1. ISebe iWCED lixhalatyiswe kukufumana ukuba ezinye izikolo aziyithobeli imimiselo ephathelele ekusetyenzisweni ngokupheleleyo nangeyona ndlela inenzuzo enkulu kwexesha lokufunda nokufundisa ngokubanzi, ngakumbi ngamathuba ovavanyo kunye/okanye oviwo.
2. Ziyaqhubeka ukungena ziyintlaninge izikhalazo nezimvo ezivakalisa inkxalabo kwiSebe iWCED ezivela kumaqela ahlukeneyo ngokumalunga nokuchithwa kwexesha ebekufanele ukuba lisetyenziswa ngokupheleleyo ukuze kuzuze abafundi ekufundeni.
3. ISebe iWCED linqwenela ukugxininisa oko likholelwa kuko - okungqinwe naluphando - ukuba ukusetyenziswa ngeyona ndlela inenzuzo enkulu kwazo zonke iintsuku zesikolo nazo zonke iiyure eziqingqelwe izifundo (notional hours) yinto ebalulekileyo nephembelela ukupasa kwabafundi kwinqanaba eliphezulu. Ikwabethelela ucwangco nomoya ogxile ekufundiseni olawulayo esikolweni.

4. Ayacelwa onke amagosa asezikolweni nakwii-ofisi zezithili zemfundo ukuba aqaphele oku kulandelayo:
4.1 Luxanduva lwesikolo ngasinye ukucwangcisa iprogram yesikolo yaso ukulungiselela ithuba lokuqhubeka nelasemva kovavanyo kunye/okanye koviwo kude kube lusuku lokugqibela lokufunda, nokwazisa bonke abafundi nabazali ngokufanelekileyo.
4.2 Iintsuku zokuba sesikolweni ngoJuni, ngoSeptemba okanye ngethuba loviwo lokuphela konyaka AZIMELANGA kuphela phambi ko-13:00 kubafundi. Abafundi bamele ukuqhubela phambili befumana inkxaso yokufundiswa nokubethelelwa kwezifundo ngalo lonke eli thuba.
4.3 Izikolo zimele ukuqinisekisa ukuba bonke abafundi baya esikolweni ngazo zonke iintsuku, kungakhathaliseki nokuba bathatha inxaxheba kuvavanyo okanye babhala uviwo. Ixesha lokufundisa limele ukusetyenziswa ngendlela enenzuzo, ngakumbi ukwenzela ukuqinisekisa ukuba ukufundiswa kwekharityhulam kungqinelana namaxwebhu okubonisa isantya sokufunda (pacesetters).
4.4 Izikolo zimele ukucwangcisa uviwo lwazo ngendlela eya kwenza ukuba kungabikho bafundi bathatha inxaxheba bagqiba phambi ko-13:00. Ukwenzela ukuqinisekisa ukuba lidlelelelwa kancinane kangangoko ixesha lokufundisa, iimviwo zamaBakala 10 - 12 mazingabhalwa ngaphezu kweentsuku ezili-14.
4.5 Makungaze naphantsi kwazo naziphi na iimeko abafundi, kubandakanywa nabafundi abakwizindlu zokubhoda/ezihostele, bavunyelwe ukuba bayigqibe ikota phambi kwexesha.
4.6 Makungaze naphantsi kwazo naziphi na iimeko izikolo zazise abafundi ukuba iya kuba sisigqibo sabafundi ukuza okanye ukungezi esikolweni emva kokugqiba uviwo lwekota okanye xa bengabhali zimvavanyo/zimviwo.
4.7 Kulindeleke ukuba bonke ootitshala bachithe usuku lonke esikolweni yonke imihla ngeli thuba (iiyure ezingama-35 ngeveki) kungakhathaliseki nokuba banayo okanye abanayo imisebenzi abayenzayo yokugada abaviwa.
4.8 Amagosa ee-ofisi zezithili zemfundo aya kuqhuba iinkqubo zokumodareyitha kwizikolo ekwenziwe ngazo isampula, njengoko kumiselwe zii-ofisi zezithili zemfundo.

5. Amagosa ee-ofisi zezithili zemfundo aya kubeka esweni ukuphunyezwa kwale miyalelo. Ziyacelwa iinqununu namabhunga olawulo ezikolo ukuba ziqwalasele ngokukodwa ukuqulunqwa kweeprogram zazo zethuba ekubhekiselelwe kulo, ukwenzela ukuba kungachithwa ixesha elixabisekileyo lokufunda.


ISAYINWE: NGU-B VOLSCHENK
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:05:04