1. Ezi ncwadana zifakwe apha zinikwa izikolo ngenjongo yokukhuthaza ukufaka igalelo kuluntu osuka kulo (community ploughback) nokukhuthaza uphuhliso lwabahlali ngolu hlobo lulandelayo:
1.1 Indlela yokuSeka uMbutho waBafundi baNgaphambili

Kwihlabathi jikelele abafundi bangaphambili bezikolo bathi, ngeendlela ezininzi, baseke yaye baphathe "imibutho yabafundi bangaphambili". Maxa wambi le mibutho isetyenziselwa nje kuphela iindibano zokumana kudityanwa kubonwane ngabafundi bexesha langaphambili. Kwelinye icala xa izinto zilungiswe bhetele, eminye yemibutho elolu hlobo yenza iingxowa zeebhasari zabafundi kwizikolo zayo zangaphambili okanye incedise ngezinye iindlela ukukhuthaza abafundi ukuba baphumelele kwimiba ngemiba

Njengenxalenye yeprogram yethu ebanzi "i-Community Ploughback" ("Faka iGalelo kuLuntu oSuka kulo") siye sathetha nemibutho emininzi sabuza iingcebiso ezilula (practical advice) zokuba kungenziwa njani na ukuba umbutho ololu hlobo usebenze yaye ke isiphumo soku sibe yile ncwadana efakwe apha. Le ncwadana iyafumaneka iyikopi ekwikhompyutha kwiziko lewebhu leSebe iWCED (jonga kule linki ilapha ngasezantsi) usebenzise isalathiso se-alfabhethi (via the alphabetic index).

Abathathi-nxaxheba kulo msebenzi baye basivumela ukuba sininike iinkcukacha zoqhagamshelwano zabo ukuba ngaba nifuna ezinye iingcebiso ezilula malunga noku.

Sikwanqwenela ukuba siphinde silandelele inxaxheba yeli phulo kwaye sikhuthaza noobani na abangabaququzeleli abasaqalayo (novice organisers) ukuba baqhagamshelane noZoliswa Lonja kule nombolo yefoni 021 467 2070 okanye ngale dilesi ye-imeyili zlonja@pgwc.gov.za babelane nathi ngenkqubela abayenzileyo.

1.2 IiNcwadana zaMaphulo eZikolo zaBahlali (Community School Initiatives Booklets)

Le ncwadana izichaza yona ngokwayo. Yincwadana enamabali angeminye yemisebenzi ethe yaqhubeka phakathi kwezikolo nabahlali neqalwe ngenxa "yePhulo leZikolo zaBahlali" lika-2006. Siye saqesha igqiza lokwenza uphando ukuba lilandelele inkqubela yemizekelo embalwa yamaphulo ayi-200 alolu hlobo aye enziwa ngelo xesha. Iziphumo ziyakhuthaza kakhulu ukuzifunda. Siqiniseke ncam ukuba iinzame ezilolu hlobo ziba nenzunzo ngeendlela ezininzi ezingenakubaleka kwaye ziya kuqhubeka ukwakha nokuxhasa umsebenzi onjengalo.

2. UMbutho wooTitshala abaThathe uMhlala-phantsi (Retired Teachers' Association)

ISebe iWCED laye lakhuthaza kwaye lanika inkxaso ethile kwelinye iphulo phantsi kweli hlelo elaziwa ngokuba yi-"Retired Teachers' Association" (UMbutho wooTitshala abaThathe uMhlala-phantsi). Kucelwa izikolo ziwuthathele ingqalelo nawo. Unawo nayo indawo kwiziko lewebhu leSebe iWCED kuluhlu lwe-alfabhethi (in the alphabetic listing). Lo ngumbutho ozimeleyo ngokupheleleyo noxhaswa ngokubanzi liSebe iWCED.

Ukuza kuthi ga ngoku lo mbutho unootitshala abali-100 abathathe umhlala-phantsi kwiphondo liphela yaye kwintlanganiso i-AGM yokuqala ngqa yawo kuza kuvunyelwana ngomgaqo-siseko wawo kwaye ikomiti eququzelelayo yethutyana iya kunikezela iintambo kuleyo iya kunyulwa. Zininzi izinto ezingakhethwa ezinokwenziwa liqela elinjengeli; umzekelo ungadibana nje ukuzonwabisa okanye ukuqinisekisa ukhuselo lwamalungelo (benefits) amalungu ombutho wabo; unganceda izikolo ezicela uncedo kuwo malunga, umzekelo, nokuxhobisa ngezakhono zomsebenzi (mentoring) ootitshala abasaqalayo okanye ukuncedisa ekwenzeni ithayimthebhile enika iingxaki; bangangamavolontiya (volunteer) baxhase iiprogram zokufunda, bancedise ekwenzeni imisebenzi yaselayibrari okanye bancedise kwisitiya sesikolo (gardening). Wakuba lo mbutho sele usebenza kakuhle unganalo neziko ledatha (data base) lootitshala abathathe umhlala-phantsi abanganokuzalisa ezinye izithuba kwizikolo zenu ngeendlela eziqhelekileyo ezisesikweni (through the normal formal routes). Ukufumana iinkcukacha, qhagamshelana nalo Nks Nazeema Omar apha nazeemaomar@mweb.co.za/ okanye apha 082 562 9784.

3. Ziyacelwa iinqununu zezikolo ukuba zincede ziqinisekise ukuba okubhalwe kule ngcaciso imfutshane kunye neencwadana ezifakwe apha zaziswa bonke abathathi-nxaxheba ukuze bazithathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-AMJ SCHLEBUSCH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:06:17


La maxwebhu kubhekiselelwe kuwo njengaqhotyoshelwe kule setyhula, akaqhotyoshelwanga kodwa ayafumaneka njengeekopi ezingelokhutshelo (hard copies).