeshweni kwabasebenzi kula macandelo kwixesha elizayo.
4. Le projekthi ibe yimfuneko ngenxa yokwazi kwethu ubunzima izikolo ezibufumanayo ukufumana ootitshala abaqeqeshiweyo beMathematika, iSayensi ne-Akhawuntingi.
5. ISebe i-WCED liya kuthi kwakhona labelane ngale datha nezicwangciso zethu kunye nabathathi-nxaxheba abakwimfundo, umz. iKomiti eJongene nezeMfundo (Standing Committee on Education) kwindlu yowiso-mithetho yephondo.
6. Ngako oko ke ziyacelwa zonke iinqununu zezikolo ezinabafundi abakumaBakala 8 - 12 ukuba zizalise ifom DHP MSAP 0001 yabo bonke ootitshala abaqeshwe kwisikolo sakho, njengoko kunjalo nge-15 Meyi 2009, abafundisa iMathematika, uLwazi lweMathematika (Mathematical Literacy), iFizikhali Sayens, iSayensi yezoBomi (Life Science), iSayensi yezoLimo (Agricultural Science) ne-Akhawuntingi kwiBakala 8 kunye/okanye kwiBakala 9 kunye/okanye 10 kunye/okanye 11 kunye/okanye 12. Oku kubandakanya ootitshala abasisigxina, abaqeshwe phantsi kwemvumelwano (contract), ababambeleyo nabo baqeshwe yi-SGB.
7. Xa uzalisa le fom, kucelwa usebenzise ezi khowudi zilandelayo (funda lo mzekelo uqhotyoshelweyo we-DHP MSAP 0001 fom. Ukuba utitshala wenze isifundo esithile ukuya kufikelela kunyaka wesithathu eyunivesithi, oku makubhalwe njengo-U3. Ukuba utitshala wenze isifundo esithile kwikholeji yoqeqesho lootitshala ukuya kutsho kwinqanaba lonyaka wesibini, oko makubhalwe njengo-C2. Ukuba utitshala wenze isifundo ukuya kufikelela kwinqanaba lonyaka wesibini kwiyunivesithi yethekhinoloji (eyayisaziwa njengokuba yitheknikhoni), oku makubhalwe njengo-T2. Ukuba umfundi wenze isifundo kwikholeji yezobugcisa ukuya kufikelela kwinqanaba lesibini, oku makubhalwe njengo-N2.
8. Iifom ezizalisiweyo mazifike kwiCandelo loCwangciso loPhuhliso lwaBasebenzi ungagqithanga uLwesihlanu, we-5 Juni 2009, zithunyelwe (ngeposi, ngefeksi okanye nge-imeyili) kule dilesi ilandelayo:

The Director
Human Capital Planning
Western Cape Education Department
2nd Floor Room 2011
Atterbury House
Cnr Riebeeck and Lower Burg Streets
Cape Town
8000
Attention: MSAP Project

Ifeksi: 021 467 9384 okanye 086 694 4133

I-imeyili: avmalgas@pgwc.gov.za okanye mdelo@pgwc.gov.za

9. Ukuba kukho nayiphi na imibuzo onayo, musa ukuthandabuza qhagamshelana noNks Margaret Delo ngenye yezi nombolo zefoni 021 467 2073 / 021 467 2053 / 021 467 2288.

10. Uyacelwa ukuba wazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke abasebenzi abachaphazelekayo.

11. Iyathakazelelwa kakhulu intsebenziswano yakho.


ISAYINWE: NGU-WILLIAM JS JANTJIES
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:05:04

"DHP MSAP 0001 form"  (ubukhulu: 31 KB)
"DHP MSAP 0001 example"  (ubukhulu: 39 KB)