1. ISebe leMfundo lizinikele ekukhumbuleni iziganeko eziyimbali. Injongo yezi ziganeko asikokukhumbula nje kuphela ixesha elidlulileyo koko ukufunda ngokunjalo ngokuthe kratya ngabantu kunye aneziganeko ezakha imbali yaseMzantsi Afrika nezakhokelela ekuzalweni koMzantsi Afrika wedemokhrasi, ongenabuhlanga nongacaluli ngesini.
2. Owayesakuba nguMongameli uNelson Mandela ngomnye wabantu abaqingqa imbali yaseMzantsi Afrika kwaye igalelo lakhe kwinkululeko nakuluntu livunywa kwihlabathi liphela.
3. USuku lokuHlonipha uMandela lweza njengesiphakamiso esivela kwi-46664 Concert nakwiNelson Mandela Foundation. Le mibutho mibini ibandakanyeka ekuphakamiseni imbali eyenziwa ngowayesakuba nguMongameli nembalasane yoxolo kunye nedemokhrasi ehlabathini. Imbali yowaseyakuba nguMongameli Mandela ibhalwe kwiimfundiso zoMgaqo-siseko. Iimfundiso zakhe zibandakanya isidima sobuntu, idemokhrasi, ubulungisa kwezentlalo, ukulingana (equity), uluntu olwamkela zonke iintlanga, ukwakha isizwe noxolelaniso kwisizwe. UMnu Mandela ungumzekelo oqaqambileyo wokuzenza idini nokuzinikela ubomi bakhe bonke ekwenzeni ngcono impilo yabo bonke abantu ekwangumzekelo ophilayo wobuntu.
4. Ngonyaka ngamnye nge-18 Julayi uSuku lokuHlonipha uMandela, abantu abavela kwiindawo zonke zehlabathi baya kucelwa ukuba bafake igalelo elincomekayo kuluntu imizuzu engama-67 nge-18 Julayi - uSuku lokuHlonipha uMandela. UMongameli weRiphablikhi, uMnu J Zuma ubongoze abemi baseMzantsi Afrika babonise intlonipho yabo kowayesakuba nguMongameli ngokuzibandakanya kwimisebenzi eya kwenza umahluko oncomekayo kwintlalo yabanye.
5. Lo gama uSuku lokuHlonipha uMandela lusenzeka ngeeholide zezikolo, iSebe leMfundo licela izikolo zizinikele ekuthatheni inxaxheba ekubhiyozeleni ubomi bukaMnu Mandela ngokuququzelela imisebenzi ebonisa umoya wokuhlonitshwa kweemfundiso ngokwenza nokuzinikela ubuqu ekuncedeni abanye. Abafundi nootitshala bamele ukukhuthazwa, ngokukodwa ngoSuku lokuHlonipha uMandela, banike imizuzu engama-67 yosuku ekuncedeni abanye ngayo nayiphi indlela abanayo. Abafundi nootitshala banako, umzekelo, ukuzibandakanya nemisebenzi enjengokucoca imihlaba yesikolo, ukuncedisa abadala okanye ababuthathaka, okanye ukuqalisa amaqela okufunda ngokwasekuhlaleni.
6. Isikolo sisengenza amalungiselelo awodwa okanye sibekele bucala ixesha eklasini apho abafundi nootitshala banokunika ingxelo esikolweni emva kweeholide ngabakwenzileyo kuSuku lokuHlonipha uMandela.
7. Izikolo zisenokukhuthaza kwakhona imisebenzi ethile apha enyakeni okanye kwixesha elingangenyanga eneemfundiso uMnu Mandela amele zona ezisengabandakanya ezinye zezi zilandelayo:

i.Imisebenzi eyimpilo yokusendalweni enjengokutyalwa kwemithi nokucocwa kwemihlaba yesikolo neyeendawo ezisingqongileyo
ii.Iingxoxo-mpikiswano ngeemfundiso zoMgaqo-siseko noXwebhu olusaXoxwayo olumalunga noXanduva loLutsha lwaseMzantsi Afrika (The Bill of Responsibilities for the Youth of South Africa)
iii.Imisebenzi engqamene neeprogram zesini ezinjengokusasazwa nokucaciswa kwamaxwebhu asisikhokelo kwezongcungcuthekiso ngesondo (sexual harassment) nasekuqaliseni iiklabhu ze-GEM/ze-BEM
iv.Ukuqalisa iigadi zokulima imifuno ezikolweni
v.Imisebenzi egxile ekusetyenzisweni gwenxa kweziyobisi, ulwazi ngokhuseleko lwesikolo kunye ne-HIV/AIDS
vi.Imisebenzi esekelwe kumalungelo abantwana

8. Izikolo zimele ukusebenzisa iindlela ezinoqoqosho, ezibonisa ingqiqo kwaye zingangeni kwinkcitho engenye ekubhiyozeleni uSuku lokuHlonipha uMandela, nokuba kungosuku olo okanye kulapha enyakeni.
9. Izikolo ziyakhuthazwa ukuba zithumele ingxelo yazo kwiSebe leMfundo, njengoko imisebenzi yazo iya kuthi ibhalwe phantsi.
10. Umntu ekuqhagamshelwana naye kwiSebe leMfundo likazwelonke ngulo: The Secretary, Directorate: Race and Values, Private Bag X895, Pretoria, 0001. Ifoni: 012 312-5080 Ifeksi: 012 326-1909 zondo.j@doe.gov.za


ISAYINWE: NGU-TS LINGELA
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:07:07