1. UMphathiswa weMfundo wePhondo leNtshona Koloni ukuvumile ukusikwa ngokutsha kwemida ye-Ofisi seSithili seMfundo iCape Winelands neyeSithili seMfundo iMetro North. Oku kuthetha ukuba iLawrencia Primary ngoku iphantsi kwe-Ofisi yeSithili seMfundo iMetro North, endaweni yokuba ibe phantsi kwe-Ofisi yeSithili seMfundo iCape Winelands.
2. Oku kusikwa ngokutsha kwemida kuqala ukusebenza ngomhla epapashwe ngawo le ngcaciso imfutshane.
3. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abasebenzi ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-WJS JANTJIES
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:02:02