1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) lixhalatyiswe kukuqaphela ukuba kule minyaka idlulileyo izikolo ezithile azilandeli ngqo inani elimiselweyo leeyure zesikolo elisemthethweni (officially stipulated number of school hours), nto leyo ebangela ukuba kulahleke ixesha lokufundisa. Alithandabuzeki ifuthe loku kwinkqubo yokupasa kwabafundi.
2. Ukukhusela amalungelo emfundo abantwana, iWCED inenjongo yokuthatha amanyathelo oluleko ngakwiinqununu zezikolo eziqhubeka nokwenza lube lufutshane usuku lwesikolo.
3. Ngokumalunga noku, sinqwenela ukugxininisa oku kulandelayo kwiinqununu zezikolo ukuba zikuqaphele:
3.1 Kulindeleke ukuba isikolo ngasinye sizanelise iimfuno ezisemthethweni ezimalunga neeyure zesikolo kuwo onke amabakala kunyaka wonke.
3.2 Bonke abafundi balindeleke ukuba bahambe isikolo usuku olupheleleyo lwesikolo ngosuku ngalunye lwesikolo enyakeni.
3.3 Makwenziwe zonke iinzame zokuqinisekisa ukuba iimviwo zeBakala 12 azilichaphazeli ixesha lokufundisa kwisikolo siphela.
3.4 Makungaze naphantsi kwazo naziphi na iimeko, kuvunyelwe nabaphi na abafundi, ukuba bahlale ekhaya xa bangabhaliyo iimviwo.
3.5 Usuku lwesikolo maluqale ngexesha elimiselweyo ngosuku ngalunye kubo bonke abafundi, kubandakanywa abo babhala iimviwo. Oku kuya kunceda ekugcineni ucwangco nendlela yokuziphatha kwabafundi esikolweni.
3.6 Xa kuqhutywa ezinye iintlobo zovavanyo, umz. iimvavanyo ezibekwa esweni (controlled tests), oko makucwangcisele ukwenziwa ngethuba leeyure zesikolo eziqhelekileyo.
3.7 Kwimeko yabafundi beBakala 12, izikolo zinokufakela izilungiso kwithayimthebhile eqhelekileyo ukubandakanya izifundo zokongezelela (tutorials), ukufunda ngamaqela, iiseshoni zokuncedisa lowo nalowo mfundi kwabo bafundi bafuna uncedo ngakumbi (individual remedial sessions), izifundo zokuhlaziya ulwazi, neeklasi ezenziwa kwindawo ephantsi kolawulo ebekwe ephantsi kweliso (structured, supervised environment).
3.8 Ootitshala mabayanelise imfuno engummiselo yeeyure eziyi-35-ngeveki unyaka wonke.
3.9 Ngosuku lokugqibela kwikota nganye, abafundi mababesesikolweni ubuncinane iiyure ezi-3 ukuze ibe ziiyure ezi-5 ubuncinane kootitshala.
4. Kwixesha elincinane abanalo ootitshala nabafundi - ingalityalwanga into yokulahleka kwexesha lokufundisa okubangelwe yiflu yakutshanje (recent strain of influenza), kunyanzelekile ukuba abafundi baziphathe kakuhle kuzo zonke izikolo. Ukusetyenziswa kwexesha lokufundisa ngokupheleleyo yindlela ebalulekileyo yokufikelela kule njongo. Iinqununu mazingayekeleli umxakatho ngenxa yoxinzelelo lwabahlali okanye lootitshala lokuba zilwenze lube lufutshane usuku lwesikolo.
5. Ziyakhunjuzwa iinqununu zezikolo ukuba kufuneka zenze isicelo kwi-ofisi yesithili semfundo xa zinqwenela ukuba iqela labafundi libe nohambo olufundisayo (excursion) ngethuba leeyure zesikolo.
6. Aziyi kuvunywa yi-ofisi yesithili semfundo izinto ezicwangciselwe ukwenziwa zizikolo ngethuba lokufundisa nezingenaxabiso lingako kwizifundo, umzekelo iindidi zemidlalo ezifana ne-surf walks, neemini zezinye izinto (feature days).
7. Iziphumo zeemviwo zangoJuni zibonise ukuba kukho abafundi abaninzi abasemngciphekweni, kwaye ke ngoko kufuneka izikolo zenze konke okusemandleni, apho kufanelekileyo, ukubuyisa ixesha lokufundisa elinokuba lilahlekile, ngokuthi ziqalise kwangoko ukusebenzisa ngokupheleleyo ixesha elishiyekileyo elikhoyo.


ISAYINWE: NGU-LJ ROSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:08:19