1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) laqalisa ngo-2008 iQualifications Database Project (QDP), ekuyiprojekthi eyayilingwa kwizikolo eziyi-200. Injongo yayo yayikukuqokelela idatha yamabanga emfundo aphunyelelweyo, izakhono namava ootitshala kwezo zikolo. Le projekthi yayilingwa yagqitywa ngokuyimpumelelo ngenxa yentsebenziswano yeenqununu nootitshala bezo zikolo. Ngenxa yoku senza umbulelo wethu kwizikolo ezathatha inxaxheba kule projekthi.
2. Isixhobo sokuqokelela idatha (data-collection tool) saye ukususela ngoko saphuculwa kwaye ngoku sesilungele ukusetyenziswa kuzo zonke izikolo zePhondo leNtshona Koloni ukuze kufakwe ekhompyutheni yonke idatha yamabanga emfundo, amava nezakhono zabo bonke ootitshala abasebenza kumaziko aphantsi kolawulo lweWCED. Kwisigaba sokuqala kuya kufakwa ekhomypyutheni idatha yamabanga emfundo nezakhono zootitshala (abahlawulwa ngurhulumente, kunye nabo bahlawulwa libhunga lolawulo lesikolo, abasisigxina, kwakunye nabo baqeshwe ngokwemvumelwano okwethutyana nababambeleyo) kule nkqubo.
3. ISebe iWCED liya kuqhuba uthotho lwemiboniso yasesidlangalaleni (roadshows) ngethuba lenyanga kaMeyi 2009 kwiindawo ezahlukeneyo kwizithili zemfundo.
3.1 Masimelwe isikolo sakho komnye waba masifundisane ngutitshala omnye ubuncinane (inqununu yesikolo okanye ummeli okwikomiti yolawulo yesikolo, ukuba kunokwenzeka unobhala okanye umntu oya kuthwala uxanduva lokufaka idatha kweso sixhobo).
3.2 Niya kwaziswa zii-ofisi zezithili zemfundo zenu ngendawo, ixesha nomhla womboniso wasesidlangalaleni okufutshane nesikolo sakho. Kucelwa nifumane ishedyuli eqhotyoshelweyo yemihla esiya kuya ngayo kwizithili zemfundo zenu.
3.3 Ukuba ufuna ingcaciso engaphezulu malunga namalungiselela okwenziwa kwale mboniso wasesidlangaleleni, kucelwa uthethe noMphathi weKomiti yeSekethe (Circuit Team Manager (CTM). Ukuba ufuna ingcaciso ngale projekthi, kucelwa uqhagamshelane ngokukhululekileyo neCandelo loCwangciso loPhuhliso lwaBasebenzi kule nombolo yefoni 021 467 2073/2053/2288.
4. Le projekthi iya kuqinisekisa ukuba iSebe iWCED linengcaciso ethembekileyo ukwenzela ukuba libe nako ukuthatha izigqibo ezisekelwe kulwazi ngezicwangciso (strategies) ezinokusetyenziswa namaphulo ongenelelo ngoncedo (interventions) afanelekileyo anokuqaliswa ukunceda ootitshala bethu nabo bahlawulwa ngamabhunga olawulo ezikolo ukuba bayixhobele ngokufanelekileyo imingeni abajongene nayo ezikolweni.
5. Ingcaciso emalunga nenani elichanekileyo lootitshala abafundisa izifundo ezithile okanye inkalo yesifundo kwezemfundo, iya kunceda kanjalo iSebe iWCED ekubeni lenze izicwangciso nengqikelelo engcono yexa elizayo ngemfuno zabasebenzi becandelo lezemfundo kweli phondo nokuqaphela iindidi zamaphulo ongenelelo ngoncedo ayimfuneko njengangoku nakwixesha elizayo, ukujongana nokunqongophala kwezakhono.
6. ISebe iWCED liyiqalise le projekthi ngenjongo yokuhlangabezana nengxaki efunyanwa zizikolo ekufumaneni ootitshala abaqeqeshwe ngokufanelekileyo kwizifundo ezithile nokuba le ngcaciso ifunwa yi-standing committee yezemfundo nayi-ofisi yoMphicothi-zincwadi (Auditor -General). ISebe iWCED ke ngoko liya kwabelana ngale datha nangezicwangciso zethu nabanye abathathi-nxaxheba abachaphazelekayo kwezemfundo umzekelo, ikomiti yezemfundo yesiwisi-mithetho sephondo (provincial legislature's standing committee on education).
7. Apha kuqhotyoshelwe le fom DHP QDP - 1 (ukuba isikolo sakho asinayo inkqubo esinayo njengangoku), nekufuneka izaliswe ngootitshala bakho ukulungiselela le projekthi. Bakuba ootitshala beyizalisile le fom, mabayingenise kwinqununu yesikolo phambi komhla wama-29 Meyi 2009, nekufuneka yenze amalungiselelo okuba ingcaciso ifakwe kweso sixhobo phambi kowe-28 Juni 2009.
8. Ifom iDHP QDP - 1 njengangoku ineyona ngcaciso incinane iSebe iWCED eliya kuyifuna kutitshala. Nangona sicela ukuba utitshala azalise iinkcukacha ezingaye buqu kule fom, ifanele ichazwe into yokuba le ngcaciso iya kukhutshwa kwiPesali ifakwe kwisixhobo eso, ize ke ihlaziywe ngexesha lokufakwa kwayo.
9. Yonke ingcaciso yabo bonke ootitshala mayifakwe ekhompyutheni ungadlulanga owe-26 Juni 2009.
10. Isigaba sesibini nesesithathu (esiya kwenziwa kamva apha enyakeni) ziya kuba kukungqinwa kwengcaciso efakiweyo. Ngethuba lesigaba sesibini, utitshala uya kugqinisisisa ukuba ingcaciso efakwe nguye ichanekile.
11. Sikwacela nokuba bonke ootitshla bangenise iikopi ezingqiniweyo zawo onke amabanga emfundo abo okanye izatifikethi zabo kwinqununu yesikolo engadlulanga uLwesihlanu we-15 Meyi 2009. Ezi kopi mazigcinwe kwindawo enqatyisiweyo esikolweni kwifayili katitshala.
12. Ukuba unayo nayiphi na imibuzo, kucelwa ungathandabuzi uqhagamshelane noNks Margaret Delo kule nombolo yefoni 021 467 2073/2053/2288.
13. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala namalungu ebhunga lolawulo lesikolo, ukuze bakuthathele ingqalelo, uze ubacele ukuba bayisayine ukubonisa ukuba bayifundile.
14. Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yenu malunga noku.


ISAYINWE: NGU-WILLIAM JS JANTJIES
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:04:24

"Schedule of roadshows"  (ubukhulu: 35 KB)
"QDP Teacher form"  (ubukhulu: 35 KB)