1. Okusuka kwisibhengezo se-Pan-African Conference yaBaphathiswa beeNkonzo zikaRhulumente (okanye zoLuntu) ngo-1994, uMphathiswa uvumile ukuba umhla we-23 Juni mawubhiyozelwe qho ngonyaka njengoSuku lweeNkonzo zikaRhulumente e-Afrika (Africa Public Service Day) (APSD) "ukuthathela ingqalelo ukuxabiseka nokubaluleka kweenkonzo kuluntu olungabahlali". I-APSD sisiganeko esibekwe phambili kwikhalenda yeMbumba yaMazwe aseAfrika (African Union) yaye kwathi ukususela ngoko yasoloko iyinxalenye yesicwangciso seli lizwekazi ukuphuhlisa iiprogram zolawulo lukarhulumente, umsebenzi owenziwa licandelo likarhulumente nokuphatha kwecandelo likarhulumente.
2. Isigqibo esenziwe yi-ofisi yoMphathiswa - sokwamkela umxholo omnye - siya kukhokelela "ekwenziweni kweenkonzo ezisemgangathweni ezijolise kuphuhliso oluzinzileyo" ngokuthi kugxilwe koku kulandelayo:
  • Kubemi
  • Ukuthatha inxaxheba kwabo bangekho phantsi korhulumente
  • Ukuphuculwa kokwenziwa kweenkonzo kusetyenziswa ithekhinoloji yengcaciso nonxibelelwano
3. Onke amasebe karhulumente aseNtshona Koloni aya kuthatha inxaxheba ekubhiyozeleni i-APSD yaye agxile kwezi nkalo zikhankanywe apha ngasentla ngethuba leVeki yeeNkonzo zikaRhulumente (Public Service Week) (PSW) ngo-2009.
4. Ngenxa yoku, iSebe i-WCED liya kubhiyozela i-APSD ngowe-23 Juni 2009, ngokuthi liqalise ukusebenzisa ezi ngcebiso zokwakha ubuhlobo ziqhotyoshelweyo ukuphucula inkonzo kwezona asethi zethu zixabiseke ngokugqithisileyo, iiklayenti zethu (kubandakanywa nabasebenzi bethu). Lo mbhiyozo uya kuba yimpumelelo kuphela ngothatho-nxaxheba nangokuzinikela kwabo bonke abasebenzi bakwaNdlunkulu nakwii-ofisi zezithili zemfundo. Indima yemigudu eyimbumba yakwaNdlunkulu neyee-ofisi zezithili zemfundo iya kuqinisekisa ngomgangatho oxhomileyo nekuya kunikwa ingxelo ngawo kwiiklayenti.
5. Ngethuba le-PSW (nge-29 Juni - 3 Julayi 2009) iifoya zakwaNdlunkulu nee-ofisi zezithili zemfundo zinokusetyenziswa njengeendawo zomboniso wamacandelo namacandelwana ahlukeneyo ukubonisa igalelo lelo nelo candelo ukuphumeza "ukwenziwa kweenkonzo ezisemgangathweni ezijolise kuphuhliso oluzinzileyo".
6. IsiHlomelo A esiqhotyoshelweyo sinika imizekelo yeeprojekthi ezinokungqinelana nomxholo we-PSW ngo-2009. Amacandelo ayacelwa angqinisise kuMnu Leslie Daniels, ongumququzeleli we-SDIP, kwifoni 021 467 2059 okanye kwidilesi ye-imeyili ledaniels@pgwc.gov.za ungadlulanga owe-24 Juni 2009 ukuba anqwenela ukwenza umboniso kwaNdlunkulu. Imiboniso mayixhonywe - yaye igadwe, ukuba kukho inkxalabo ngezokhuseleko - ngaloo macandelo achaphazelekayo. Inokuxhonywa usuku olu-1 okanye ezi-2, ngokuxhomekeka kwimfuno. Ayakhuthazwa amacandelo ukuba alisebenzise eli thuba. Iprogram yokugqibela yakwaNdlunkulu ye-PSW iya kuthunyelwa nge-imeyili kubo bonke abasebenzi yakuba nje ivunyiwe.
7. Uyacelwa wabelane ngokubhalwe kule ngcaciso imfutshane nabasebenzi becandelo lakho.


ISAYINWE: NGU-AMJ SCHLEBUSCH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:06:18

IINGCEBISO EZILULA ZOKUPHUCULA UKWENZIWA KWEENKONZO  (ubukhulu: 13 KB)
Isihlomelo A: IMIZEKELO YEZINTO EZINOKWENZIWA NGAMACANDELO OKANYE NGAMACANDELWANA  (ubukhulu: 32 KB)