1. |
Ngokungqinelana neCandelo III, (Part III,) iZiqendu C1 no-C2 (Sections C1 and C2) zoxwebhu lwemiMiselo yeNkonzo kaRhulumente, 2001 (Public Service Regulations, 2001) (as amended) iNtloko yeSebe leMfundo iya kumisela ize iqhubele phambili iprogram yokuphuculwa kokwenziwa kwenkonzo (service delivery improvement programme - SDIP), ipapashe ingxelo yonyaka yokuzinikela kwecandelo lenkonzo karhulumente ekumiseleni imigangatho yenkonzo yesebe enokulindelwa ngabenzelwa iinkonzo (clients), necacisa indlela isebe eliya kuwuphumeza ngayo ngamnye waloo migangatho. |
2. |
I-SDIP iya kuba nezi zinto zilandelayo:
- Iinkonzo ezibalulekileyo eziya kufumaneka
- Amalungiselelo okubonisana phakathi kwesebe nabo benzelwa iinkonzo lilo
- Indlela abafikelela ngayo kwiinkonzo zesebe abo benzelwa iinkonzo
- Imigangatho yenkonzo yezo nkonzo zingundoqo
- Amalungiselelo okwabelana ngengcaciso
- Iinkqubo zokuvakalisa izikhalazo
- Iisistim zokuqaphela ukwenziwa kweenkonzo
|
3. |
Ukusekwa nokugcinwa kwe-SDIP isebenza kulawulwa kwakhona yile mithetho ilandelayo:
IPhepha leNgcaciso ngoMgaqo-nkqubo weBatho Pele (No. 1459 ka-1997) (Batho Pele White Paper (No. 1459 of 1997))
UMgaqo 2 wemiGangatho yeNkonzo: "Abemi mabaxelelwe ngomgangatho nexabiso (quality) leenkonzo abaza kuzifumana ukwenzela ukuba bakwazi abakulindeleyo".
UMthetho woLawulo lweMali kaRhulumente (No. 1 ka-1999) (Public Finance Management Act (No. 1 of 1999)
Oku kuthetha ukuba izicwangciso azinakwenziwa ngokuzimeleyo ngoko ke mazibe yinxalenye ye-SDIP yesebe.
UMthetho oKhuthaza uBulungisa kwezoLawulo (uMthetho 3 ka-2000) (Promotion of Administrative Justice Act) (No. 3 of 2000))
Oku kubonelela ngomgaqo-sikhokelo wezomthetho ekufuneka abalawuli bawusebenzise xa besenza izigqibo ezichaphazela abemi, umz. isigqibo sokubonelela ngenkxaso-mali kwiziko leMfundo yaBantwana yasekuQaleni (ECD). |
4. |
ISebe leNkonzo kaRhulumente noLawulo (Department of Public Service and Administration) (DPSA) lifuna amasebe angenise qho ngonyaka amaxwebhu amabini angemigangatho yokwenziwa kweenkonzo ukulungiselela iinjongo zerekhodi. Ngokumalunga nonyaka-mali ka-2009/2010, iSebe i-WCED lingqinelene neemfuno zoxwebhu oluqhotyoshelweyo olungemigangatho yokwenziwa kweenkonzo zeCandelo lezoNxibelelwano (i-Walk-in Centre and Call Centre).Ifumaneka kuphela ngolwimi lwesingesi. |
5. |
ICandelo loCwangcisa loMsebenzi weSebe ligunyaziswe ukuba lenze oku kuchazwe apha ngasentla kunye namanye amanyathelo anxulumene nako, yaye liye laqesha ngokusemthethweni umququzeleli wokuphuculwa kokwenziwa kweenkonzo weSebe le-WCED, uLeslie Daniels, (ifoni 021 467 2059, idilesi ye-imeyili ledaniels@pgwc.gov.za) ukuqala kowe-1 Februwari 2009. |
6. |
Ngokwale mithetho, kufuneka kupapashwe itshatha entsha yokwenziwa kweenkonzo kulo nyaka. Ukwenzela ukuba iSebe i-WCED likwazi ukungqinelana noku, kwenziwa izicwangciso zala manyathelo alandelayo: |
6.1 |
kuza kwenziwa isaveyi ngokwaneliseka kwabo benzelwa iinkonzo, kusetyenziswa iisampula zezikolo; |
6.2 |
kuza kuqhagamshelwana necandelo ngalinye yiYunithi ye-SDIP ukwenzela ukuba kwenziwe imisebenzi yokumisela kunye/okanye yokuzinikela kwakhona kwimigangatho yokwenziwa kweenkonzo. |
6.2.1 |
Indibano yokuqala nomlawuli ifanele ukuthatha imizuzu engama-45. |
6.2.2 |
Indibano elandelayo ifanele ukubanjwa ingaphelanga iveki emva kwaleyo yokuqala. Kumele kuye isekela-mlawuli (amasekela-balawuli) nomlawuli oncedisayo (nabalawuli abancedisayo) kule ndibano. Bekukhethwa, nakuba oku kungeyomfuno ephambili, ukuba abekho naye umlawuli. Ngokuxhomekeka kubukhulu becandelo elo lichaphazelekayo, ukwazi ukumelana kwalo nomsebenzi eliwenzayo ngoku nemisebenzi elijongene nayo, le ndibano yesibini ingathatha nokuba lixesha eliqalela kwiyure kuye ekupheleni kosuku. |
6.2.3 |
Kwimeko yamacandelo amakhulu, indibano yesibini iya kohlulwa-hlulwa ithathe usuku lonke, o.k.t. iindibano ziya kubanjwa necandelwana ngalinye ngokunikana amathuba, kungabikho mfuneko yokuba abasebenzi babekho bonke ngaxeshanye usuku lonke. |
6.2.4 |
Kwimeko yamacandelo amatsha ngokupheleleyo, okanye lawo ahlenga-hlengiswe kakhulu, iindibano ziya kuthanda ukuthatha ixesha elide. |
6.2.5 |
Indibano yokuqala nomlawuli iya kuba yeyokumisela uhlobo lwezinye iindibano ezingaphezulu ezinokubanjwa necandelo. |
7. |
Luza kulandela kamva unxibelelwano lokongezelela olwazisa ngesicwangciso sonyaka-mali 2009/2010 seSebe i-WCED. Kucelwa wabelane nabasebenzi bakho ngokuqulathwe yile ngcaciso imfutshane. |
ISAYINWE: NGU-AMJ SCHLEBUSCH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:04:29
|