1. Iikopi zee-Reflections 1, 2 no-3, ikopi nganye inengcaciso engemiba eziintlobo ngeentlobo, zathunyelwa kumaziko eWCED phakathi ko-2007 no-2009. Le miqulu yamaphepha ijolise ekukhuthazeni indlela yokucinga entsha nokuba kuvulwe amathuba eengxoxo ngokuba iSebe iWCED lingaziphucula njani na iinkonzo zalo ezikolweni. Zibe ziimpendulo ezikhuthazayo ezivele kwabo bathe bawafunda la maxwebhu.
2. Kukho amaphepha ayi-26 athe ashwankathelwa njengangoku aza ahlelwa phantsi kwamacandelo amane:
(i) Umbono nomnqophiso weWCED;
(ii) Ukufundiswa kwemfundo esemgangathweni ebandakanya bonke abafundi;
(iii) Ukwandisa izakhono kuninzi lwabantu eNtshona Koloni;
(iv) IMfundo yaMaziko aPhakamileyo eNtshona Koloni.

Izishwankathelo zigxininisa iiprayorithi nemingeni yeWCED.

3. Iikopi ezingamaphepha zezi zishwankathelo ziza kuthunyelwa ezikolweni kungekudala.
4. Bayakhuthazwa abasebenzi beWCED ukuba bayifunde ngeliso elibukhali ikhontenti yala maxwebhu baze benze amathuba engxoxo-mpikiswano phakathi kwabo namanye amacandelo eSebe. Kuyathenjwa ukuba bonke abachaphazelekayo baya kukufumana okuqulethwe kula maxwebhu, kunika iingcinga ezintsha nezihlaziyayo.
5. Ukuba ufuna ingcaciso engaphezulu okanye unemibuzo, qhagamshelana ngokukhululekileyo nomnye kwaba balandelayo:
Vumile Nyalashe
vnyalash@pgwc.gov.za
ifoni: 021 467 9350

Zaahida Hartley
zhartley@pgwc.gov.za
ifoni: 021 467 9354

ISAYINWE: NGU-WJS JANTJIES
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:03:23


La maxwebhu kubhekiselelwe kuwo njengaqhotyoshelwe kule setyhula, akaqhotyoshelwanga kodwa ayafumaneka njengeekopi ezingelokhutshelo (hard copies).