1. Injongo yale ngcaciso imfutshane kukukhumbuza zonke izikolo ezikweli phondo eziphantsi kweSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) ukuba yonke idatha yabafundi bazo ababhalisiweyo mayihlaziywe ungadlulanga umhla we-3 Matshi 2009. Oku kulandelayo luluhlu lwedatha yabafundi ababhalisiweyo emayifakwe ngalo mhla uxeliweyo:
1.1 Idatha engeenkcukacha zabo buqu (personal data)
1.2 Izifundo ezifundwa ngabo
1.3 Ulwimi lokufunda nokufundisa (iilwimi zokufunda nokufundisa)
2. Le miba ilandelayo nayo ikwabalulekile kwaye mayiqatshelwe:
2.1 Bonke aba bafundi babhalisiweyo mababekwe ngokweeklasi.
2.2 Bonke aba bafundi babhalisiweyo mababekwe kumabakala afanelekileyo.
2.3 Bonke abafundi abemkileyo ukuya kufunda kwezinye izikolo abasafakwe kuluhlu lweCEMIS phantsi kwegama lesikolo eso, mabakhutshwe kuluhlu (be transferred out).
2.4 Bonke abafundi abemkileyo esikolweni yaye bengafundi kwezinye izikolo, kodwa abasafakwe kuluhlu lweCEMIS phantsi kwegama lesikolo eso, mabacinywe kolo luhlu (be de-registered).
3. Kubaluleke kakhulu ukuba le datha ifakwe kwiCEMIS nokuba iCEMIS mayihlaziywe zizo zonke izikolo ungadlulanga lo mhla ungasentla ngenxa yezi zizathu zilandelayo:
3.1 Idatha yazo zonke izikolo ezikwiCEMIS mayingqinisiswe (must be verified) yi-WCED ungadlulanga owe-30 Juni 2009,
3.2 Idatha engqinisisiweyo iza kuthi isetyenziswe yi-WCED ukucwangcisela uthetha-thethwano nemibutho yabasebenzi emelweyo kwiBhunga lePhondo looTitshala lezoBudlelwane eMisebenzini (Provincial Educator Labour Relations Council (PELRC)), kwakunye nakwiMibutho yamaBhunga oLawulo eZikolo (School Governing Body Associations), oluya kuqhubeka phakathi ku-Agasti 2009,
3.3 Kwale datha inye isetyenziselwa ukubala inani lezithuba elabelwa isikolo (educator staff establishment) (ESE), neliya kuthunyelwa esikolweni ekuqaleni kuSeptemba 2009;
3.4 Sinqwenela ukuba sihambe ngqo ngokwala maxesha asikiweyo sizibekele wona, ukuze sinike izikolo inani lezithuba elabelwa isikolo (ESE) ngokukhawuleza kangangoko ukwenzela ukuba izikolo zikwazi ukuqalisa kwaye ziqukumbele isicwangciso sazo sika-2010 ngokukhawuleza kangangoko kwakulo nyaka.
4. Ngalo mhla 3 ngoMatshi 2009 ngentsimbi ye-16:00, i-WCED iya kujonga idatha yabafundi bazo zonke izikolo ezikwi-CEMIS. Oku kuthetha ukuba idatha ekwisistim ngolu suku nangeli xesha iya kuba yidatha esetyenziswa yi-WCED yokungqinisisa eyezikolo. Le iya kuba yidatha eya kusetyenziswa ukubala i-ESE yesikolo. Ukuba idatha ayihlaziywa, oku kuthetha ukuba isikolo siya kuphulukana nenani lootitshala elabelwe sona.
5. Ngo-2008 saye sazibamba asazikhupha ii-ESE zezikolo ezimalunga nama-40, kuba ingcaciso eyanikwa zezo zikolo kwi-CEMIS yayingachanekanga, kwaza oko kwabangela ukuba silinciphise inani lootitshala elalabelwe ezo zikolo. Oku kuya kwenzeka kwakhona kulo nyaka ukuba sifumanisa ukuba izikolo zinike ngabom ingcaciso engeyiyo. Ziyakhuthazwa izikolo ukuba zibacime okanye zibakhuphe abafundi phambi kwe-3 Matshi 2009. Ukuba abafundi bakhutshwa okanye bacinywa ngenjongo ethile emva kwe-3 Matshi 2009, endaweni yokuba bebemelwe bacinywe okanye bakhutshwe ungekadluli umhla we-3 Matshi 2009, abo bafundi abayi kuthathelwa ngqalelo xa kubalwa i-ESE yesikolo.
6. Ukuba izikolo zifumana iingxaki kwezoqhagamselwano (connectivity) kunye/okanye ezinye iingxaki ezinxulumene noku yaye ke azinako ukuhlaziya idatha yazo kwi-CEMIS, ziyakhuthazwa ukuba zicele ukudibana nabeCandelo loCwangciso lwezaBasebenzi kwaNdlunkulu ukwenzela ukuba zisebenzise izibonelelo zabo.
7. Ukuba isikolo sifumana ingxaki ekuhlaziyeni idatha yaso yabafundi kwi-CEMIS umphathi wesikolo kufuneka azise iCandelo loCwangciso lwezaBasebenzi ngencwadi ebhaliweyo asebenzise ezi nkcukacha zoqhagamshelwano zilandelayo: mdelo@pgwc.gov.za okanye avmalgas@pgwc.gov.za okanye addposts@pgwc.gov.za, okanye ayithumele ngefeksi apha 021 467 9384. Xa sithumela ingxelo, isikolo masibhale sichaze ukuba yintoni na ingxaki, ubude bethuba ikho ingxaki, yintoni eyenziwe sisikolo ukusombulula ingxaki nokuba yintoni isikolo esicinga ukuba iCandelo loCwangciso lwezaBasebenzi linokusinceda ngayo ukusombulula ingxaki yaso. Isikolo kufuneka kwakhona sazise i-ofisi yesithili semfundo esiphantsi kwayo, kunye necandelo le-EMIS leCandelo loLawulo lweNgcaciso kwaNdlunkulu we-WCED.
8. Kulo nyaka, isikolo siseza kuba sisenalo ilungelo lokufaka isibheno phambi kowe-25 Septemba 2009 ukuba sinoluvo lokuba i-WCED yenze impazamo ekubaleni i-ESE yaso ka-2010. Oku kuya kuthi, kuqwalaselwe kuphela xa ngaba idatha yesikolo yayihlaziyiwe njengoko kwakuceliwe ngentsimbi ye-16:00 ngomhla we-3 Matshi 2009.
9. Sinqwenela ukubulela zonke izikolo ezihlaziye idatha yazo ye-CEMIS kwangethuba ukulungiselela usuku lweshumi zivuliwe izikolo. Sinethemba lokuba isikolo ngasinye siya kwenza konke okusemandleni aso ukuhlaziya i-CEMIS ungadlulanga owe-3 Matshi 2009, kwaye sibulela zonke izikolo nakuba kungekenzeki oku.
10. Ingcaciso ekule ngcaciso imfutshane mayaziswe bonke abasebenzi nabaphathi bamabhunga olawulo ezikolo ukuze bayithathele ingqalelo.
11. Iya kuthakazelelwa kakhulu intsebenziswano yakho ngokumalunga noku.


ISAYINWE: NGU-WJS JANTJIES
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:02:23